ibanga 12 septemba 2012 - ecexams.co.za hl p2 sept12 mem… · isigqibo sokwehla kuba ingamisa...

19
Province of the EASTERN CAPE EDUCATION NATIONAL SENIOR CERTIFICATE IBANGA 12 SEPTEMBA 2012 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 IMEMORANDAM AMANQAKU: 80 Le memorandam inamaphepha ali – 19.

Upload: doandung

Post on 29-Aug-2019

222 views

Category:

Documents


0 download

TRANSCRIPT

Page 1: IBANGA 12 SEPTEMBA 2012 - ecexams.co.za HL P2 SEPT12 MEM… · isigqibo sokwehla kuba ingamisa ngolwaa hlobo ikho into ezayo ngoko ke makasindise ubomi bakhe ngokwehla. Esi sehlo

Province of the

EASTERN CAPE EDUCATION

NATIONAL SENIOR CERTIFICATE

IBANGA 12

SEPTEMBA 2012

ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 IMEMORANDAM

AMANQAKU: 80

Le memorandam inamaphepha ali – 19.

Page 2: IBANGA 12 SEPTEMBA 2012 - ecexams.co.za HL P2 SEPT12 MEM… · isigqibo sokwehla kuba ingamisa ngolwaa hlobo ikho into ezayo ngoko ke makasindise ubomi bakhe ngokwehla. Esi sehlo

2 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) (SEPTEMBA 2012)

ICANDELO A: ISIHOBE IMIBONGO EMISELWEYO VUKANI MADODA KUSILE – IZIBONGO NAMANQAKWANA: Ingqokelela yababhali UMBUZO 1 (Umbuzo omde) UNKOSANA “THE HAPPYBOY” MGXAJI: N. Thuthani Umfundi anganyathela kwezi ngongoma xa ephendula

Ebesithi elapha ... Kuboniswa umntu obenobuchule bokushukuma eqongeni khon’ukuze akwazi ukosela ngephanyazo.

Esenz’amadanyadanya ... Intshukumo ebeyenza ngeenyawo ibisitsho ibhide nalo kuliwa naye.

Etyibilika eqongeni ... Kunikwa umfanekiso ngqondweni weliso ube ngathi ubona umntu owenza intshukumo egqithisileyo aligqibe lonke iqonga kuba uthi engapha abe engapha.

Elibhanx’ixhoba ... Le ntshukumo ingakanani ibilibhida ixhoba kuba lo mntu akabambeki.

Loo matshamba ... Esi sakhono besimnceda okaMgxaji ekuwuphumeleleni umlo.

Zalwa zizijul’ijacu ... Kuboniswa umntu obesilwa ngokungazixhalelanga kuba uqinisekile ngesakhono sakhe.

Kwesi sitanza sesibini kuboniswa umntu obesebenzisa ingqondo xa esilwa kuba ubeqala amfunde umntu alwa naye khon’ukuze aze kukhupha imfihlo yakhe.

Ubesithi akuba emfundile abone ukuba makenze njani ukuze aphumelele. Bobu buchule obumenze waba yinjinga emanqindini kuba ubegqugqisa.

Kwisitanza sesithathu kuzotywa uMgxaji othe ngesakhono sakhe waphumelela kuba ebengenantanga nakwezaPhesheya.

Umqolo 18 ubonisa umntu obephepha ephephile kanti kwangelo xesha akayekanga ukuwathulula amanqindi.

Oku kukhawuleza kwakhe ukushukumisa iinyawo bebumenza ngathi yintambanani kuba ebelubhida utshaba lwakhe.

Ukudlalela kwakhe ezintanjeni bekumnika ithuba lokuba akwazi ukosela kuba utshaba belusiza ngakuye aze yena akhawuleze aluxinanisele ngasezintanjeni. [10]

OKANYE

Page 3: IBANGA 12 SEPTEMBA 2012 - ecexams.co.za HL P2 SEPT12 MEM… · isigqibo sokwehla kuba ingamisa ngolwaa hlobo ikho into ezayo ngoko ke makasindise ubomi bakhe ngokwehla. Esi sehlo

(SEPTEMBA 2012) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) 3

UMBUZO 2: (Umbuzo omfutshane) IZIFO ZABANTWANA: W. Shasha 2.1 Ibonakala imbongi ikhathazekile / ikhalaza. (1) 2.2 2.2.1 Bharha mzi kaXesibe ukub’umntwan’esiswin’uxwesile /Bharha

mz’oNtsundu Ukub’usapho lwakho luziintsalu. (1) 2.2.2 Ngokuba sizalwe, sidle,sihluthe, sife! (1) 2.3 Ezi zifo zizinto ezingunobangela wokonakala kwentlalo yethu bamnyama

kwimihla ngemihla / ubuvila / ukungafundi okuziphumo zichaphazela imo yabantwana okanye ikamva labo ebomini. (1)

2.4 Ubutyebi kule mihla abusekho mfuyweni kodwa bukwizimbiwa phantsi

komhlaba. (1) 2.5 Siphuhlisa ukuba le meko ibuhlungu izingileyo aphila kuyo umntu

omnyama usengayitshintsha / ihlaba ikhwelo ngombuzo buciko ukuba noko makucingisiswe into yokuba kuhlekiswa ngathi. (2)

2.6 Indlala, irhafu / ukungabi namfuyo. (2) 2.7 Yimvano siqalo. (1) [10] OKANYE UMBUZO 3: (Umbuzo omfutshane) APHI NA AMADODA! : M. Mbutuma 3.1 Ngunomgogwana wombuso womaziphathe oziswe ngamaBhulu

phesheya kweNciba – eTranskayi. (2) 3.2 3.2.2 / Yinkosi yabaThembu (1) 3.3 Imbongi ihlaba umkhosi / Iyakhwaza ukuba uluntu maluhlangule kukho

ingxaki. (1) 3.4 Ngabantu abamnyama / Ngumzi kaNtu / Ngumzi ontsundu /

NgabaThembu (1) 3.5 Nants’ithe ga ngogaga / Kwizingqi zomzi kaNdaba / Egqib’umzi

wonk’uphela. (1) 3.6 Abantu abangoohlohlesakhe / Abantu abajonge ukuhluthisa ezabo izisu. (1) 3.7 Ngexesha localucalulo apho amaBhulu ayenika uluntu oonomgogwana

bemibuso yamaphandle ngenjongo yokucalucalula okanye ukudala uchuku ngokubanika ooni nooni / ukuphungula abahlali ezidolophini. (1)

Page 4: IBANGA 12 SEPTEMBA 2012 - ecexams.co.za HL P2 SEPT12 MEM… · isigqibo sokwehla kuba ingamisa ngolwaa hlobo ikho into ezayo ngoko ke makasindise ubomi bakhe ngokwehla. Esi sehlo

4 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) (SEPTEMBA 2012)

