ezempilo •ezophuhliso lwamamaphandle • …...aba-li-175 bonke ingabalapha ekuhlaleni...

3
Albert Pule N gethuba abahlali baseRavele cebu kuhle neMakhado, eLimpopo, babefaka ibango lomhlaba wookhokho babo, urhulumente yamhlupha le nto kuba ecinga okokuba eli bango liza kuchaphazela ezoqoqosho kulo mmandla. Zange urhulumente ayazi into yokokuba eli bango liza kudibanisa izizalwane ekuku- dala zalahlekana, lidale imi- sebenzi, londle abahlali lide lincedise nokuncedisa abantu abatsha baloo mmandla. Abahlali baseRavele eLe- vubu, engumgama ozikhi- lomitha ezingama-30 ngase- mpuma yeMakhado, basu- swa kumhlaba wookhokho babo. Zange bafane nabanye abahlali kweli lizwe abavuma okokuba ilishwa elibahleleyo libaphazamise. Ngowama-2005 urhulu- mente wanikezela ngeefa- ma ezili-16 ze- macadamia , i-avokado, ibhanana, ibhatata nelitshi kuMbutho woMhlaba wabaHlali baseRavele (iRave- le CPA). Ezi fama ezixabisa izigidi zerandi ezingama-42 zikummandla waseLimpopo onemozulu eshushu nefumi- leyo. Eli shishini lisindile ekubeni kuthengiswe impahla yalo ukuze kuhlawulwe amatyala, lavuka lema ngeenyawo. I-CPA yenze inzuzo ezizigi- di zerandi ezili-9.7 kulo nyaka uphelileyo kwaye ukususela kowama-2014 ibeke elu- gcinweni imali ezaliswayo ezizigidi zerandi ezili-11. Okoko inzuzo yayo inyuka. Ngowama-2014, i-CPA yenze izigidi zerandi ezi-3.5 enyuke yazizigidi zerandi ezi-5.1 ngowama-2015. UBethuel Ravele ngunoga- da esangweni. Iyagxagxaza imvula kwaye akubonakali ngathi iza kuyeka. Okoko isina ebudeni beveki kwaye intili yaseLevubu cebu kuhle eMakhado nechumileyo, ekukhwitshayo kuyo ibo- nakalisa ukutyeba. Ingca iluhlaza, imithi yema- ngo iwuthe wambu wonke loo mmandla, imithi yebha- nana nayo ithe thantalala umgama ozikhilomitha ezi- liqela. Ngenene lo nguMyezo wase-Afrika. I-CPA imele iintsapho ezi- ngama-324 ezinabantu abafu- mana uncedo abangama-880 uninzi lwabo luhlala kwiilali ezikufutshane. I-CPA yase- kwa ngenyanga kaTshazi- mpuzi ngowama-2004 kodwa ibango lafakwa ngowe-1995. Ibali lokususwa endaweni ngenkani njengoko libaliswa ngookhokho nabazali baka- Bethuel ongusihlalo we-CPA limvuselela iinkumbulo ezi- UMBUTHO WOMHLABA WABAHLALI BASERAVELE (i-Ravele CPA) ibe neziphumo ezibi nezincumisayo kulimo lomhlaba owawufumana emva koku- wubanga ngempumelelo ukuba ubuyiselwe kuwo. Namhlanje bathengisa nge- mpumelelo apha ekhaya nakwamanye amazwe. Abasebenzi beRavele CPA bahlamba iibhanana ezisandul’ukukhiwa kwindlu yokupakisha yeCPA. Ezi bhanana ziza kuthengiswa kwiindawo ekunokuthengiselwa kuzo kwiPhondo laseLimpopo liphela. We seek to create a united Democratic and non-racial society. We have a vision of South Africa in which black and white shall live and work together as equals in conditions of peace and prosperity. Using the power you derive from the discovery of the truth about racism in South Africa, you will help us to remake our part of the world into a corner of the globe - of which all of humanity can be proud." - Oliver Tambo speaking at Georgetown University on January 27, 1987. Image: http://www.youthvillage.co.za EzeMpilo •EzoPhuhliso lwamaMaphandle • EzemiSebenzi • EzoKhuselo noKhuseleko • EzeMfundo Ipapashwe liZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (GCIS) English\isiXhosa | EkaTshazimpuzi 2017 Ushicilelo 2 @VukuzenzeleNews Vuk'uzenzele Websites: www.gcis.gov.za www.vukuzenzele.gov.za E-mail: [email protected] Tel: (+27) 12 473 0405 Free Copy ALSO AVAILABLE ON: IRavele CPA iqhuba kakuhle kakhulu Liqhubeka kwiphepha lesi-2 INEZITHUBA ZEMISEBENZI INEZITHUBA ZEMISEBENZI Page 4 Page 6 New drugs to treat MDR-TB Creating jobs, cleaning the environment

