xho65-0418m kukuphuma kwelanga vgr - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/xho/xho65-0418m it...

56
KUKUPHUMA KWELANGA ` Masithobe iintloko zethu. Nkosi, njengokuba sihlangene apha ngale ntsasa intle yePasika, sibona amathupha amancinane ezivelisa, iinyosi zibhabha zingena zifumana eyazo inxaxheba, iintaka zicula ngokungathi iintliziyo zazo zizakugqabhuka luvuyo, ngokuba ikho iPasika. Siyakholwa ukuba Wena wamvusa uYesu kwabafileyo, kwiminyaka emininzi eyadlulayo, namhlanje, kwaye sivuyela lo mhla wesikhumbuzo. 2 Makubekho ke iPasika phakathi kwethu, namhlanje. Sanga thina, njengabakhonzi baKho, singaliqonda iLizwi laKho, lokuba sasikubudlelane naYe ngoko, nokuba ke ngoku sivuke kunye naYe saye sihleli kunye kwiindawo zaseMazulwini. 3 Sikelela inkonzo ekulo mnquba, nangaphaya kwimihlaba eya kuyo, ngale mfono-mfono. 4 Philisa abagulayo nababambekileyo. Yanga ingayiPasika kubo, kananjalo, imfuduko yokusuka ekuguleni ukuya emandleni. Nabo bafileyo kwisono nesiphoso, banga bangaphila namhlanje ngoKristu. Yaye siyakuKudumisa, kuba oko sikucela eGameni laKhe. Amen. 5 Ngenene ndilibalela ekuthini licham elimangalisayo eli, ngale ntsasa ukubuyela apha eJeffersonville, e-Indiana, ndibe kunye neli bandla likhulu, inkonzo izele kumiwe ngeenyawo, kujikeleziwe nangaphandle, nakwiindawo zokumisa iinqwelo nakuyo yonke indawo. Kuni bantu baseminxebeni kwesi sizwe sisonke, yintsasa entle apha. 6 Ngentsimbi yesihlanu ngale ntsasa, umhlotyana wam onesifuba esibomvu ubhabhe waya efestileni wandivusa. Kwakhangeleka ngokungathi intliziyo yakhe izakugqabhuka, esithi, “Uvukile.” Ndahlala ndicinga ngale ntakana ngokuthi ingumhlobo kum, ngokuba ndiyayithanda. 7 Njengokuba intsomi isithi ngayo, “Intaka encinane emdaka yaMbona ebulaleka emnqamlezweni, apho isono sasiMbeke khona.” Kakade, intakana leyo yayingenasono. Akuzange kufuneke ukuba afele loo ntakana. “Kodwa yabhabha yangena emnqamlezweni yazama ukuncothula isikhonkwane, ngomlonyana wayo, yaze yasitsho sabomvu sonke isifuba sayo.” Yindlela endifuna sibe yiyo esam, naso, njengekhaka, lokuzama ukukhusela le Nto izukileyo Wafela yona. 8 Siqonda ukuba ixesha lethu lifutshane apha, ingakumbi kwabo bahlobo baphulaphule ngalo mnxeba, ndingathanda ukutsalela umdla wenu ngale ntsasa ku_kumfanekiso owathi wathatyathwa kwixeshana elidlulileyo ngekhamera, wombono

Upload: others

Post on 19-Jan-2020

6 views

Category:

Documents


0 download

TRANSCRIPT

Page 1: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

KUKUPHUMA KWELANGA 1

KUKUPHUMA KWELANGA

` Masithobe iintloko zethu. Nkosi, njengokuba sihlangeneapha ngale ntsasa intle yePasika, sibona amathupha

amancinane ezivelisa, iinyosi zibhabha zingena zifumanaeyazo inxaxheba, iintaka zicula ngokungathi iintliziyo zazozizakugqabhuka luvuyo, ngokuba ikho iPasika. Siyakholwaukuba Wena wamvusa uYesu kwabafileyo, kwiminyakaemininzi eyadlulayo, namhlanje, kwaye sivuyela lo mhlawesikhumbuzo.2 Makubekho ke iPasika phakathi kwethu, namhlanje. Sangathina, njengabakhonzi baKho, singaliqonda iLizwi laKho,lokuba sasikubudlelane naYe ngoko, nokuba ke ngoku sivukekunye naYe saye sihleli kunye kwiindawo zaseMazulwini.3 Sikelela inkonzo ekulo mnquba, nangaphaya kwimihlabaeya kuyo, ngale mfono-mfono.4 Philisa abagulayo nababambekileyo. Yanga ingayiPasikakubo, kananjalo, imfuduko yokusuka ekuguleni ukuyaemandleni. Nabo bafileyo kwisono nesiphoso, bangabangaphila namhlanje ngoKristu. Yaye siyakuKudumisa, kubaoko sikucela eGameni laKhe. Amen.5 Ngenene ndilibalela ekuthini licham elimangalisayo eli,ngale ntsasa ukubuyela apha eJeffersonville, e-Indiana, ndibekunye neli bandla likhulu, inkonzo izele kumiwe ngeenyawo,kujikeleziwe nangaphandle, nakwiindawo zokumisa iinqwelonakuyo yonke indawo. Kuni bantu baseminxebeni kwesi sizwesisonke, yintsasa entle apha.6 Ngentsimbi yesihlanu ngale ntsasa, umhlotyana wamonesifuba esibomvu ubhabhe waya efestileni wandivusa.Kwakhangeleka ngokungathi intliziyo yakhe izakugqabhuka,esithi, “Uvukile.” Ndahlala ndicinga ngale ntakana ngokuthiingumhlobo kum, ngokuba ndiyayithanda.7 Njengokuba intsomi isithi ngayo, “Intaka encinane emdakayaMbona ebulaleka emnqamlezweni, apho isono sasiMbekekhona.” Kakade, intakana leyo yayingenasono. Akuzangekufuneke ukuba afele loo ntakana. “Kodwa yabhabha yangenaemnqamlezweni yazama ukuncothula isikhonkwane,ngomlonyana wayo, yaze yasitsho sabomvu sonke isifubasayo.” Yindlela endifuna sibe yiyo esam, naso, njengekhaka,lokuzama ukukhusela le Nto izukileyo Wafela yona.8 Siqonda ukuba ixesha lethu lifutshane apha, ingakumbikwabo bahlobo baphulaphule ngalo mnxeba, ndingathandaukutsalela umdla wenu ngale ntsasa ku_kumfanekiso owathiwathatyathwa kwixeshana elidlulileyo ngekhamera, wombono

Page 2: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

2 ILIZWI ELITHETHIWEYO

endawufumanayo apha emnqubeni, wokushiya i-Indiana,ukuya e-Arizona; apho ndandiza kuhlangana khonaneeNgelosi ezisixhenxe, zikwimo yephiramidi. Ndingazi ukubakwakuya kwenzeka ntoni na emva koko, ndakufika apho,ndicinga ukuba yayisisiphelo sobomi bam, kuba kwakungekhomntu wayenokumelana noloo dubulo; kwaye ndiqinisekileukuba ninonke niliqhelile elo bali. Ke ngoko kuMwonyoiSabino, ngentsasa ethile enjengale, xandandisemthandazweni, kwabakho ikrele elafakwa esandlenisam, kwathiwa, “Eli liLizwi, neKrele leLizwi.”