3.8 Nohlala nibekw’ityheneba. (1) 3.9 Zemk’ iinkomo magwalandini! (1) [10] OKANYE UMBUZO 4: (Umbuzo omfutshane) UPROFESA A. C. JORDAN: Z. S. Qangule 4.1 Sisimbambazelo / Yi – eleji, Imbongi inesijwili esenzayo kuba kumke

umntu obenegalelo elikhulu eluntwini / nezinye iimpawu ze-eleji. (2) 4.2 Imiqulu nantso ithe xazalala / Qoqosha lusapho lilifa lakho. (1) 4.3 Igalelo alenzileyo ekubhaleni lakuhlala lihleli kwaye kuya kuxhamla

nesizukulwana / bubutyebi / kukho iimali (royalties) ezibhatalwayo abanokuxhamla kuzo aba bangabanini belifa. (1)

4.4 4.4.1 / Umntu obalulekileyo. (1) 4.5 4.5.1 B / Isiphiwo sobukrelekrele, umonde nokukwazi ukucazulula izinto (1) 4.5.2 C / Imisebenzi ebeyenza iphelile. (1) 4.6 Ukuncoma (1) 4.7 Uqaqambisa oku kufa okuthe kwavakala kulo lonke ilizwe. (1) 4.8 Umfanekiso ngqondweni wendlebe ube ngathi uyasiva eso sandi. (1) [10] KUNYE Imibongo engafundiswanga UMBUZO 5 (Umbuzo omde) UKUTHETHA: N. S. V. Zamela Umfundi anganyathela kwezi ngongoma zilandelayo kwimpendulo yakhe:

Ukususela kumqolo wokuqala ukuya kowesibhozo umbhali ubonisa icala elihle lokuthetha ze kwemithandathu yokugqibela abonise icala elibi.

Isikweko asisebenzisileyo kwimiqolo yokuqala esibhozo umbhali uzama ukubonisa eli cala lihle lokuthetha.

Sisipho semvisiswano ... Umbhali ukuzoba ukuthetha njengesipho kuba kuzisa imvano nomanyano.

Page 5: IBANGA 12 SEPTEMBA 2012 - ecexams.co.za HL P2 SEPT12 MEM… · isigqibo sokwehla kuba ingamisa ngolwaa hlobo ikho into ezayo ngoko ke makasindise ubomi bakhe ngokwehla. Esi sehlo

(SEPTEMBA 2012) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) 5

Yinkunzi nemazi ... Esi sidibanisi sisetyenziswe ngumbhali sibonisa ngokucacileyo ukuba izinto zitsho zilunge ngenxa yokuthetha.

Yincukuthu nentsika ... Ukwabethelela kwa olu luvo lokudibanisa okuvela ngenxa yoku kuthetha.

Kukungqisha komntu ... Sinikwa uluvo lokuba ukuthetha kukuzama ukulungisa izinto zihambe ngendlela eyiyo.

Yimvumelwano yembono ... Sinikwa umfanekiso wokuba ukuthetha kuthi ukuze kulunge kube kanti iimbono zomnye nomnye ziyamanyelwa

Sisiseko sobuntu ... Kubethelelwa uluvo lokuba ukuthetha kungunobangela wentlalo entle.

Ngumbongo ochaza ... Sichazelwa ukuba kusekuthetheni apho ubani afumana ithuba lokubeka izimvo zakhe.

Iluncomo-gxeko lwezinto ... Ngesi sichasaniso sikrotyiswa ukuba ukuthetha kusenokugxekwa okanye kunconywe.

Isihlanganisi “ kodwa” sibonisa ukuba ngoku kuza kuvezwa icala elibi lokuthetha apho sixelelwa ukuba ukuthetha akusoloko kukuhle.

Kuba kuzikhuphile ... Siboniswa ukuthetha okungekuhlanga kwaye okonakalisayo.

Kuzidubile iimeko zoxolo ... Oku kuthetha kokungakhiyo konke-konke

Kuzibhentsisile ... Kukubonakalisa ngokuphandle ukuthetha okungalunganga.

Kuzibizil’iimfazwe ... Kubethelelwa uluvo lokuba akukho xolo kwaphela

Umqolo wokugqibela onesichasaniso ubethelela uluvo lokuba ukuthetha akugqibeki kuba kusenokubangela izenzo ezihle okanye ezibi. [10]

OKANYE

UMBUZO 6: (Umbuzo omfutshane)

6.1 Iluncomo-gxeko lwezinto nendalo. (1) 6.2 Ukuthetha kwelinye icala kuyazonakalisa izinto. (1)

6.3 Kuba kona kwandulel’izenz’wezihle nezibi / Iluncomo-gxeko lwezinto nendalo. (1)

6.4 Ukubonisa ukuba imiqolo elandelayo iza nangcamango yimbi /

Ukuthelekisa ingcamango ekwimiqolo yokuqala esibhozo naleyo mithandathu yokugqibela. (1)

6.5 Sisikweko (1)

6.6 Umbhali ubonisa ukuba ukuthetha kwenza izinto nizibone ngaliso linye kutsho kubekho imvano nemvisiswano. Ukuthetha kuboniswa njengesixhobo esibangela ukuba abantu bahlalisane ngoxolo kwaye bemanyene. (2)

6.7 Impendulo evakalayo ivela kumfundi kodwa kulindeleke ukuba akhethe icala elihle kuba liyakha. (2)

6.8 Igxininisa iziphumo ezibi ezivezwa leli cala libi lokuthetha. (1) [10]

Page 6: IBANGA 12 SEPTEMBA 2012 - ecexams.co.za HL P2 SEPT12 MEM… · isigqibo sokwehla kuba ingamisa ngolwaa hlobo ikho into ezayo ngoko ke makasindise ubomi bakhe ngokwehla. Esi sehlo

6 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) (SEPTEMBA 2012)

ICANDELO B INOVELI UMBUZO 7 (Umbuzo omde) NYANA WAM! NYANA WAM! : W. K. Tamsanqa Umfundi makachankcathe kwezi ngongoma zilandelayo:

Efikile eGcuwa ekubuyeni kwakhe eRhawutini udibana nabahlobo bakhe ooThemba ze bamlukuhle azibone eseBhayi.

Esedolophini njalo ulahlekwa ngabahlobo bakhe kanti oko kukuvulela uThole ithuba lokubonana noNomsa athe wakha ubuhlobo naye

Ebakhile ke obo buhlobo ucelwa nguNomsa ukuba aye kokwabo ukuya kumchithisa isithukuthezi.

Kuthe kanti ukuvuma kwakhe kukuzinqikela ilitye elineembovane kuba besahleli njalo kungene uJoe othandana noNomsa ehamba neqela lakhe.

Bazibhaqa besisigculelo kuba bayabethwa de bamqamangele uThole bethembisa ngokuya kumphosa echibini ezinzulwini zobusuku.

Uthi uThole esendleleni eya kweloo chibi ambize uThixo wakhe ukuba amhlangule.

Kuba uThixo inguThixo ovayo ngokwenene uya mhlangula ngokuvela kwamapolisa.