Upload: others

Post on 29-Mar-2020

6 views

Category:

Documents


0 download

TRANSCRIPT

Page 1: EzeMpilo •EzoPhuhliso lwamaMaphandle • …...aba-li-175 bonke ingabalapha ekuhlaleni kwanabangama-51 abasebenza ngamaxesha athile onyaka. “Uninzi lwabasebenzi bethu ngabalapha

EMINYE IMIBA GABALALA

Albert Pule

Ngethuba abahlali baseRavele cebu kuhle neMakhado,

eLimpopo, babefaka ibango lomhlaba wookhokho babo, urhulumente yamhlupha le nto kuba ecinga okokuba eli bango liza kuchaphazela ezoqoqosho kulo mmandla.

Zange urhulumente ayazi into yokokuba eli bango liza kudibanisa izizalwane ekuku-dala zalahlekana, lidale imi-

sebenzi, londle abahlali lide lincedise nokuncedisa abantu abatsha baloo mmandla.

Abahlali baseRavele eLe-vubu, engumgama ozikhi- lomitha ezingama-30 ngase- mpuma yeMakhado, basu-swa kumhlaba wookhokho babo. Zange bafane nabanye abahlali kweli lizwe abavuma okokuba ilishwa elibahleleyo libaphazamise.

Ngowama-2005 urhulu-mente wanikezela ngeefa-ma ezili-16 ze-macadamia,

i-avokado, ibhanana, ibhatata nelitshi kuMbutho woMhlaba wabaHlali baseRavele (iRave-le CPA). Ezi fama ezixabisa izigidi zerandi ezingama-42 zikummandla waseLimpopo onemozulu eshushu nefumi-leyo.

Eli shishini lisindile ekubeni kuthengiswe impahla yalo ukuze kuhlawulwe amatyala, lavuka lema ngeenyawo.

I-CPA yenze inzuzo ezizigi-di zerandi ezili-9.7 kulo nyaka uphelileyo kwaye ukususela

kowama-2014 ibeke elu- gcinweni imali ezaliswayo ezizigidi zerandi ezili-11. Okoko inzuzo yayo inyuka. Ngowama-2014, i-CPA yenze izigidi zerandi ezi-3.5 enyuke yazizigidi zerandi ezi-5.1 ngowama-2015.

UBethuel Ravele ngunoga-da esangweni. Iyagxagxaza imvula kwaye akubonakali ngathi iza kuyeka. Okoko isina ebudeni beveki kwaye intili yaseLevubu cebu kuhle eMakhado nechumileyo, ekukhwitshayo kuyo ibo-nakalisa ukutyeba.

Ingca iluhlaza, imithi yema-ngo iwuthe wambu wonke loo mmandla, imithi yebha- nana nayo ithe thantalala umgama ozikhilomitha ezi-liqela. Ngenene lo nguMyezo wase-Afrika.