9 Emva kwethuba, iiNgelosi zavela njengokokwakuprofethiwe. Kwaze kwathi ngelo xesha linye, inqumbaenkulu yokuKhanya yesuka apho ndandimi khona, yenyukangamashumi amathathu eemayile ukuphakama esibhaka-bhakeni, nesangqa esijikelezileyo, njengempiko zeeNgelosi ezo,yazoba into emile njengephiramidi esibhakabhakeni kwakweloqela leeNgelosi lavelayo.10 Inzululwazi yawuthabatha loo mfanekiso, konke ukuyakutsho eMexico, njengoko kwahambayo ukusuka eMntla-Arizona, apho uMoya oyiNgcwele wathi ndandiya kuma khona,“kumashumi amane eemayile emntla-mpuma Tuscon.” Kwayakungena esibhaka-bhakeni ke, waze ulindi-nyanga iLifewawukhupha loo mfanekiso, “into engummangaliso kude leeesibhakabhakeni, apho kungenakubakho kunyakama khona,apho kungenakubakho kwenzeka kwamiphunga okanyenantoni na; kumashumi amathathu eemayile ukuphakama,nakumashumi amabini anesixhenxe eemayile ukunqumla,”kwabe kusuka kanye kuloo ndawo zazikuyo ezo Ngelosi.11 Ngoku, babuza, befuna ukwazi. Inzululwazi, enye yazoeTuscon, yafuna ukwazi nangayiphi na intsingiselo, kodwaandizange ndiyixelele. Niyazi nonke nina, nayixelelwakwangaphambili. Kodwa yayingeyoyazo; yayiyeyenu.12 Ke ngoko Wathetha nam apho, esithi, “AMatywinaaSixhenxe aza kuvulwa. Iimfihlelo ezisixhenxe, imfihleloephindwe kasixhenxe yeBhayibhile, ebivaliwe ukususelaekusekweni kwehlabathi, iyakutyhilwa.” Sabe thina, siliqelaelincinane elithobekileyo, xa sithelekiswa nehlabathi, siyesaxhamla ezi ntsikelelo, nokuva ezo mfihlelo. UMtshato, ukuqhawulwa kwawo, imbewu yenyoka, yonke loo mibuzoyahlukeneyo, ityhilwe ngokupheleleyo kuthi, kungenguyeumntu, koko nguThixo ngokwaKhe, othe wavula ezo mfihlelozisixhenxe; zokuba laliyintoni na iBandla, ukuba LalikuKristuekuqalekeni nokuba Liyakutyhilwa ngomhla wokugqibela.13 Ke ngoku, ekunyukeni kwako ke, sinawo lo mfanekisophaya ngaphandle phezu kwelitye elihombisileyo. Kodwa,ngoko, ndinawo umfanekiso lowo ulapha, ukubauyakuqaphela, njengoko ulindi-xesha iLife yawukhuphayo.

Page 3: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

KUKUPHUMA KWELANGA 3

Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayoapha, ngenene bakhe bakhangela kulo mfanekiso, bawubone,bawubone, ngendlela ekumelwe bawubone ngayo.14 Niyakukhumbula, ndandishumayela apha xa lo mbonowafikayo, ngengongoma eseNcwadini yeZityhilelo, aphoabagwebi bakudala, apho sabona khona uYesu kwiZityhilelo 1.Xa saqalisayo ukuvula aMatywina aSixhenxe^okanyei_okanye iZigaba zeBandla, gxebe, kanye phambi kokuvulwakwaMatywina aSixhenxe. UKristu wayemi ene “nwele ezifananoboya, zimhlophe.” Ndaze ndayicacisa ngokuyichaza loo ntokuni, ukuba iijaji zakudala zamaNgesi, nabagwebiabangengobakudala kakhulu, ekungeneni kwazo esihlalweni,ukuba zifungiswe, zinikwe igunya lazo elongamileyo.Zazinxiba iwigi emhlophe, njengokuba wawunjalo, kwintlokozazo; ukubonisa igunya lazo elikhulu.15 Ke, ukuba uyakuwujika kanje lo mfanekiso ujonge,ningawubona ngokucacileyo nilapho esihlweleni, nguKristu.Ningawabona amehlo aKhe ekhangele apha, ngokucacekangangokuba enokuba nako; enxibe iwigi emhlopheyoBungangamsha obuKhulu enguMgwebi wawo wonkeamazulu nomhlaba. Niyawabona amehlo aKhe, impumlo,umlomo waKhe? [Ibandla lithi, “Amen.”_Mhl.] Niwujike njeumfanekiso kule, indlela ababewumise ngayo; ngale indlela,indlela omelwe kukuba yiyo. Yaye u^Uyawubona? [“Amen.”]UnguMgwebi owoNgamileyo. Akukho wumbi ngaphandlekwaKhe. Kwaye loo nto isisibonakalaliso esigqibeleleyokwakhona, ubungqina bokuba lo Myalezo uyiNyaniso.Yinyaniso. Oko ke kuMenza ukuba angabi soSiqu sesithathu,koko siSiqu ekukuphela kwaso!16 Ngenxa yobo bumhlophe, ’yabona, uyakubonaokumnyama, ubuso baKhe, iindevu zaKhe, namehlo aKhe.Kwaye qaphela, Ukhangele^Kuphuma kuYe oku kuKhanyakukhanyisa ngakwicala lasekunene, elo Ajonge ngakulo. Kuzekunqamleze, kukwelo cala Ajonge kulo, ngasekunene, aphoWaxolela khona umoni. EkuKhanyeni kovuko lwaKhe,sisahamba kuko eGameni laKhe.17 Ndiyanqwena, ngale ntsasa, ukuba ndibe bendinexeshaelininzi eli_elinokuchithwa kwezi zenzeko zisisimangazingaphaya kwawo nawaphi na amathandabuzo, ezithezaqondakalaliswa kule minyaka ingamashumi amathathuidlulileyo, okanye kumashumi amathathu anesihlanueminyaka, kanye apha kweli bandla; ukususela ezantsi phezukomlambo, xa kwa oko kuKhanya kwehlayo aphaeJeffersonville ngowe-1933, kwathetha loo mazwi,“Njengokuba uYohane umBhaptizi wathunywa ukuzakwandulela ukuza kokuqala kukaKristu, uMyalezo wakhouyakwandulela okwesibini.” Sikwixesha lesiphelo, kwayesiyayibona loo nto. Siye simangaliswe ngamanye amaxesha