Ngakusa uthatha isigqibo sokubuyela ekhaya ze kuthi kuba umlingi engaphezi aphinde ahlangane nala matshivela angabahlobo bakhe

Baphinda bamlukuhle aba bahlobo bakhe ngokumbizela kwisithuthi simbi aze athi kuba uThole ebuthathaka avume

Sisuke esi sithuthi sijongise umbombo ngase Knysna apho siye sabothula khona baze basesichengeni sokuqwengwa ziingonyama kuloo mahlathi

UThole uyasinda ekuqwengweni aze asebenzise ubukrelekrele bakhe azenze igqirha akuba ebethwa linxele likaKhetsekile.

Esi senzo sokuzenza igqirha asilobizo lwakhe kungoko ethatha isigqibo sokubuyela ekhaya ukuze aqhubeke nezifundo zakhe.

Ngokwenene akuba efikile ekhaya ubuyela esikolweni eDikeni apho abonakalisa ukuzimisela okungumangaliso litsho negama lakhe litshintshe abe nguMangaliso.

Inkxaso ayifumana kumfundisi uMaqoma ekunye noShepherd imenza ukuba aye ezimisela.

Oku kubalasela kwakhe kumenza ukuba onyulwe aye kumela abafundi kwingqungquthela eseKapa. EseKapa igama lakhe liba ngundabamlonyeni ngenxa yobuchule bakhe ekuxoxeni.

Ukuzibalula kwakhe kule ngqungquthela kumenze wawelwa ngumqa esandleni kuba naku iNusas imthembisa ngokumhlawulela imali yesikolo ukuze aqhubekeke akuba eliphumelele ibanga leMatriki. Ude acetyiswe ngamaSebe anokuwangenela.

Ebuyile uphinde onyulwe aye kumela abafundi kwingqungquthela eseNgilane. Nalapho uhamba yedwa akanantanga kwiingxoxo ezaziqhutywa de ezi ndaba ziye kuvakala emva ekhaya.

Page 7: IBANGA 12 SEPTEMBA 2012 - ecexams.co.za HL P2 SEPT12 MEM… · isigqibo sokwehla kuba ingamisa ngolwaa hlobo ikho into ezayo ngoko ke makasindise ubomi bakhe ngokwehla. Esi sehlo

(SEPTEMBA 2012) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) 7

Ekupheleni kwengqungquthela ubuyela ekhaya sele ezivile iindaba zokuphumelela ibanga leMatriki emagqabini. Kungekudala ebuyile ufumana ileta evela eNgilane emxelela ukuba nguye ogqwesileyo kuloo ngqungquthela. Le leta yayikhatshwa sisipho semali esingamakhulu amahlanu eeponti.

Ekunyaka wakhe wesithathu kwizifundo zobufundisi ufumana enye ileta ekwavela eNgilane emcelayo ukuba aye kufunda khona

Akaphozisanga maseko uMangaliso uye wasamkela esi sicelo wabe uyahamba.

Efikile ufunde ngokuzimisela wafunda wade wayityekeza kuba waba nezi zidanga M. A. nePhD.

Kuba le nto ingumntu ihlal’ihlale igoduke ubuyela ekhaya engumagrazula womfundisi. Oko ukubonakalisa ngokuphumelela ukuvusa ibandla elalisele lincanyiwe iGeorge Gorch.

Oku kuphumelela kwakhe kungqina ukuba ngokwenene impumelelo yomntu isezandleni zakhe kuba naku uMangaliso ephumelela noxa bekuqale kwangathi akuzukulunga. [25]

OKANYE

UMBUZO 8 (Umbuzo omfutshane) 8.1 Bharagwana (1) 8.2 Igama lakhe libe ngundabamlonyeni kubantu baseMzantsi Afrika

eseseNgilane ngenxa yokubalasela kwakhe kwiintshumayelo awayezenza/Ukubuya kwakhe kwakupapashwe kakhulu kweli loMzantsi Afrika kumaphephandaba, oonomathotholo nasecaweni. (2)

8.3 Ngumfundisi uMaqoma noShepherd. (2) 8.4 Uvela eNgilane / Oxford university ubeye kufundela ubufundisi. (2) 8.5 8.5.1 Lazala lema ngeembambo (1) 8.5.2 Ngomzuzwana omncinci kwakhala ibhungane (1) 8.6 Isihlanu sona itshoba lalala umbethe ..: Kwabakho abantu abafayo. (2) 8.7 O.R. Tambo International (1) 8.8 Yeyobuzwe nonqulo (2) 8.9 EGeorge Goch (1) 8.10 Ngelaa xesha uMangaliso afika kwaFikizolo evela eKnysna bekucingwa

ukuba wafa. (1) 8.11 Sibonisa ukuba singabantu abathi kwakuba mnandi sixhele kutyiwe kube

luvuyo. (1) 8.12 Abonisa ukuba kwasilwa utywala obuninzi. (1)

Page 8: IBANGA 12 SEPTEMBA 2012 - ecexams.co.za HL P2 SEPT12 MEM… · isigqibo sokwehla kuba ingamisa ngolwaa hlobo ikho into ezayo ngoko ke makasindise ubomi bakhe ngokwehla. Esi sehlo

8 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) (SEPTEMBA 2012)

8.13 Makube le ndoda yayitshiphile / yayineminyaka emininzi ingasagoduki. (1) 8.14 M. A. nePhD. (2) 8.15 Badibene ecaweni eGeorge Goch. UMkwayi onguyise kaMangaliso uve

incoko yabafana ahlala nabo enkomponi bebalula ukushumayela kwalo mfundisi ufikayo kweli bandla waze wanomdla, waya ecaweni apho izinto ziye zatyhilwa khona ukuba uMangaliso ungunyana wakhe. (2)

8.16 Esikolweni eZazulwana. (1) 8.17 Umkhulisile / Umqeqeshile / Umkhuthaze ukuba abuyele esikolweni. (1) [25] OKANYE UMBUZO 9: (Umbuzo omde) UKHOZI OLUMAPHIKO: N. Saule Umfundi anganyathela kwezi ngongoma zilandelayo:

Emva kokucetyiswa ngumfundisi uHlathi ukuba uMfazwe athathe isigqibo sokuwela imida ukusindisa ubomi bakhe uyavuma ze kufuneke ukuba aqale aye kubonana nonkosi uZamlandela eMhlabiso ngenjongo yokuya kurhatyuliswa ngomzabalazo. Kulapho athe wakhetha ukuya kwelaBathwa wabe ke uza kulandela umbutho womzabalazo, iNtsimb’ebomvu.

Uyanduluka emva kokuxhotyiswa ukumlungiselela uhambo olunempumelelo ekhatshwa ngemoto nguNdima ukumsa esitishini sikaloliwe eNkwankca.

Uthenga itikiti eliza kuphelela eLuthuthu lube lona uhambo lulonke ngololiwe luza kuphelela eThongo. Injongo yoku kumana ethenga kukujonga ukuba akalandelwa na ngoongcothoza.

Ngalo lonke eli lixa lokuthengathenga itikiti lokuhamba bekufuneke emana ewuthwala laa mnqwazi ukwenzela ukuba angaqondakali ade atshintshe nendlela yokuhamba.

Emva kokuthenga itikiti elimsa eNgxingweni akube efikile eLuthuthu uzithengela iphephandaba kumakhwenkwe athengisayo kanti uzinqikele ilitye elineembovane kuba ayamkhwaza ngendlela awayebizwa ngayo kwiqakamba esithi, “The Eagle”.