I-CPA imele iintsapho ezi- ngama-324 ezinabantu abafu-mana uncedo abangama-880 uninzi lwabo luhlala kwiilali ezikufutshane. I-CPA yase-kwa ngenyanga kaTshazi- mpuzi ngowama-2004 kodwa ibango lafakwa ngowe-1995.

Ibali lokususwa endaweni ngenkani njengoko libaliswa ngookhokho nabazali baka-Bethuel ongusihlalo we-CPA limvuselela iinkumbulo ezi-

UMbUtho woMhlaba wabahlali baseRavele (i-Ravele CPA) ibe neziphumo ezibi nezincumisayo kulimo lomhlaba owawufumana emva koku-wubanga ngempumelelo ukuba ubuyiselwe kuwo. Namhlanje bathengisa nge- mpumelelo apha ekhaya nakwamanye amazwe.

Abasebenzi beRavele CPA bahlamba iibhanana ezisandul’ukukhiwa kwindlu yokupakisha yeCPA. Ezi bhanana ziza kuthengiswa kwiindawo ekunokuthengiselwa kuzo kwiPhondo laseLimpopo liphela.

We seek to create a united Democratic and non-racial society. We have a vision of South Africa in which black and white shall live and work together as equals in conditions of peace and prosperity. Using the power you derive from the discovery of the truth about racism in South Africa, you will help

us to remake our part of the world into a corner of the globe - of which all of humanity can be proud."

- Oliver Tambo speaking at Georgetown University on January 27, 1987.Image: http://www.youthvillage.co.za

EkaTshazimpuzi 2017 Ushicilelo 2 1

Vuk’uzenzeleEzeMpilo •EzoPhuhliso lwamaMaphandle • EzemiSebenzi • EzoKhuselo noKhuseleko • EzeMfundo

Ipapashwe liZiko lezoNxibelelwano nokuSasazwa koLwazi lukaRhulumente (GCIS) English\isiXhosa | EkaTshazimpuzi 2017 Ushicilelo 2

@VukuzenzeleNews Vuk'uzenzele

Websites: www.gcis.gov.zawww.vukuzenzele.gov.za

E-mail: [email protected] Tel: (+27) 12 473 0405

Free Copy

ALSO AVAILABLE ON:

IRavele CPA iqhuba kakuhle kakhulu

liqhubeka kwiphepha lesi-2

iNeZithUba ZeMisebeNZi

iNeZithUba ZeMisebeNZi

Page 4

Page 6

New drugs to treat MDR-tb

Creating jobs, cleaning the environment

Page 2: EzeMpilo •EzoPhuhliso lwamaMaphandle • …...aba-li-175 bonke ingabalapha ekuhlaleni kwanabangama-51 abasebenza ngamaxesha athile onyaka. “Uninzi lwabasebenzi bethu ngabalapha

Vuk’uzenzeleEMINYE IMIBA GABALALA

Noluthando Motswai

La u n c h i n g I n v e s t -SA President Jacob Zuma sa id South

Africa was open to foreign direct investment which is

investors critical to econom-ic growth and job creation.

InvestSA is a one-stop-shop for investors at the Depart-ment of Trade and Industry (dti) head office.

“Government is determined

to improve the business envi-ronment by lowering the cost … and improving the ease of doing business.”

President Zuma said provin-cial One Stops would also be launched this year.

“These will be known as InvestSA KZN, InvestSA Gauteng and InvestSA West-ern Cape and so forth as we roll our new Invest SA brand. Other provinces will open their One Stop Shops over a

period of three years.”Investors get one point of

contactFor investors the InvestSA

One Stop Shops will be the main point of contact with government. They will help investors to work with the relevant government depart-ments involved in issuing permits and in regulatory, registration, and licensing

To heLp cuT red tape and make it easier to launch a business in South Africa a one-stop-shop concept is being rolled out.

UDakalo Nemauluma ngo-mnye wabafumene le nkxaso-ma li yokufunda kwaye ufu- ndela isidanga se-Master of Science eYunivesiti yaseKapa.