Page 4: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

4 ILIZWI ELITHETHIWEYO

ukuba kutheni na ungasasazwanga kwihlabathi lonke;mhlawumbi ngelinye ixesha siyakuba nethuba lokuyicacisa loonto, ukuba uThixo uthandile.18 Ngoku ndifuna ukuba nityhile e_eziBhayibhileni zenu,njengoko sihlala sikholwa ekubeni iLizwi limelwe kukubayinto yokuqala, ukufundwa kweLizwi. Ndihlala ndiLifunda,ngokuba Lilo^Amazwi am alilizwi lomntu, ayakusilela;kodwa iLizwi likaThixo alinakuze lisilele.19 Ngoku siza ku_kufunda kwiZibhalo eziNgcwele,ingongoma. Ndifuna ke nityhile, kuqala, kwindawo ezintathueBhayibhileni, endikhethe ukufunda kuzo. Enye yazoikwiZityhilelo, isahluko so-1, nomqolo we-17 nowe-18; aphakulapho Wavela khona ene “Nwele zaKhe ezimhlophenjengoboya; neenyawo zaKhe zifana nobhedu.” Kwakhona kendifuna nifumane, kwiiBhayibhile zenu, amaRoma 8:11.Ndikhethe, ngale ntsasa, iindawo ezintathu zokufunda,kwiZibhalo eziNgcwele, ukulungiselela uMyalezo wamnamhlanje, ethe iNkosi yawubeka entliziyweni yam malunganovuko. Ke ngoko ndifuna ukuba nenze njalo, kananjalo,uMarko 16:1 ne-2. Ndiyakuwukhupha apho u_umxholo wam.20 Ngoku iZityhilelo 1:18, sifunda la Mazwi, 17 ne-18.

Ndithe ndakumbona, ndasuka ndawa ezinyawenizakhe ndaba njengofileyo. Waza wabeka isandla sakhesokunene phezu kwam, esithi kum, Musa ukoyika;Mna ndingowokuqala nowokugqibela:

Ndinguye odla ubomi, ndaye ndifile; yabona,ndingobudlayo ubomi kuse emaphakadeniasemaphakadeni, Amen; ndinazo nezitshixozelabafileyo nezokufa.

21 NakumaRoma isahluko se-8 nomqolo we-11, sifunda.Ukuba ke uMoya walowo wamvusayo uYesu

kwabafileyo umi ngaphakathi kwenu, yenaowamvusayo uKristu kwabafileyo uyakuyenza iphilenemizimba yenu enokufa ngaye uMoya wakhe omiyongaphakathi kwenu.

22 Ke ngoku kuMarko isahluko se-16, isahluko sovuko,isahluko se-16, imiqolo yo-1 nowe-2.

Yakubon’ukuba idlule isabatha, ooMariyawaseMagadala, unina^noMariya unina kaYakobi,noSalome, bathenga ubulawu, ukuba bezebamthambise.

Bathi kwakusasa kakhulu ngolokuqala usukulweveki, beza engcwabeni liphumile ilanga.

23 Ngoku, itekisi yam yale ntsasa, ndifuna ukuthabathaokomxholo: Kukuphuma Kwelanga. Ukuze ingongoma,ndifuna ukusebenzisa, “aMandla avuselelayo.”

Page 5: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

KUKUPHUMA KWELANGA 5

24 Ngoku, uyazi, mhlawumbi benisiva kunomathotholonabalungiseleli abahlukeneyo bethetha. NoMzalwana wethuobekekileyo uNeville ngale ntsasa ethetha ngeyakhe ingongomayePasika, ngovuko. Ndaze ndacinga ukuba mhlawumbindingathanda u_ukuyithabatha ngendlela eyahluke kancinci,ndingazami kuphikisa, koko ikukongeza nje kancinane,mhlawumbi ndiyivele kwelinye icala, ukulungiselela nina.IZibhalo, yonke indlela ezivelwa ngayo zihamba nayo iZibhalo,Sihlala njalo sibabaza uYesu Kristu. Awunakuyibaleka loo nto,nakanjani na. Sihlala sibhengeza Yena njalo.

25 Ngoku, njengokuba ihlabathi namhlanje li_likwinkonzoyesikhumbuzo, okanye, ubuncinane, e-United State nakwelicala lomhlaba, ngale ntsasa, ezinkonzweni nakuyo yonkeindawo, kuvuyelwa isikhumbuzo so_solona loyiso lukhulubakhe banalo abantu.26 Ndiyacinga, njengokuba uMsindisi ekufeni kwaKhe,okanye eselusana ekuzalweni kwaKhe, Wayenganakuzeabelapha kungengako ukungena emhlabeni. Ke ekufenikwaKhe, ngokuqinisekileyo Wasicamagushela izono zethu.Kodwa nangoko, zibe ninzi iintsana ezincinane ezilungileyoezazalwayo, kwaye babebaninzi abantu ababulalekayo bafelaizinto zenene, kodwa akuzange kubekho namnyeowayenokuzivusa kwakhona kwade namhlanje.27 Ngoku, leyo yeyona veki ibalulekileyo kwezembali, owonamvuyo mkhulu walo lonke ixesha, lePasika kulaphoWaqondakalisa oko Wakuthethayo. Abantu bangazithethaizinto, kodwa asizezo kumelwe ngenene kukholelwe kuzo,ngokupheleleyo, zide zibe ziqondakalisiwe ukuba ziyiNyaniso.NjengoThixo, Owathi, “Zicikideni zonke izinto; nibambelelekwezo zilungileyo,” Akanakunixelela into AngenakuyenzangokwaKhe. Ngoko Waqondakalisa ukuba yayinguBani nalowo wafela izono zethu.28 Ke, ngoku, asiyomini yesikhumbuzo nje kuphela, yazozonke ezi ntyatyambo zinkulu zePasika, neminqwazi yePasika,nemivundla epinki, njalo njalo, esithe sangena kuyo, nokuvuyaokungcwele; ntoleyo ilungileyo, koko le asi-yonto yenene ngolohlobo.29 Njengokuba abantu namhlanje bezama ukuthi, “Simelwekukuthi sihlambe iinyawo zethu kanye ngonyaka,ngo_ngoLwesine, size ngoLwesihlanu sidle umthendeleko,”nazo zonke iimfundiso ezahlukeneyo ze^Baxoxisanangokuba kumele ukuba ibe lolu suku na okanye oluya suku,okanye imelwe kukuba ibe lusuku lwesabatha na okanyeusuku lokuqala lweveki; okanye^Zonke ezi zinto zizithethenje ngokulula. Yintoni enokunceda yona nayiphi na kuzokuwe, nokuba ube nalo na Ixesha leNzila okanye awuwabanganaxesha leNzila, ukuba akukho Bomi kuwe? Sisikhumbuzo nje