Oku kukhwazwa kumenzele umjojo emapoliseni kwenza ukuba angene kuloliwe ngokungxama ukuzihlangula koku kukhwazwa.

Ukufika kwakhe uMfazwe eNgxingweni ufumanisa ukuba amapolisa ayaphithizela kakhulu kwesi sikhululo ze loo nto imenze ukuba adungudelise phambi kokuba ehle. Ulibazisa ngokubopha iinwele zakhe ukuzama angaqondakali.

Page 9: IBANGA 12 SEPTEMBA 2012 - ecexams.co.za HL P2 SEPT12 MEM… · isigqibo sokwehla kuba ingamisa ngolwaa hlobo ikho into ezayo ngoko ke makasindise ubomi bakhe ngokwehla. Esi sehlo

(SEPTEMBA 2012) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) 9

Akubona ukuba indlela yakhe ayisenamapolisa maninzi uyehla aye kuthenga itikiti eliza kumbeka eThongo. Kungelo xesha kanye azibhaqa sele enqakulwa lipolisa limbuza indawo aya kuyo.

Oku kuthiwa nqaku kwakhe kumenze wandweba waze wazama ukuwaphepha amapolisa kangangoko anakho.

Ukulinda uloliwe oya eThongo uye kuzifihla kwinyambalala yabantu esikhululweni seebhasi ezigungxe ngaloo mnqwazi abe nesaa simbo sakhe sokuhamba nge ngathi uyaqhwalela. Ufike wazifihla phakathi kwabantu ngokokude ngathi uyakhwela.

Akuba edlulile amapolisa uye esitishini kuba uloliwe wayeseleza kufika waze walinda ngakwindawo ebusithela.

Akufika uloliwe akaqalanga ngokukhwela ulinde bakhwela abantu waze yena wakhwela kwicala elikude namapolisa xa sele ibuxhuzula ukulungiselela ukusuka.

Ukumbona kwawo amapolisa akuwancedanga kuba nangona azame ukuleqa oko akuncedanga kuba uloliwe wayesele ehamba.

Uthe akothuka ebuthongweni evuswa kukudlokova kwayo de ngathi imiswa ngesaquphe waphawula ukuba imisa kwaNti, kungoko aye wathatha isigqibo sokwehla kuba ingamisa ngolwaa hlobo ikho into ezayo ngoko ke makasindise ubomi bakhe ngokwehla.

Esi sehlo siye samnyanzelisa ukuba anqumle imida ngeenyawo ehamba kwiindlela ezinobungozi. Kukwezoo ndlela apho aye wadibana nomzingeli oye wazama ukumnqanda angabi sabheka phambili kuba abantu abaninzi ababhacayo njengaye abafiki apho bayayo. Akoyikanga ngakoyikiswa usuke wanxunela phambili, kulelo xesha athe umzingeli wafana wamnika umqulwana wesikhumba esisongelweyo ukuba asisebenzise xa esengxakini ukuzikhusela.

Koko kwehla esenyuka ude wadibana namapolisa aye amfaka evenini emva kokumbuza imibuzo emininzi. Yakuba ifikile endleleni iye yamothula waxelelwa ukuba ingabuyi le veni eselapho.

Esekuloo ndlela ufumene isithuthi esiya eMgazi ekuthe ngelishwa kwabakho ingozi waze wanyanzeleka ukuba aphinde anqumle kwezoo ntaba ngeenyawo.

Kukwesi sithuba sokunqumla kwakhe le ntaba apho uMfazwe aye wahlangana khona namajoni aye amthatha ahamba naye kuba esithi ungumbulali nentlola.

Endleleni kubakho umlo phakathi kwale mpi ahamba nayo nezinye kodwa sekunjalo uyasinda.

Emveni kokuba le mpi ibimthathile waselugcinweni uyathathwa asiwe ehlathini ukuya kubulawa kodwa ngenxa yokuvukelana kwezi mpi wabanokusinda ngokusuka azikhusele ngomnye umpu waba bantu ubehamba nabo babuleweyo.

Emveni kwawo onke la mahla-ndinyuka ufikile eMthontsi. Uhleli apho nezinye iimbacu lada lafika ixesha lokuba bakhululwe.

Bakuba bekhululwe ooMfazwe ubuyela ekhaya afike izinto zithomalele aze aye eRhawutini kuthethathethwano. Kulapho athe wafumana ithamsanqa lokuba onyulwe njengejaji eyayiza kuchophela ityala likaFriday omnye wabangcikivi bakhe ngexesha lengcinezelo. [25]

OKANYE

Page 10: IBANGA 12 SEPTEMBA 2012 - ecexams.co.za HL P2 SEPT12 MEM… · isigqibo sokwehla kuba ingamisa ngolwaa hlobo ikho into ezayo ngoko ke makasindise ubomi bakhe ngokwehla. Esi sehlo

10 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) (SEPTEMBA 2012)

UMBUZO 10 (Umbuzo Omfutshane)

10.1 NguMfazwe noMzingeli. (2)

10.2 Unqumla amaxethuka nemiwewe ezama ukuwelela kwelaBathwa ngezopolitiko / Phakathi kweThongo nelaBathwa / neMgazi. (1)

10.3 Uloliwe / itreyini kuba kwakufuneka umntu amane esehla athenge elinye itikiti ukuqhubekeka nohambo lwakhe / uloliwe wayehamba ngobusuku ngoko ke eli xesha lalibalungela abo babhacayo /baqhweshayo. (2)

10.4 Ubebaleka amapolisa ekuthe kanti ayamzingela kolu hambo. (1)

10.5 YiMgazi kulawula iNtsimb’ebomvu. (2)

10.6 Yinyani kuba le ntaba anqumla kuyo lo mlinganiswa inamapolisa abukhali, amarhamncwa, iinyoka nabazingeli abanoburhalarhume / Kuba abantu abaninzi babengafiki eMgazi. (2)

10.7 Umqulwana osongelwe ngesikhumba senyamakazi. Ubesithi kwakuba nzinyana apha eluhambeni aqabe amafutha ebe kwesi sikhumba ahlafune nemiqwayito ebikwalapho zitsho izinto zimlungele. (2)

10.8 Kuloliwe ogodukayo emva kokuba iimbacu zikhululwe. (1)

10.9 Kwenzelwa yena ukuba kube lula xa kufuneka ehambe ngeenyawo ukubaleka amapolisa / kube lula xa kufuneka ebalekile. (1)

10.10 The Eagle! (1)

10.11 10.11.2 / Umkhonto weSizwe (1)

10.12 Plathifom (1)

10.13 Esikolweni eFunda (1)

10.14 Omnye yititshala omnye ngumfundisi wakwalizwi. (2)

10.15 Elubhacweni / eMgazi /eMthontsi (1)

10.16 Bhut’ F (1)

10.17 - Umfundisi uHlathi akekho, uye eRhawutini kuthetha-thethwano. - UMfazwe naye ngomso kufuneka eye eRhawutini / “Ngomso lo usayo

kufuneka ndiye kukhwelisa eMonti uye eRhawutini”. - Abantu abakhulu abaninzi basweleka, umzekelo, utat’uGaba umalume

kaMfazwe nenkosikazi yakhe, uCwe noNokuzola nabanye ke/uNdlela noNtsipho batshiswa zezi ntwana.