2 EkaTshazimpuzi 2017 Ushicilelo 2

Tel: (+27) 12 473 0089 E-mail: [email protected]: Private Bag X745, Pretoria, 0001

Head of Editorial and Production Tasneem Carrim | [email protected]

Managing EditorDorris Simpson | [email protected]

News Editor | Ongezwa Manyathi

Sub-Editor | Irene Naidoo

Writers Albert Pule

Noluthando Mkhize

Senior Designer | Tendai Goneseis published by Government

Communications (GCIS)

Vuk’uzenzele All rights reserved. Reproduction of the newspaper in whole or in part without written permission is strictly

prohibited.

Distributed by:Printed by:

Translators Nomgqibelo Motha Boitumelo PhalatsePhakamani Dadlana

Albert Pule

IRavele CPA eLevubu, eLimpo- po, ngowama-2005 yanikwa ngurhulumente iifama ezi-li-16 ze-macadamia, i-avokado, ibhanana, ibhatata nelitshi ezixabisa izigidi zeerandi ezi- ngama-42

Ishishini ekuthiwa yi-South African Farm Managers (i-SAFM) lilo elathi lalawula ezo fama. Indima yeli shishini kukufundisa abahlali uku-wusebenzisa ngempumelelo lo mhlaba ubuyiselweyo.

Ngowama-2007, uDanie Ba-sson wakhethwa njengeGosa eliyiNtloko leMveliso le-SAFM.

UBethuel uthi i-CPA ne-SAFM aziboni ngaso linye ezintweni ezininzi malunga nokuqhuba ifama.

“Omnye wemiba ephambili ngulo wokuba babengayixhasi le nkqubo yemveliso eyilwe ligosa eliyintloko lemveliso.”

Oku kungavumelani kwa- khokhelela ekuqhawukeni kwesivumelwano phakathi kwe-CPA neshishini eliphethe-yo.

Sakuba sichithiwe isivume-lwano, i-CPA yaqesha uBasson ngokwayo ukuba aphathe la mashishini mane. La mashi- shini yi-Applefontein & Bull, iMachikiri & Britz (ibhanana), i-EMS (ii-macadamia, iilitshi nee-avokado) neRedbank (ii-macadamia).

I-CPA yatyikitya isivume-lwano sengqesho seenyanga ezintandathu noBasson, kwaye ngezo nyaka zintandathu we-nza imimangaliso kule fama. “Weza neenkqubo ezibhadli-leyo ezavusa la mashishini. Ngenxa yomsebenzi wakhe omhle ke sagqiba kwelokuba sityikitye naye isivumelwano sengqesho seminyaka emi-hlanu.”

I-CPA ithengisa imveliso yayo kwiivenkile nabathengi basePi-toli naseGoli (iilitshi). Ithumela ii-macadamia eChina, e-Unites States, eMbindi Mpuma, eYuro-phu naseChanada. Ii-avokado zithunyelwa eFrance. v

IRavele ityala imali emfundweniAlbert Pule

Inzuzo eyenziwa yi-Ra-vele CPA, ngokuthengisa imveliso kwahlulelwana

ngayo ngabantu abayinxalenye yale projekthi. I-CPA ikwase-ke ingxowa yemali enikelwe imfundo enceda abafundi abangama-40 kwiiyunivesithi ezahlukeneyo elizweni liphela.

Bafunda izifundo zamakhondo ahlukeneyo kwiYunivesithi ya- seKapa, iYunivesithi yeNtshona Koloni, iYunivesithi iNelson Ma- ndela Metropolitan, iYunivesithi yaseRhawutini, iYunivesithi ya- seFreyistata neYunivesithi iSe-fako Makgatho Health Sciences. Xa iyonke imali enikwa ezi yuni-vesithi ziirandi ezingama-410 000 ngonyaka.