Page 6: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

6 ILIZWI ELITHETHIWEYO

kuphela. Zona, akukho nto ichasene nazo, kodwangokuqinisekileyo baziqhubile izithethe zabo, kodwa bashiyaeyona nto ingundoqo.30 USathana akakhathali nokuba ungokhonza kangakananina, okanye uyiqhuba kakuhle kangakanani na iMfundisoyaKho. Ukuba uphose obo Bomi, awusayi kuvuka, nakanjanina. Akunamsebenzi nokuba ungokhonza kangakanani na,ulunge kanganani na, zingaphi na iinkonzo obengowazookanye oyakuba ngowazo, oko akusebenzi nento enyengaphandle kokuba ube uzelwe ngokutsha.31 Ngoko ke, ukuba uThixo wamvusa uYesu kwabafileyo,ingaba Wamvusa Emvusela isikhumbuzo? Yona le ntsasayovuko ingaba kuphela yi_yimini enye enyakeni, okanyeusuku oluthile esithi ngalo sivuyele oku? Okanye, singabancedikuvuko lwaKhe? Luthetha ntoni kum? Luthetha ntoni kuwe?Ngoku siyakholwa, ngokholo, ukuba Wavuka kwabafileyo,kodwa loo nto inakuthanani nam? Ngoko kwakukwiminyakaengamawaka amabini eyadlulayo.

Ngoku ukuze sifumane lo mxholo!32 Njengokuba bendidiniwe, ingalo yam ibuhlungu, ziinalitiebendizinikwe ngumongikazi. Kuba, ndizakunduluka ukuyaphesheya kolwandle ngoku, njengoko nisazi, kwiintsukuezimbalwa, kwaye kunyanzelekile ukuba ndikufumane okokuhlatywa, unyana kunye nam. Njengokuba kukho isifosorhudo, isifo sikalubhelushe, nayo yonke into, bendidinwengenene, indigulisa loo nto. Ntoleyo, uKesare ufuna ukubaufumane oko kutofwa ngaphambi kokuba uye kungenakwezinye izizwe. Ke Yena wathi, “Nikelani izinto zikaKesarekuKesare, kodwa ngoko nikelani kuThixo izinto zikaThixo.”33 Bendihleli apho ke, ndicinga ukuba ndingathetha ngantonina kwesi sihlwele silindeleyo ngale ngale ntsasa;endinombulelo kakhulu ngaso, ingamadoda nabafaziabanokubeka ubomi babo bulungelelane noko uyakukuthetha.“Ndingayenza njani loo nto? Ndingathatha ntoni ukuze ibengomxholo?”34 Kwaze kwathi ndisahleli apho, sendisondele ekuhlelwenibubuthongo, ucango lwam lwangxola, phaya ngaphandlekwicala langaphambili lendlu. Kungekho mntu aphongaphandle kwam, ngokokwazi kwam. Ndamamela.Andayiqonda kakuhle loo nto. Emva komzuzwana, yalucangolwegumbi elingaphantsi, apho ndiya khona ukuya kwigumbilam lokufundela, lwangxola, kwakho umntu ohleli eshukumisaucango. Ndaze nda_ndaya emnyango ndavula ucango, yaye,ndamangaliswa, ya_yabe iyentle, encinane, enenweleezilubhelu, intombazana enamehlo aluhlaza imi apho,yakhangeleka ngathi yintyatyambo yePasika encinane; ehleliapho ijonge kum ngoku.

Page 7: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

KUKUPHUMA KWELANGA 7

35 Yandinika ikhadi. Yabe i^Kakade, ndiyaqonda ukubaukufika kwam ekhaya kuyakube kukho amakhadi ePasika,nezinto ezinjalo; kodwa ekuphela kwalo, ekumnkeni kwamekhaya, endilifumeneyo lelo. Yaze yathi, “MzalwanaBranham, eli lisuka kutata nam.” Yabe ifuna ukuqinisekaukuba u”nam” imfakile. Kwaye ngutata wayo onesifosamathambo, ohleli kwisitulo esinamavili, othumele eli khadi.Ndathi ndakulithabatha ndibulele kweso sthandwa sincinane,njengokuba sijika simnka apho emnyango, ndalivula elokhadi.36 Kwindlela ebelimi ngayo elo khadi ndifumene kuyoumxholo wam. Kuba, kwelo khadi bekukho uMarko oNgcwele16:1 ne-2, ilanga liphumile, ilanga beliphuma. Ndaze ndacingangaloo nto. Yaze ngoko ingongoma yo “kuvuselela” kukaYesuKristu ngokuba evukile kwabafileyo, ndayikhupha aphoingongoma yam.37 Ngoku, ilanga, ekuphumeni kwelanga. Ke, ngoko kekwakukho ixesha apho ihlabathi lalihleli kubumnyamaobupheleleyo. Kwakusenyanyeni kulo, kuselubala. Yayelaligutyungelwe ngamanzi, lihleli apho ebumnyameni, lilusizi,likumoya wokudakumba. Kwaye uMoya kaThixo wahambaphezu kwamanzi, waze wathi, “Makubekho ukukhanya.”UThixo wayenesizathu sokwenza loo nto, kuba ezantsingaphantsi kwaloo manzi kwakukho iimbewu Awayezityalile,kwaye loo mbewu yayimelwe kukufumana ukukhanyakwelanga ukuze kuyenze iphile.38 Ke ukuKhanya kokuqala ekwathi kwaphiwa umhlabayayiliLizwi likaThixo elithethiweyo. UkuKhanya kokuqalaokwakhe kwabetha umhlaba yayiliLizwi likaThixoelithethiweyo. Wathi, “Makubekho ukuKhanya,” kwakho keukuKhanya. Loo nto yatshintsha ubumnyama yakukuKhanya,ukuze kuvelise indalo yovuyo nobomi phezu komhlaba. Ngoko,uMoya kaThixo njengokuba Wawuhamba unothandonemfesane, ngaloo mini inkulu, imini yokuqala yokuthi chaphakwendalo phezu komhlaba; ilanga laphuma latshayelaukunqumleza, imitha yalo, lawomisa amanzi esuka phezukomhlaba, lenza umoya ojikelezayo phezulu. Kwaye,okokuqala, lalisizisa uvuyo nobomi emhlabeni, ngembewu.Yayililixa elibalulekileyo elo.39 Kodwa, owu, yayingeyonto leyo, koko kuphuma kwelanga,njengokuphuma ngaloo ntsasa yePasika. Ngeli thuba, ilangalixhuma lingena esibhaka-bhakeni, lavelisa ukuphumakwelanga okukokona kubalulekileyo kwakhe kwakho;ngokuba kwafika indaba ezizezona zibalulekileyo nokokuphuma kwelanga, kunokuba kwenzekayo ekuphumenikwelanga kwasekuqalekeni. Oku kuphuma kwelanga kwezisaiindaba zokuba, “Uvukile! Uvusiwe kwabafileyo, njengokoWathembisayo. Uvukile kwabafileyo.”