- UFriday unepati yakhe, ayintloko yayo kwaye useRhawutini kwakolu thetha-thethwano.

- USiqithi naye useRhawutini ukuya kumela iNtsimb’ebomvu. (Nasiphi na isithathu) (3)

[25]

Page 11: IBANGA 12 SEPTEMBA 2012 - ecexams.co.za HL P2 SEPT12 MEM… · isigqibo sokwehla kuba ingamisa ngolwaa hlobo ikho into ezayo ngoko ke makasindise ubomi bakhe ngokwehla. Esi sehlo

(SEPTEMBA 2012) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) 11

OKANYE ICANDELO C: IDRAMA UMBUZO 11 (Umbuzo omde) A - a - a JONGUMSOBOMVU NguMkonto B. B.

Umfundi unokunyathela kwezi ngongoma xa ephendula.

Kwasekuqaleni lo mdlalo uvulwa ngamazwi kankosi uMaqoma encokola noSoga emkhumbuza ngamagquba akowabo awayefudula elelona komkhulu labo phaya kwiintaba zikaNojoli.

USoga woleka ngamazwi akhumbula imvelaphi yabo nekucaca mhlophe ukuba basuswa kwezi ntaba ngetshova ngabangeneleli abangabamhlophe, kuba ude athi usenomfanekiso wamaphece eenkabi zakowabo zityebe zingamateketeke. Ude athi xa eyichaza le meko, “hayi ilishwa lethu”.

UNxokwana naye waleka kule mvakalelo ngokunqanda uJwarha ukuba angabi sabavuselela izilonda ezapholayo, esitsho nokuba usalizonda ithuba elabaphosayo mhla babehlaselwa ngamagxagxa kuba banqandwa ngooyise babo befuna impindezelo. Le ncoko icacisa ngokuvakalayo ukuba iindawo abahleli kuzo abantu bakowethu ayizizo ebebezelelwe kuzo koko basuswe ngezigalo kumhlaba wooyisemkhulu babo ngabangeneleli. Ude oleke uMaqoma ngelokuba uyise, uNgqika impilo yakhe seyi- ethe-ethe nje ngunobangela wokugxothwa ngabamhlophe emhlabeni wakhe kwaNojoli.

UMaqoma namaphakathi akhe kubenza ixhala xa bebona ukuqhogana kwabamhlophe noyise uNgqika kuba xa behleli naye banendlela yokumsebenzisa ngendlela engeyiyo ngenjongo yokurhwaphiliza umhlaba.

Siva uFiliphu xa encokola noSomerset esithi bona basingethe umsebenzi weNkosi ukuze abantu abamnyama basindiswe ezonweni, baphucuke kananjalo kungoko bedinga umhlaba wokwakha iicawe kunye nowokubeka aba bantu baguqukileyo kuba yeyona nkolo iyiyo le yobuKrestu. Utsho agxininise uFiliphu ukuba ubukho babo kulo mhlaba wamaXhosa kukuba bethunyelwe yimibutho yevangeli ukuza kubonisa abamnyama ukuba intlalo yabo yokuzibhubhisa ayilunganga kodwa eyona nto exabe endleleni yabo ngabantu abakhohlakeleyo.

Incoko kaSomerset noBeau siva ukuba abamhlophe bebecele imvume yokulanda ekhondweni leenkomo zabo. Ubusela babelungu buvela xa uBeau enika uSomerset ingxelo yokuba babuye namawaka amabini eenkomo ezivuthiweyo baze bacima umkhondo wobusela babo batshabalalisa imizi ebebevule kuyo iintlanti bashiya kungekho nempunde.

Iintshumayelo zabamhlophe xa befuna ukubhunyula umhlaba wamaXhosa umongo wazo ubungokoyikisa abantu abantsundu ngokuba baza kugwetywa, batshe kwesimnyama isihogo ngomhla omkhulu.

Kwiincoko zikaFiliphu noKondile kubonakala unxunguphalo olubangelwa ngamakhoboka athe akhululwa, bewatyhola ngokubahlalisa kakubi ngenxa yobusela bawo. Uthi uFiliphu kwincoko yabo noPhalaza, ukuba banokufumana indawo yokuthandazela bahambise iVangeli, bangakwazi ukulwa ubundlobongela ngokuthi baguqule amalawu angamakhoboka.

Page 12: IBANGA 12 SEPTEMBA 2012 - ecexams.co.za HL P2 SEPT12 MEM… · isigqibo sokwehla kuba ingamisa ngolwaa hlobo ikho into ezayo ngoko ke makasindise ubomi bakhe ngokwehla. Esi sehlo

12 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) (SEPTEMBA 2012)

Incoko kaMaqoma noNeku ibuya ibuvelise phandle ubuqotha-qikili bamaNgesi esithi apho ahamba khona angababulali, abulala abantwana athimbe nemfuyo.Yiyo loo nto akhuthaza ukuba umkhonto ubinze ufanele ukubinza esiqwini.

Kumdudo kaMaqoma uSekela uza neendaba zokuba abamhlophe babulele usapho bakugqiba bathimba imfuyo yakhe. Naye uMaqoma akazibandezi kuba uthuma ibutho lakhe ukuba lilande ekhondweni labeLungu babuye nemfuyo.

Ukungena kwamaphakathi kankosi uBawana anjengooQuka kwinkolo yobukristu kuphembelele intlekele yokuba benooMngxongo babulale inkosi yabo kuba bethenjiswe ngewonga lokuba obu bukhosi babaThembu buya kuwela kubo bona bangamagqobhoka.

Nakwincoko kaMaqoma noKama simva uMhlekazi lo evakalisa unkwintsho olwayame kwizigxeko eziza nomkhwe wakhe uKama ukuba akayithandi into yokuba aphindise kwabaMhlophe kuba iziqhamo zaloo nto zizala izinto ezimanyumnyezi kodwa yena uMaqoma uma ngelithi umkhwe wakhe umsa eliweni ngale ntetho yakhe kuba akasoze acimele xa umhlaba wakowabo utyiwa behleli.

Simva esithi uMaqoma ufanele ukubekwa esweni kodwa isiphazamiso ngabefundisi abathanda uyise nabathi xa benze okungalunganga kuye baphethe benikwa isohlwayo esiqatha esiphuma eBhilitane.