UDakalo Nemauluma ngo-mnye wabafumene le nkxaso-ma-li yokufunda. Ufundela isidanga se-Master of Science kwi-Chem-

ical Engineering eYunivesiti ya- seKapa.

Njengomntu ovela ekhayeni eli-hluphekileyo, uNemauluma uthi uyayibulela le nkxaso ye-CPA. “Bobabini abazali bam abasebenzi kwaye bafumana imisetyenzana manqapha-nqapha ukuze bahla-wule iindleko zokuba baphile.

“Abanako ukuzihlawula iindle- ko zokufunda kwam eyuni-vesithi, kwaye ndinethemba lokugqiba ezi zifundo zam zesi-danga se-Master’s unyaka ozayo ungekapheli ukuze ndibancede baphume kule ntlupheko eya- yibathwaxa kwasebuntwaneni babo.”

Usebenzisa imali ye-CPA uku-hlawula iindleko zokukhwela, ukufunda, indawo yokuhlala, ukutya neencwadi. “Le nkxa-so ngemali indincede kakhulu ngeendlela ezininzi ukususela ngoko ndandingenamali yane-leyo yendawo yokuhlala, uku-

khwela nokufunda. Igalelo lale mali libaluleke kakhulu.”

I-CPA ikwancedisa ngemali abafundi abagqwesileyo beBanga le-12 balapha ekuhlaleni apho oye- na mfundi ugqwesileyo afumana imali engama-3 000 eerandi. Abaphume kwindawo yesibini bafumana imali engama-2 500 eerandi, abaphume kweye-sithathu ama-2 000 eerandi, kwesine i-R1 500 leerandi baze aba-phume kweyesihlanu bafumane imali eli- 1 000 leerandi.

“Injongo kukubakhu- thaza ukuba bazi okoku-ba kukho umvuzo xa use-benza nzima, ufunda.

Sikwakhetha kwaba bafundi esiza kubanceda ngemali yokuya kufunda eyunivesithi kunyaka ozayo.” v

Ukuba nompha-thi olungileyo kubalulekile

buhlungu. “Basixelela okokuba urhulu-

mente welo xesha wathi kubo lo mhlaba awubafanelanga abantu abamnyama kuba uchu-mile kwaye simele ukudedela

abantu abamhlophe bazoku-hlala kulo mhlaba wethu.

“Bafika balayisha oobawo- mkhulu noomakhulu bethu ezi- lolini babanika umhlaba omnci- nci kude kakhulu nalapha, abanye basiwa eNenzhelele.”

Oko ithe yazithatha ezi fama i-CPA isebenzisana nequmrhu eliphetheyo, lo mmandla liwa- hlule wangamacandelo amane, icandelo ngalinye liphethwe ngumntu omnye owongame-le iqela elithile labasebenzi

basefama. La macandelo mane aqeshe abasebenzi abasisigxina aba-li-175 bonke ingabalapha ekuhlaleni kwanabangama-51 abasebenza ngamaxesha athile onyaka.

“Uninzi lwabasebenzi bethu ngabalapha ekuhlaleni kuba si-funa babe yinxalenye yalo mse-benzi kuba ngumhlaba wabo lo kwaye asinakukwazi ukuwe- nza lo msebenzi ngaphandle kwenkxaso yabo,” utsho uBethuel. v

South Africa is open for business

Liqhubeka lisuka kwiphepha loku-1

cont. page 4cont. page 4

Page 3: EzeMpilo •EzoPhuhliso lwamaMaphandle • …...aba-li-175 bonke ingabalapha ekuhlaleni kwanabangama-51 abasebenza ngamaxesha athile onyaka. “Uninzi lwabasebenzi bethu ngabalapha