Page 8: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

8 ILIZWI ELITHETHIWEYO

40 Ngexesha lokuqala ilanga laphuma kwiGenesis, lalisizisaumyalezo wokuba kuzakubakho ubomi phezu komhlaba,ubomi obubhubhayo.41 Kodwa ngeli xesha, xa laphumayo ilanga, kwabakhou_ukuphuma kwelanga okuphindwe kabini; nelinye, iLangaliphuma. Yayiku^yayingekokuphela kwelanga s-u-neliphumayo, yayingu S-o-n unyana ovukileyo ukuze aziseuBomi obunguNaphakade kuyo yonke iMbewu yedingakaThixo awathi ngokwazi kwaKhe kwangaphambili wayibonailele phezu komhlaba.42 Babungasenakuze u_ubomi besityalo buphile aphoekuqalekeni kwes-u-n ukuze ibuphilise; nanjengokuba,namhlanje, ngeli thuba oonyana bakaThixo baphezukomhlaba, ngenxa yokuKhanya koS-o-n ukubangenisakuBomi obunguNaphakade. Abakhethiweyo bakheAwabanyula ngaphambi kokusekwa kwehlabathi.Wabanyulela kuYe ngaphambi kokusekwa kwehlabathi.43 Ke ngentsasa yePasika, ngoko, kulo mhlaba kwindawoethile kwakulele imizimba yethu ngelo xesha, kuba siluthulilomhlaba. Kwaye eZulwini, kwakukho iNcwadi yesikhumbuzo,ke zonke iimpawu ezizizibonakaliso zaKhe zazikuYe, esaziukuba ngokuba lo Nyana kaThixo wavukayo, UyakuvuselaeBomini wonke unyana owayemiselwe ngenxa engaphambilikweli xesha libalulekileyo. Wayesazi ukuba iyakuba njalo loonto. Kwaye yayikukuphuma kwelanga okusuke ngakumbikangakanani oko kunoko kwasekuqalekeni, ngelo xeshakwaqala ngalo ukuthi chapha.

Ngoku, ngokukwaphulwa kweTywina lePasikakubalulekileyo!44 Ngoku, namhlanje sinesifo sephepha, itywina lePasika.Abantu bathumela umyalezo, omnye komnye, ukuze baxhase lengxowa-mali okanye inkqubo, ukwenzela oogqirhanenzululwazi yezamachiza ukuba isebenze ngento ethile,ukubambezela okanye ukunceda kwisifo sephepha. Zilitywinaezo zinto, lento siyibiza ngokuba litywina lePasika, xasithumela umyalezo omnye komnye. Kodwa xa samnkelaumyalezo, eloo tywina liyaphulwa, ngokuba itywina liloelinomyalezo osongelwe ngaphakathi kulo.45 Ke ngoku, iTywina lenyaniso lePasika, ngoku kuphumakwelanga, laphulwa; yaze imfihlelo, uBomi emva kokufa,batyhilwa. Ngaphambi kwelo xesha, sasingazi. Ihlabathilaliqundene ebumnyameni, laliphampatha lijikeleza, umntu^ukukrokra. Izicengcelezo ezaziphakathi kwentliziyo yomntu,izinto ezenziwe ngesithethe. Abantu babenqula izithixo.Babenqula ilanga. Babenqula zonke iintlobo zezithixo. Nazozonke iintlobo zabantu ezazinamabango, bebonke kebayakungena engcwabeni, baze bahlala engcwabeni.

Page 9: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

KUKUPHUMA KWELANGA 9

46 Kodwa iTywina lenene liqhekeziwe, waze Lowo waKhewaphila njengoko siphila, wafa njengokuba sizakufa, wazewavuswa kwabafileyo. Yayiyenjani intsasa! Akukho injengayo,kuyo yonke imbali yehlabathi. Imfihlelo yenziwa yazekaeyokuba Wayekuko kokubini uvuko noBomi.47 Kwaye Wathi, xa Athe wavuka ngaloo ntsasa, “NgokubaNdisidla ubomi, niyakudla ubomi nani.” Wayengeyondlalifanje Yena yovuko, kodwa naloo Mbewu yayithembele kwidingaelikhulu likaThixo yayiyinxalenye yolo vuko lokuya eBomini.Ngokuba Wathi, “Ngokuba Ndisidla ubomi, niyakudla ubominani.” Yayikukuqhekezwa kweTywina ke oko. NgokubaWavuswa, ukuze wonke umntu okuKristu avuswe kunye naYe.48 Ngokukuphuma kwelanga kuzukileyo ke, uThixowaqondakalalisa, okanye wangqinela iLizwi laKhe. Konkeukudakumba namathandabuzo awayehamba-hambaezingqondweni zabantu asuswa, ngokuba yayinguYe Lowowakhe waphila, wadla, wasela, wanobudlelane noluntu, wazewathi, “Ndinegunya lokububeka phantsi ubomi baM; negunyalobuya ndibuvuse.” Ke ngoku akazange Enze elo bango njekuphela, koko Waliqondakalalisa ukuba liyiNyaniso. Owu,yinto ezuke njani leyo!49 Ndiqinisekile ngale ntsasa ukuba nkqu thina, thinasikholwayo kuyo, asinako ukuyiqonda ukuba yayiyintoebaluleke kangakanani na leyo. Ngokuba Wavuka kwabafileyo,nathi sele sivukile kwabafileyo, ngenxa yokuba sasikuYe.50 Qaphela ngoku. Njengokuba ungcwalazilwaluwugubungele umhlaba, nembewu zazingenakuphilangaphandle kokuba us-u-n ilanga liphume, babe ubumnyamabuwugubungele umhlaba. Ke ngoku uS-o-n wavuka, bazebonke ubumnyama banyamalaliswa koku kuKhanya,njengokuba Kwathi chapha kwanqumla ezizweni, kusiyaebantwini, oko kukuthi, “Akakho apho Uvukile!”Enjani_Enjani yona ingxelo! WayeLiqondakalisile elaKheiLizwi. WayeLiqondakalalisile ukuba Lona, liyinyaniso, kubangoku Wayekoyisile ukufa, elabafileyo nengcwaba.51 Ubutriniti bomtyholi; ukufa, elabafileyo, nengcwaba; kubauSathana uyimbangi yokufa, nguye umnini sihogo, nengcwabangokunjalo. Kwaye obo yayibubutriniti bukaSathana busenziwayinto enye, leyo ke yayikukufa. Ngokufa, uya engcwabeni;ngenxa yokuba ungumoni ke, uye esihogweni. Iyonke loo ntoikwayinto enye, bubutriniti bukaSathana, obabukukufa.Ekwakubambele umntu ebukhobokeni yonke le minyaka.52 Kodwa ngoku ubutriniti benyaniso bukaThixo, ngenxayokuba eMnye ebonakalaliswe kuKristu, OwayebuBomi, wazewaqhekeza aMatywina waloyisa utshaba wavuka, uThixoomnye ophilileyo oyinyaniso. “NdinguLowo wayefile, ndayeNdingobudlayo ubomi kuse emaphakadeni asemaphakadeni,