UMaqoma nakwincoko yakhe noMsika uthi makaphathelwe iinkomo zakhe ezimke namanyangaza kodwa bangachithi gazi. Usoloko eyibethelela into yokukhusela uhlanga lwakhe ngokukhusela umhlaba wakhe nabantu bakhe kooSomerset. USomerset kwelinye icala ufungele ukubamba uMaqoma apho amncinci khona esithi ufuna asuke kumhlaba emi kuwo aye kuhlala kwezinye iindlavini phesheya kweTyhume. [25]

OKANYE

UMBUZO 12 (Umbuzo omfutshane) 12.1 Kwizinyanya (1) 12.2 Sisimo sentlalo sasezilalini / emaphandleni. (1) 12.3 12.3.2 / Inkcubeko (1) 12.4 Kukusarha (1) 12.5 UQuka yena ufuna abantu abaza kusebenza baye emasimini kanti yona

inkosi ifuna abantu abazonwabeleyo bengenzi nto. (2) 12.6 Hayi / Andivumelani (1) 12.7 Ewe, kuba naku ethetha ngolu hlobo: “Khanide ke nisebenze apha

ebantwini, nibafake loo mhlabelo mhle, kunjalo nje uya kusiphucula esi sizwe sifumane uzuko nakwezinye izizwe. (2)

12.8 NguBawana (1)

Page 13: IBANGA 12 SEPTEMBA 2012 - ecexams.co.za HL P2 SEPT12 MEM… · isigqibo sokwehla kuba ingamisa ngolwaa hlobo ikho into ezayo ngoko ke makasindise ubomi bakhe ngokwehla. Esi sehlo

(SEPTEMBA 2012) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) 13

12.9 Yindlela yokumsondeza ukuze bakwazi ukungena lula phakathi kwamaXhosa. (1)

12.10 UFiliphu ngumfundisi kanti uSomerset lijoni elikwangumrwebi (2) 12.11 Hayi akagqibeki kuba unezinto ezaziwa nguye noSomerset kwaye

akamnqandi xa ebulala abantu. (2) 12.12 USomerset edibene noFiliphu babhale ileta yobuqhophololo besenza

ngathi ibhalwe ngukumkani buqu ngoko ke boyikisela ukuba yaziwe loo nto. (2)

12.13 Ithi uMaqoma makakhwelele kumhlaba akuwo kuba wabelwe

amakhoboka akhululiweyo. (1) 12.14 KuRufus (1) 12.15 Asiyonyani kuba amaXhosa ayelwela ukukhusela umhlaba nemfuyo

yawo. (2) 12.16 Kwiziko lamajoni eRhini. (1) 12.17 Zizokulayisha iimpahla zamafama namakhoboka akhululiweyo. (2) 12.18 “Kutheni? Wamaphikana. (1) [25]

OKANYE UMBUZO 13 (Umbuzo omde) AMAZA: Z. S. Qangule Umvavanywa unokuchankcatha kwezi ngongoma zilandelayo:

Igama alisebenzisileyo umbhali, “Namhla” limzoba lo mlinganiswa njengamntwana wanamhla ekulindeleke ukuba enze izinto zale mihla, umzekelo uyatshaya, uyasela uyawazi amalungelo akhe njalo njalo.

Oku kumzoba ngolu hlobo kuncedisile ekuphuhliseni umxholo wesiko lokubonela elingalungiyo kumntu wokhanyo onje ngoNamhla.

Umenze wakhula ngaphandle kukanina khon’ukuze akwazi ukuzilwela yiyo loo nto simbona esilwa ukubonakalisa ukuba akalifuni eli siko lokubonelwa. Mbone xa ethetha nabantu bomzi wakhe akaziyekeli xa ethetha noMandaba uninazala nabanye ke uyabasarhaza ukubonakalisa ukuba akakho konke konke kule nto yokubonelwa.

USidima yena akamboni nokuba usisiciko sayiphi imbiza, uthetha unothanda kwaye kugqibela yena. Le yindlela azilwela ngayo kuba akananina oza kumthethela. Abanamhla bayawaphendula amadoda ngelixa abamandulo babengawaphenduli.

Page 14: IBANGA 12 SEPTEMBA 2012 - ecexams.co.za HL P2 SEPT12 MEM… · isigqibo sokwehla kuba ingamisa ngolwaa hlobo ikho into ezayo ngoko ke makasindise ubomi bakhe ngokwehla. Esi sehlo

14 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) (SEPTEMBA 2012)

Ingxoxo isetyenziswe ngumbhali njengesona sixhobo ekuncedeni ukuzoba uNamhla sitsho simazi ukuba ngumntu onjani na. Oku kutsho kuqhubele phambili impixano ukuze uphuhle umxholo . Kwingxoxo zakhe uNamhla sitsho simbone ukuba akekho bhetyebhetye uyalumela uluvo lwakhe.

Njengamntu ophilayo uzotywe waneengcinga sitsho sityhilelwe ngembilini yakhe. UNamhla zisuka nje simboniswa ewunyukula lo mtshato akubona le lema, eli jelimana. Ezi ngcinga anazo ngezi zinxibo zibonakalisa ngokuphandle ukuba lo mtshato akawufuni.

Intshukumo ayenzayo uNamhla idandalazisa ngokuphandle ukuba ufakwe ngenkani kulo mtshato akukhange kubekho thando olusisiseko somtshato. Ngokwalapha emdlalweni uzotywe akabi yintanga yamntu khon’ukuze umxholo uphuhle. Kwa uMadlamini omkhulisileyo akamkhathalelanga uthetha unothanda kuba njengamntwana wokhanyo uyawazi amalungelo akhe, umzekelo ilungelo lokuzikhethela undofa naye.

Inkangeleko yangaphandle apho uNamhla ezotywa enxibe izilekisi, umlomo uwuqabe bomvu, uthwele iwigi, iinwele uziphothile yenza ukuba simbone uNamhla njengamntwana wale mihla ngoko ke akazukubona ngolu hlobo babona ngalo abazali abamkhulisileyo kuba yena ungqinwa sisinxibo ukuba ngowala maxesha.

UNamhla udlala umculo wamacwecwe ufunda maphepha-ndaba ukumngqina ukuba ngumntwana wala maxesha kwaye uthandana phandle noLizo.

Iintetho azenzayo uNamhla xa ethetha nabantu abadala zimzoba njengomntu ongabakhathalelanga, ongenambeko. Nokumitha kwakhe esemzini akakukhathalelanga kuba uthwele umntwana wontu amthandayo.

Ngokuphathelele kwindima ayidlalayo uNamhla uzotywe wangumlwi xa ethetha nabantu bomzi kuba kaloku unalento angayifuniyo yokutshatiswa naloSidima. Ulwa ngaphezulu kwakufunyaniswa ukuba kufuneka engenwe.