Vuk’uzenzeleEMINYE IMIBA GABALALA

Amachiza amatsha okunyanga i-MDR-TBInkqubela kwIsIfundo samayeza, i-Phamarcology, ithetha ukuthi kukho amachiza amatsha afumanekayo okunyanga isiFo sePhepha (i-TB), esingeva chiza (i-DR-TB), esingeva machi-za nokokuba selemaninzi (i-MDR-TB) nesingeva chiza ngamandla (i-XDR-TB). UMzantsi Afrika lelona lizwe lisebenzisa kakhulu ichiza elitsha ekuthiwa yi-Bedaquiline.Noluthando Motswai

IN k q u b o i - D e l a m a -nid Clinical Access iza kuphanda ngamachiza

a m a t s h a a n o k u s e t y e n z i - swa ukunyanga i-TB engeva machiza nokokuba selemani- nzi (i-MDR-TB) isilwe kwaye isinyange eMzantsi Afrika.

UMphathiswa wezeMpilo uGq Aaron Motsoaledi wazise le nkqubo kutsha nje kwisiBhe- dlele iSizwe Tropical Disease eGauteng.

Olona ncedo lukhulu lwala machiza matsha lolokuba ngawona akhatywa kancinci kwaye anamandla ngaphezu kwamanye amayeza e-TB.

“Alenzi sicaphu-caphu nazi- ngxaki kakhulu ngokukodwa ebantwaneni, abantu abosule-leke nayiNtshololwangwane kaGawulayo (i-HIV) nabanesifo seswekile, kwaye aba ngabona kudla ngokuba nzima kakhulu ukubanyanga.”

I-European Medicines Agency ivume eli chiza ngowama-2014 ukuba kunyangwe ngalo i-MDR-TB yemiphunga kubantu abada-

la. Sele lisasazwe kumazwe amalunga nama-45 kwaye lise-tyenziswa ngabantu abagulayo abangaphezu kwama-2 100.

UMphathiswa Motsoaledi uthe isebe lakhe lifumene imvume kwiBhunga eliLawula amaYeza (i-MCC) yokuba eli chiza lifuma-neke kubantu abaliqela lokuqala abangama-400 eGauteng, Kwa-Zulu-Natal, eMntla Ntshona naseNtshona Koloni njengenxa- lenye yephulo lophando.

I-TB iyanyangeka UGq Motsoaledi uthe i-TB seso- na sifo singumbulali omkhulu kwizifo ezosulelayo.

“I-TB iyanyangeka ngokuko- dwa ukuba siyaweva amachiza kwaye sibonwe kwangoko.

Noxa kunjalo, sikwabona nokunyuka okuxhalabisayo kwe-TB engeva chiza.”

Uthe inani labantu abane-TB engeva chiza liya linyuka kwaye isulela abantu abangazanga baba nayo, into ethi i-DR-TB ifunya- nwa ngokusuleleka okokuqala.

“I-DR-TB ayaneli kuba nzima nje ukuyinyanga, namathuba okuyinyanga ngempumelelo enciphile, iyabiza nokubiza. Amagosa kwiSebe leSizwe lezeMpilo athelekelela okokuba noxa kubiza malunga nama-400

eerandi ukunyanga umntu one-TB kanti ukunyanga umntu one-MDR-TB kubiza imali ephindwe kali-1 000, kuze kubize ephi- ndwe izihlandlo ezingama-2 000 ukunyanga i-XDR-TB.”

UMzantsi Afrika ngonyaka ubhalisa abantu abamalunga nama-13 000 abane-MDR-TB nabali-1000 abagula yi-XDR-TB. Uthe zininzi izizathu ezibangela ukuba i-TB ingeva machiza, ezi zizathu ziquka ukubonwa kwa-so kade, ukungaseli amayeza ngendlela eyiyo, ukungalawuli ngendlela eyiyo abantu abasule-lekayo nangaphezu koko, ukungafumaneki kwamachiza amatsha.

I-Bedaquiline iyasebenza“Indlela eliwa ngayo i-TB ixho- mekeke kakhulu kumachiza afunyanwa ngaphezu kwemi- nyaka engama-50 eyadlulayo. Ichiza elitsha le-TB, i-Bedaqu- iline, lisandul’ukubakho ku-tsha nje. UMzantsi Afrika uye wakhawulezisa ukulifumana kwaye kungoku nje sinabantu abamalunga nama-60% kuba-

ntu abafumana eli chiza ehla-bathini liphela.”