Page 10: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

10 ILIZWI ELITHETHIWEYO

ndinazo nezitshixo zokufa nezelabafileyo.” UThixo, ekuBunye,enziwe uMntu, wahlala phakathi kwethu, woyisa lonkeutshaba. Waze waqondakalalisa ukuba ubutrinitibukaSathana baboyisiwe, nokuba ubutriniti bukaThixobazeka, kuba nguThixo yedwa onamandla okubuyisela uBomikwakhona. Yayinguye loo Emanuel. UThixowayebonakalaliswe esenyameni.53 Akumangalisi ukuba abe Wayenokubanga phaya,kuMateyu isahluko sama-27, “Lonke igunya eZulwininasemhlabeni linikelwe esandleni sam. Ndinithuma ukubanibe ngamangqina aM, kulo lonke ihlabathi.” Wayoyisekokubini ukufa, nesihogo nengcwaba. Akazange Enze loo ntokuphela; waphuma oyisile, enalo lonke igunya eMazulwininasemhlabeni. Konke okwakunguYise, konke okwakunguMoyaoyiNgcwele, nako konke okwakhe kwakho, kwakukuYe.“Lonke igunya eZulwini nasemhlabeni linikelwe kuM.” Yonkeenye into ayinamandla. Wayeyoyisile.54 Ngoku! Ke ngoko, asiyiloo nto kuphela, Wathumela iLizwikubadisipile baKhe, abakholwayo baKhe. “Musani ukoyika,kuba NdinguLowo wayefile, ndaye ndidla ubomi kude kubengunaphakade. Ndinazo izitshixo zokufa nezelabafileyo; selendikoyisile. Musani ukuba soyika, kuba bonke abamiselwengenxa engaphambili, iMbewu kaThixo emiselwe ngenxaengaphambili iyakuza eBomini kwakuthi thaa oko kuKhanyakunqumleze umhlaba, kweVangeli ezukileyo. Kwisigabangasinye, Iyakuvelisa isityalo uThixo ayimisele ukubaIsivelise.” Wayevukile kwabafileyo.55 Owu, yinto emangalisa kanjani leyo, “Ndiphilile, okanyendivuselelekile.” Elo gama lithetha, igama ukuvuseleleka,ligama lesiGrike elithetha into ethile “eyenziwe yaphila emvakokuba ifile.”56 Njenge_ngembewu engena emhlabeni, imelwe kukuba ife,intwana nganye yaloo mbewu. Imelwe kukuba ife, yonkeintwana yaloo mbewu. Kwaye yonke intwana yobomi,obebukuloo mbewu, imelwe kukuba ivele kwakhona.57 Wa “vuselelwa.” Ingekokuphela kwaloo nto.“Ndiyakuthumela obo Bomi baNdivuselelayo, aMandlaawaNdikhupha engcwabeni, NdiyakuWathumela phezu kwenu,ukuze anivuse, ukuze apho Ndikhoyo Mna nibe khona nani.”58 KuLuka, isahluko sama-24, ivesi yama-49. Wathi,“Yabonani, Ndithumela idinga likaBawo phezu kwenu; hlalanike, okanye lindani, kuwo umzi iYerusalem, nide nambathisweaMandla aphuma eNyangweni.” Ukubonisa ukuba akazangeAkhuphe kuphela yonke inzuzo kuwo, koko Wafumana isabelokuloo nzuzo.59 Weza kuhlangula, okanye ukuza kuzisa eBomini, loo Mbewuyayimiselwe ngenxa engaphambili wathi uThixo wayibona

Page 11: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

KUKUPHUMA KWELANGA 11

ngaphambi kokusekwa kwehlabathi wabhala amagama abokwiNcwadi yoBomi. Naba ke bephezu komhlaba,bengenathemba; Wayengazelanga kuba yiNtsikelelo kuphela,kodwa ezokwahlulelana ngeNtsikelelo nayo yonke iMbewuemiselwe kwangaphambili. Ngoku, ukuba iMbewu yayingekhophezu komhlaba, yayingenakuphila. Kwanyanzeleka ukuba ibephezu komhlaba, ize intshule kananjalo. Kungenamsebenzinokuba lithuba elingakanani na Igcinwe emnyameni,Iyakuphuma xa uS-o-n ayakukhanya phezu kwaYo. Qaphelangoku, Weza kwabelana nathi ngaYo.

60 Yiloo nto iVangeli izindaba ezilungileyo nje. IgamauVangeli lithetha “iindaba ezilungileyo.” Iindaba ezilungileyo,zantoni? Ukuba indoda yafela thina, ziindaba ezilungileyo ezo.Ukuba uKristu wazalwa, ziindaba ezilungileyo ezo. Kodwaakuzange kubekho zindaba, akuzange kubekho zindaba zifananezi ndaba, zokuba, Lowo Wabeka idinga ulingqinele idinga.Ngoko, “Uphila ngonaphakade, enazo izitshixo zozibiniezokufa nelabafileyo, esandleni kuYe.” Ithunzi lasuswalemnka. Akuzange kube sabakho thunzi linokubonwa, kubauNyana wayephumile engcwabeni. Kwakungasekho, “Ke,Uzakufika, kungenjalo Usenokufika.” Wayeselefikile, iVangeli,iindaba ezilungileyo!