Lo mzobo asinike wona umbhali ngoNamhla wenze ukuba siwabone elwatyuza ngamandla amaza ayimpixano kuba uNamhla akacengi solala phi uthetha le nto iza kumkholisa njengamntwana wangoku. [25]

OKANYE

UMBUZO 14 (Umbuzo omfutshane) 14.1 Sibonisa into elilize. (1) 14.2 Ziingxaki (1) 14.3 Izitunxa ngamaqaba / abangafundanga kanti izilumko zizifundiswa /

abokhanyo. (2) 14.4 Ngumfundisi Zazile. (1) 14.5 NguDanile (1) 14.6 Entangeni kaNamhla. (1) 14.7 Nomgogwana (1)

Page 15: IBANGA 12 SEPTEMBA 2012 - ecexams.co.za HL P2 SEPT12 MEM… · isigqibo sokwehla kuba ingamisa ngolwaa hlobo ikho into ezayo ngoko ke makasindise ubomi bakhe ngokwehla. Esi sehlo

(SEPTEMBA 2012) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) 15

14.8 Ithetha ukuthi ukuba akafanga eseGoli uya kufika wona umtshato uphelile / Enye yezi zinto kufuneka yenzekile, ukufa okanye ukuphelelwa ngumtshato. (2)

14.9 Hayi kuba uSidima akazange afe kwaye ungazange ubekho nomtshato

wakhe noNamhla. (2) 14.10 Zeedompasi (1) 14.11 Yinyani kuba umtshato wabo khange ube nasiseko sathando ngoko ke

ubungenakuma. (2) 14.12 14.12.1 Lubuye lugqadaze, lungqishe, luthethe (1) 14.12.2 Siwaqabele kunye loo maqhina angquzulanayo / Sehle

sixhasene kwezo ngxondorha / Siphume kunye kwezo ntsunguzi / Sikhwazane xa sixwesaxwesa (1)

14.13 ULizo ufuna ukutshata noNamhla osele etshate noSidima abe yena

kanye etshate noZodwa ngoko ke ufuna ukubasusa endleleni kuba bangumqobo ekutshateni kwabo. (1)

14.14 Umntu oyindindi / oxakiweyo / ongaziyo ukuba makathini / owothukileyo (1) 14.15 14.15.1 C / Umzimba (1) 14.15.2 A / Ukufa (1) 14.15.3 B / Iingxaki / Iinzima (1) 14.16 Ukudutyulwa kwabantu kuxhaphakile yiyo loo nto ekubaleka / ekoyika. (1) 14.17 Uvuthondaba kuba izithole zempixano zintshulile ngoko ke akusekho

kubuya mva. (2) AMANQAKU ELI CANDELO: 25 AMANQAKU EWONKE: 80

Page 16: IBANGA 12 SEPTEMBA 2012 - ecexams.co.za HL P2 SEPT12 MEM… · isigqibo sokwehla kuba ingamisa ngolwaa hlobo ikho into ezayo ngoko ke makasindise ubomi bakhe ngokwehla. Esi sehlo

16 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 MEMO (SEPTEMBA 2012)

ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA: IRUBRIKHI YOKUMAKISHA ISINCOKO SOMBONGO

IRUBRIKHI YOKUMAKISHA ISINCOKO SOMBONGO ULWIMI LWASEKHAYA 10 AMANQAKU EWONKE

U

LW

IMI

Ifo

math

i, u

ku

land

ele

lan

a

kw

ezim

vo

, ulw

imi, ith

oni, isim

bo

esis

ety

enzis

we

kw

isin

coko

ESEMAGQABINI Ifomathi ichanekile. Intshayelelo nesiphelo zikumgangatho ophezulu. Ulwimi, isimbo, ithoni, irejista ikumgangatho ophezulu

ENCOMEKAYO Isincoko sicwangciswe kakuhle, Intshayelelo nesiphelo zakhiwe ngobunono. Izimvo ziyalandelelana. Isimbo, ithoni, irejista zikumgangatho ophezulu.

ENENDIMA Ifomathi ingqalile kwaye icacile. Intshayelelo, isiphelo neminye imihlathi inxulumene.

EYANELISAYO Ifomathi inobungqina boyilo. Isincoko siyalambatha kunxulumano. Iimposiso zolwimi ezingephi. Ithoni nesimbo zibuchaneka.

ESEMGANGATHWENI Ifomathi ineemposiso zoyilo. Izimvo azinakunamathelana. Iimposiso zolwimi zikho. Ithoni, isimbo azinxulumananga nenjongo yobhalo. Ulwakhiwo lwemihlathi lunemposiso.

EYELELISAYO Ukungacwangcisi nokubekelela okufe amanqe kubulala ukulandeleka kwengxoxo. Iimposiso zolwimi, isimbo esingesiso senza injongo yobhalo ilahleke tu.

EWE PHANTSI Kunzima ukuqonda ukuba injongo yobhalo ifikelelwe. Akukho bungqina boyilo. Ulwimi alukho mgangathweni. Akukho mihlathi nathungelwano.

UMXHOLO Ukutolika isihloko. Ukuchaneka kwengxoxo. Ukuzixhasa nokulandela umbongo.

7 80 – 100%

6 70 – 79%

5 60 – 69%

4 50 – 59%

3 40 – 49%

2 30 – 39%

1 0 – 29%

ESEMAGQABINI Ulwazi olulodwa lokutolika itekisi. Zonke iinkalo zivelelwe ngokukuko. 90%+ugqwesile. 80-89% ubalasele. Izimvo eziphezulu ezisuka encwadini ukuxhasa impendulo.

7

80

– 1

00

%

8 – 10

7 – 8

7 – 7½

ENCOMEKAYO Kumgangatho ophezulu. Zonke iinkalo zivelelwe ngokwamkelekileyo. Izimvo ezahlukeneyo zinikiwe ukuxhasa impendulo.

6

7

0 –

79 %

7½ – 8½

7 – 8

6½ – 7½

6 – 7

Page 17: IBANGA 12 SEPTEMBA 2012 - ecexams.co.za HL P2 SEPT12 MEM… · isigqibo sokwehla kuba ingamisa ngolwaa hlobo ikho into ezayo ngoko ke makasindise ubomi bakhe ngokwehla. Esi sehlo

(SEPTEMBA 2012) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 17

ENENDIMA Ubonakalisa ukuqonda nokutolika isihloko ngokukuko. Izimvo ezicacisayo zinikiwe kodwa azixhaswanga kangako.

5

60

– 6

9

%

7 – 8

6½ – 7½

6 – 7

5½ – 6½

5 – 6

EYANELISAYO Kukho ukutolika isihloko nangona zingavelelwanga zonke iinkalo. Uluvo luxhaswa ngemizekelo encwadini. Izimvo zixhasiwe kodwa ubungqina abanelisi.

4

5

0 –

59

%

6 – 7

5½ – 6½

5 – 6

4½ – 5½

4 – 5

ESEMGANGATHWENI Impendulo iphakathi. Ingxoxo ayanelisi yaye luncinci unxulumano phakathi kwesihloko nengxoxo.

3

4

0 –

49

%

5 – 6

4½ – 5½

4 – 5

3½ – 4½

3 – 4

EYELELISAYO Ukulandela umbongo kunamabhetyebhetye. Kukho uphindaphindo olumana ukuphuma emxholweni. Ingxoxo ayixhaswa ngokukuko.

2

3

0 –

39 %

4 – 5

3½ – 4½

3 – 4

1 – 3½

EWE PHANTSI Impendulo inokunxulumana nesihloko. Kodwa ingxoxo ayilandeleki, iphumile emxholweni. Amanqaku amkelekileyo awanalo unxulumano nombongo. Ukulandela umbongo kubhetyebhetye.