“Sithetha nje iinkcukacha zokuqala zibonisa iziphumo ezincumisayo kubantu abafu-mana eli chiza, izinga labo ba- nyangekayo ngokusebenzisa eli yeza ngama-70%, xa kutheleki- swa nabo bamalunga nama-50% basebenzisa ichiza lesiqhelo.”

UGq Motsoaledi uthe le nkqubo isisiphumo sokubambisana phakathi kweSebe lezeMpilo, i-Otsuka ne-Right to Care. I-Otsu- ka eyiNkampani yaseJapan, eli chiza ilikhupha simahla.

Abantu abosulelwe kakhulu yi-TB ngabasebenzi-mgodini, abantu abakwimimandla ekufu- tshane nemigodi, amaziko olule-ko (iijele), imimandla ephakathi ezilalini, iindawo zasezifama nezikolo zazo, iindawo ezime-lene nemigodi kunye neziko-lo-mpeleso.

UGq Motswaledi uthe uthe- mba okokuba abaguli besi- bhedlele iSizwe nezinye izi- bhedlele apha kweli lizwe baza kuncedwa yile nkqubo nanga-manye amalinge asetyenziswa ngurhulumente. v

UMphathiswa weSebe lezeMpilo uGq Aaron Motsoaledi wamkela ichiza i-Delamanid kunozakuzaku waseJapan uShigeyuki Hiroki. Eli chiza liza kuqaliswa ukusetyenziswa kubantu abangama-400 eMzantsi Afrika.

Noluthando Motswai and Neo Semono

The business community has welcomed the newly launched InvestSA One Stop Shop ini-

tiative.Derrick Huang, managing director of

international company Beyond Your Dreams (BYD) South Africa, says the concept of the one stop shop will make their lives as investors a lot easier.

This Chinese firm is primarily an IT and renewable energy company. It is listed on the Hong Kong and New York stock exchanges and has over 200 000 employees internationally.

“Invest SA is so nice. I know how difficult it is to have your visa or work permit extended in South Africa. This one stop shop will make things so much easier. China and South African relations are at an historical high. We are in the G20 and in Brics there are good things going on between the two countries.”

Huang said BYD had big plans for

the South African market especially because BYD was into battery power storage, electric motor vehicles and the manufacturing of cell phones and tablets.

“We have done some business in South Africa. … We are now really making entrance in South Africa. We are very fortunate to come into the market when things are made much easier for us as investors.”

Launching InvestSA President Jacob Zuma said The One Stop Shop will pro-vide a more coordinated, streamlined and professional service to those who wish to set up a business,” President Zuma. v

Investors do not need to physi-cally visit the dti to access the One Stop Shop. They can also find information online by visit-ing www.investsa.gov.za.

processes. Officials were instruct-

ed to keep the service simple and short.

Key departments such as home affairs, labour, environmental affairs, trade and industry and agencies such as the Companies and Intellectual Property Commission (CIPC), South African Revenue

Service and Eskom amongst others will be available at the One Stop Shops.

President Zuma said: “Business people have outlined the difficulties and hassles they face when wanting to es-tablish new businesses, both local and foreign investors." The Presi-dent also said the CIPC has rolled out self-ser-vice terminals in banks,

local economic devel-opment agencies and chambers of commerce offices for company registrations. By June this year self-service terminals will be rolled out to all provinces.

President Zuma said the the One Stop Shop’s success will depend on the support of all stakeholders in the three spheres of gov-ernment. v

President Jacob Zuma during a guided tour of the Invest South Africa One Stop Shop.

4 EkaTshazimpuzi 2017 Ushicilelo 2

Business people give Invest SA thumbs up

from page 4