61 Qaphela, kwa uMyalezo weVangeli kanye, ngokwaWo,ngowokuqondakalalisa ebantwini ukuba Uvukile. “Hambaniniye kuxelela abafundi baM ukuba Ndivukile kwabafileyo,ndaye Ndiya kuhlangana nabo, ukuqinisekisa loo nto kubo.”Owu Thixo, indlela ekuya kubakho ngayo kulo mhlawokugqibela ukuKhanya kwakhona kunqumleze umhlaba!“Ndaye Ndiyakuqondakalalisa kubafundi baM! Hambani niyekubaxelela ukuba Andifanga, kwaye Andisosithethe, kokondinguKristu ophilileyo. Ndiyakuhlangana nabo. Thabathanilo Myalezo niwuse kubafundi baM, wokuba Ndivukilekwabafileyo,” iVangeli, iindaba ezilungileyo.

Uthi, “Injalo loo nto?”

62 KumaHebhere 13:8 ithe, “Isekwanguye izolo, namhlanje,nangonaphakade.” Thina, zindlalifa zaKhe,sizakuqondakalalisa uBomi baKhe ukuba bukuthi ngoku,iindlalifa zobu Bomi. UBomi, ekungekho bomi bakhe baphilwabufana nabo; Yena wayenguNyana kaThixo. Waze Wafa, loonto ke yabuvalela ngaphandle; kodwa ekuvukeni kwaKhekwakhona kwabafileyo, ngentsasa yePasika, ngoko thina,njengabakhonzi baKhe, siyalelwe nguYe ukuba siye kulo lonkeihlabathi sise ezi ndaba zilungileyo kuye wonke umntu, zokubaUyaphila. Singayenza njani ke loo nto ngeLizwi kuphela?Kuba kubhaliwe, “IVangeli ayizanga ngaLizwi lodwa, kokonangamandla nokubonakalaliswa koMoya oyiNgcwele,ukuqondakalisa ukuba Uyaphila.”

Page 12: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

12 ILIZWI ELITHETHIWEYO

63 Ngoku, ukuba kukho enye iVangeli, njengoko uPawuloswathethayo kwelinye laloo maqela, “Ndimangalisiwe kukubanibe niguqukele kwenye ivangeli.” Ekungekho iyenye ke, kokoivangeli yokholo lokuzenzisa, niye kwintsomi yobuhlelo,nemnka kwezo ndaba zilungileyo.64 “Kwaye ngenxa yokuba Ndisidla uBomi, niyakudla ubominani. Kwaye Mna ndingaphakathi kuni, nemisebenziendiyenzayo Mna,” uYohane 14:12, “Imisebenzi endiyenzayoMna iyakubonakalalisa Mna ndikuni.” Ngonjani uMyalezolowo! Akumangalisi, sithe sanehlabathi elinobumnyamalentetho yengcingane, kodwa ngexa langokuhlwa kuyakufikaukuKhanya kwakhona. Kuyakubakho uvuko ngexalangokuhlwa. Kuyakubakho ukuKhanya ngexa langokuhlwa.65 Ngoku, kwa umongo waloo Myalezo wathunyelwayo,wokuba, “Uvukile kwabafileyo,” thina baziindlalifa zaKhe,thina bahlulelene naYe ngovuko, sinenzuzo esiyifumanayokulento, ngokuqondakalalisa kwihlabathi ukuba Uyaphila.Asinakuyenza ngalizwi kuphela loo nto. Asinakuyenzangasithethe sithile somntu. Singayenza kuphelangokubonakalalisa ngokuchanekileyo loo nto sikhomba kuyo.66 Ndilusizi namhlanje kuba abaninzi kakhulu kuthi abazamikusa abantu kuKristu. Sizama ukubafaka kwibandla elithile,kwintetho nje yengcingane. Kodwa simelwe kukubasakuKristu. Nguye okuphela kwaKhe, nokuphela kwaKheonoBomi. “Lowo unaye uNyana unoBomi.”67 Kwaye ukuba ubomi bomntu ofileyo bukhutshelwe kuwe,uyakuphila kwa obo bomi wabuphilayo.68 Ukuba igazi lomntu lwaluluhlobo oluthile, uze uthabatheigazi komnye umntu utshintshele igazi lomnye umntu lingenekomnye, ngokuqinisekileyo uyakuba lolo hlobo lwegazi.69 Kwaye ukuba umoya wakho ongaphakathi kuwe ubalelwaekubeni ufile, uze ufumane intambiso yoBomiobabungaphakathi kuKristu, ibe phezu kwakho! AmaRoma 8:11athe, “Ukuba uMoya owamvusayo uKristu kwabafileyo, uhlelingaphakathi kwenu, Uyakuyiphilisa kwangokunjalo imizimbayenu enokufa,” kwa obo Bomi bunye, loo mandla manye, kwaezo zinto zililifa, ezo Wayenazo apha emhlabeni, zisukakuThixo. Wakuhlangula, iMbewu eyaziwa kwangaphambilinguThixo, abo bamagama ayebhalwe kwiNcwadi yoBomiyeMvana ngaphambi kokusekwa kwehlabathi.70 Noko kuKhanya kweVangeli yovuko, ukungqinelwakweLizwi! Sazi njani ukuba Yena wayenguKristu? Ngokubawakuqondakalalisa oko ngoko Wayethetha ngako.Ndiyakuwazi njani uMyalezo weli lixa? UThixouyakuqondakalalisa Akuthembisileyo, kwaye Uyathethangako. Naso isibonakalaliso, sokuba thina siziindlalifa kunyenaYe eluvukweni. Uyakuqondakalalisa oko Athethe ngako.