1

0

0 –

29

%

3 – 4

1 – 3½

0 – 3

Page 18: IBANGA 12 SEPTEMBA 2012 - ecexams.co.za HL P2 SEPT12 MEM… · isigqibo sokwehla kuba ingamisa ngolwaa hlobo ikho into ezayo ngoko ke makasindise ubomi bakhe ngokwehla. Esi sehlo

18 ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) (SEPTEMBA 2012)

IRUBRIKI YOKUMAKISHA ISINCOKO SONCWADI, INOVELI NEDRAMA QAPHELA UMAHLUKO ABELWE UMXHOLO NALAWO ABELWE ISAKHIWO NOLWIMI

IIKHOWUDI NOLWABIWO MANQAKU

UMXHOLO (15) Ukuchazwa kwesihloko: ubunzulu bezimvo, ukuzathuza nokuqondwa kakuhle komsebenzi omiselweyo

ULWABIWO-MANQAKU

ISAKHIWO NOLWIMI (10) Isakhiwo sibhalwe kwaye sinikezelwe ngokungangqinelaniyo, ulwimi, ithoni, nesimbo sokubhala.

Ikhowudi 7 80 – 100%

Kugqwesile 12 – 15 Amanqaku

Ubonakalisa ingqiqo nolwazi olunzulu ngesihloko, nemiba yesihloko iphicothwe ngokugqwesileyo. Isincoko siphuhlile. (90% + ukugqwesa kwesincoko) Unike uluhlu lwezimvo oluphuhlileyo noluxhaswa ngokugqibeleleyo kwitekisi. Ulwazi lwerejista/lwetekisi luyancomeka kakhulu.

Kugqwesile 8 – 10 Amanqaku

Isincoko sakhiwe ngokuthungelanayo. Intshayelelo nesiphelo zigqwesile. Izimvo zakhiwe kakuhle kwaye ziphuhliswe ngokucacileyo. Ulwimi, ithoni nesimbo sokubhala ziphuhlile, ziyathabathekisa kwaye zigqwesile.

Ikhowudi 6 70 – 79%

Kuphakamile 10½ – 11½ Amanqaku

Ubonakalisa ingqiqo echanekileyo ngesihloko. Imiba yesihloko iphicothwe ngokwanelisayo. Isincoko sicacile. Unike uluhlu lwezimvo ezixhaswe kakuhle kwitekisi. Ulwazi lwerejista/lwetekisi luyancomeka kakhulu.

Kuphakamile 7 – 7½ Amanqaku

Isincoko sakhiwe kakuhle. Intshayelelo nesiphelo ziyancomeka. Izimvo neengcinga zilandeleka lula. Ulwimi, ithoni nesimbo sokubhala zingqinelana ngokuchanekileyo neenjongo zesincoko. Isinikezelo esihle.

Ikhowudi 5 60 – 69%

Kuphakathi 9 – 10 Amanqaku

Ubonakalisa ingqiqo nokusiqonda kakuhle isincoko. Uzamile ukucacisa isincoko. Unike uluhlu lwezimvo ezivakalayo kodwa azixhaswanga ngendlela egqibeleleyo. Ulwazi lwerejista netekisi luyabonakala.

Kuphakathi 6 – 6½ Amanqaku

Isakhiwo sicacile kwaye nezimvo zilandelana ngokufanelekileyo. Intshayelelo nesiphelo kunye neminye imihlathi zilungiselelwe zanamathelana kakuhle. Ukudweliswa kwezimvo kuyalandeleka. Ulwimi, ithoni nesimbo sokubhala zikhangeleka zichaneke kakuhle.

Ikhowudi 4 50 – 59%

Kuyanelisa 7½ – 8½ Amanqaku

Uzamile ukubonakalisa ingqiqo malunga nesihloko, kodwa kukho imiba engaphuhliswanga ngokwaneleyo. Amanye amanqaku axhasa isihloko ngokwanelisayo. Izimvo ezininzi zixhasiwe nangona ubungqina buthanda ukunganelisi ncam. Lukho ulwazi olusisiseko lokuyiqonda le jenri netekisi.

Kuyanelisa 5 – 5½ Amanqaku

Bukho ubungqina besakhiwo esibonakalayo. Isincoko siyasilela ekwakhiweni kwezimvo ngokulandelelanayo nangokunamathelanayo. Iziphene zolwimi zikhona. Ithoni nesimbo sokubhala zithande ukuchaneka ngokwanelisayo. Imihlathi ithande ukuchaneka.

Ikhowudi 3 40 – 49%

Kuzamekile 6 – 7 Amanqaku

Umbuzo uphendulwe ngokuqhelekileyo nangokungazimiseli ngokupheleleyo. Ingqiqo nokuqondwa kwesihloko kuvezwe kancinci ngoko kukwitekisi. Umfundi akakayilandeli kakuhle le jenri netekisi.

Kuzamekile 4 – 4½ Amanqaku

Isakhiwo sibonisa uyilo oluxazalala. Izimvo azibhalwanga ngokulandelelanayo. Kukho ubungqina beziphene zolwimi. Ithoni nesimbo sokubhala zitenxile kwiinjongo zobhalo lwemfundo ephakamileyo yengqiqo.

Page 19: IBANGA 12 SEPTEMBA 2012 - ecexams.co.za HL P2 SEPT12 MEM… · isigqibo sokwehla kuba ingamisa ngolwaa hlobo ikho into ezayo ngoko ke makasindise ubomi bakhe ngokwehla. Esi sehlo

(SEPTEMBA 2012) ISIXHOSA ULWIMI LWASEKHAYA – P2 (MEMO) 19

Imihlathi ixazalala.

Ikhowudi 2 30 – 39%

Kunzima 4½ – 5½ Amanqaku

Akasilandeli tu isihloko. Isincoko sibonakalisa ukuphinda-phindwa kwezimvo kwaye sithanda ukuphuma emxholweni. Akukho zimvo ziphuhlileyo. Ingqiqo ixazalala/ nezimvo azixhaswa kwitekisi. Akanalo tu ulwazi lwale jenri netekisi.

Kunzima 3 – 3½ Amanqaku

Unikezelo aluniki mdla. Ukusilela kucwangciso lukhokelela ekuvubekeni kwezimvo. Iziphene zolwimi nesimbo esingachanekanga zibangela ukuba esi sincoko sibe sesibhalwe ngokungenampumelelo. Imihlathi ixazalala.

Ikhowudi 1 0 – 29%

Akaphumelelanga 0 – 4 Amanqaku

Isincoko sifuna ukungqinelana nesihloko kodwa izimvo kunzima ukuzilandela okanye zitenxile. Ufumene ubunzima ekuphenduleni umbuzo. Izimvo zakhe ezimbalwa ezikhangeleka zisemxholweni azinakho ukuxhaswa kwitekisi. Akanalo tu kwaphela ulwazi lwale tekisi nejenri.

Akaphumelelanga 0 – 2½ Amanqaku

Kunzima ukubona ukuba isihloko siphuhlisiwe. Abukho ubungqina besicwangciso sesakhiwo nolandelelwano lwezimvo. Isincoko asinayo imihlathi nonamathelwano. Ulwimi lufe amanqe. Ithoni nesimbo sokubhala zixazalala kwaye ziphume ecaleni. Ayikho imihlathi nothungelwano.