Page 13: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

KUKUPHUMA KWELANGA 13

71 Oko Wathembisa ukukwenza kuKristu,Wakuqondakalalisa eluvukweni. Oko Wathembisa ukukwenzangemihla kaMoses, Wakuqondakalalisa. Oko Wakuthembisangemihla ka-Enoki, Wakuqondakalalisa. Kuyo yonke imihlayabapostile, Wakuqondakalalisa.72 Ngoku ngalo mhla, Uqondakalalisa oko Wakuthethayo,ngokuba abo bayinxalenye yaloo Mbewu yayimelweeNcwadini yoBomi wathi Wabuyela ukuyihlangula ibuyelekuThixo kwakhona. Owu, onjani uMyalezo!73 Ngentsasa yePasika, akazange Avuke nje kuphela, kokoiindlalifa zaKhe zavuka kunye naYe. Yena^ZazikuKristuekubethelelweni kwaKhe. ZazikuYe ekuvukeni kwaKhe. Thinasiziindlalifa zaKhe, ezivusiweyo ekubeni zazifileebumnyameni.74 Ihlabathi elinobumnyama bokungakholwa, aphoamabandla namahlelo, nezinto ezinjalo, zathi zasikhuphakhona. Kwaye kukho into ethile ngaphakathi kwethu ebizayo,“Owu, sifuna uThixo! Silambele sinxanelwe uThixo.”Sajoyina amaWisile, amaBhaptizi, abakwaMoya, amaRhabe,nayo yonke enye into, ukanti kusekho into ethile engekalungi,asibanga nakuYifumana okwangoku. Kwaze kwathingequbuliso, ngeli thuba besisaphampatha ebumnyameni,uvuko olukhulu lweza kuthi ekubonakalalisweni kweLizwilikaThixo ledinga.75 Njengokuba, Yena wayesisibonakalaliso seLizwi likaThixoelibekwe ngedinga. “Andiyi kuwushiya umphefumlo waKhekwelabafileyo, noyiNgcwele waM Andiyi kuMnikelaekuboneni ukubola.” WaLibonakalalisa, lonke iLizwilikaThixo elalithenjiswe kuYe. Waliqondakalalisa xaWavukayo ngentsasa yePasika.76 Ngoku, abo babephampatha ebumnyameni bejikelezayonke indawo, ukuba banokuhlamba iinyawo zabo ngale mini,okanye ukuba bangagcina imini ethile, okanye benze imithethoethile, zonke ezo zinto zedlula. Kuba, kwabakho uvukoolunobuqaqawuli elade leyisa yonke into eyenziwe ngumntu.Awakhe umntu wayenza, sonke isizathu esenziwa ngumntu.77 Akuzange khe kubekho, kwade kwalelo xesha, indodaeyathi yabubeka phantsi ubomi bayo yaze yabucholakwakhona. Wadela weyisa oko kuqondakalalisakwenzululwazi babenako, ngokuvuka kwakhona.78 Xa besitsho, ukuthi, “UYesu Kristu ayisekwanguye izolo,namhlanje, nangonaphakade,” besithi, “Amandla akhe akayiyointo enye,” bathi, “IVangeli yaKhe ayisekwayileyo inye,” ngelithuba iBhayibhile ithi Ikwayinto enye! UThixo wadela weyisalonke ihlelo, yonke imfundiso, waze Wahambela phambilingoMoya oyiNgcwele waKhe, njengoko Wathembisayo, wazeWaqondakalisa oko kuthi, ukuba Uphilile.

Page 14: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

14 ILIZWI ELITHETHIWEYO

79 Singabo baxhamla uvuko lwaKhe sivusiwe ekubeni sasifileehlabathini, kwisono nakwizigqitho. “Usivuse kunye naYe,sivuke kunye naYe, ngoku sihleli kwindawo zaseMazulwinikuKristu Yesu.” Ukuzisa kwakhe^80 UMoya waKhe uzisa kwa obo Bomi bunye kwakhonaphezu komhlaba. “Ukuba uMoya kaThixo, owamvusayouKristu,” umzimba, umzimba onentambiso; ukuba uMoyakaThixo wawuthambisa lo mzimb kangangokude, xa looMbewu yawa yangena emhlabeni, Akabi nakuYiyeka Iphumlenje apho. Hayi. Wamenza Waphila waMvusa. “Loo Moyamnye,” kwangaloo misebenzi, kwangaloo Mandla, kwangaloomiqondiso, “ukuba ungaphakathi kuwe, Uyakukuvusakwangokunjalo.”81 Ndingathanda ukunifundela iSibhalo esincinane apha.Ndingathanda ukuba nityhile kwesinye iSibhalo endisibhaleapha. Singaninceda kancinane. Sifumaneka kwiNcwadiyeLevitikus, isahluko sama-23, ivesi ye-9 ukuya kweye-11.Phulaphulisisa. Emthethweni, umthetho wabaLevi, uThixoethetha kuMoses. Phulaphula. Zonke ezi zinto ziyimizekelongoku, kwaye sizakuma apha okwemizuzwana ukuze singenekulo mzekelo.

Wathetha uYEHOVA kuMoses, esithi,Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi kubo, Xa

nithe^nafika kulo ilizwe endininika lona,^82 “Kuyiwa endaweni, ukubekwa ngokwendawo, endithendaninika yona. Ngoku uthethe nabantwana bakaSirayeli,ukuba xa nithe nafika kule ndawo ithile Ndinithembise ukubaNdiyakunisa kuyo, nakufika apho kweli lizwe.” Ngoku ithethangezinto ezizezale mveli apha, izekelisa ezomoya.

^navuna isivuno salo (namnkele oko Ndinixelelengako), nozisa kumbingeleli isinda lokuqala lesivunosenu:

Alitshangatshangise isinda phambi koYEHOVA, ukuzelinikholekise: alitshangatshangise umbingelelingengomso emva kwesabatha:

83 Ukuba kwakuzakubakho naliphi na itheko elingcwele,lalimelwe kukuba ngomhla wesabatha, owawungumhlawesixhenxe weveki, nguMgqibelo ke lowo. Kodwa uqaphele,kwesi sikhumbuzo, sokuba litshangatshangiswe ngosukulokuqala lweveki?84 “Isithungu esasisesokuqala sakho kwimbewuoyihlwayeleyo, sakufikelela ekuvuthweni, wawusisika esisithungu usithathe usise kumbingeleli. Umyeke ke asithatheasitshangatshangise phambi kweNkosi, esenzela ukwamnkelekakwakho, ukuze wamnkeleke. Nguwe oze nesithungu sakho, yenake uzakusitshangatshangisa phambi kweNkosi, ngo^”

Page 15: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

KUKUPHUMA KWELANGA 15

85 Hayi ngesabatha, umhla wesixhenxe; koko ngomhlawokuqala, esiwubiza ngokuba yiCawe, S-u-n-d-a-y.86 Kakade ligama le_lesiRoma elo, elithetha ukubababewubiza ngokuba ngumhla welanga ngenxa yesithixoselanga. Kodwa indlela eguquke ngayo loo nto!87 Ayisengo-s-u-n ngoku. Ngu-S-o-n-d-a-y, ngumhlakaNyana, apho kwathi olwaa khozo lweNgqolowa (OwokuqalakaThixo ukuvuka kwabafileyo) umelwekukutshangatshangiswa phezu kwebandla, kuba siyiMbewuyaKhe: kwaye leyo yeyokuqala kwiMbewu yabo baleleyo,itshangatshangiswe ngomhla wokuqala weveki. NgeCawe,Wavuka. Wasiphakamisela isandla esithi sala kakuhle,wenyukela eNyangweni, emehlweni abantu.88 Qaphela, Yayilukhozo lokuqala lwengqolowa kaThixoolwathi lwavuswa kwabafileyo, ukhozo lokuqala lweNgqolowakaThixo. NgaMandla avusayo kaThixo, uThixo wayeluvuselekuBomi baKhe, waMvusa kwabafileyo, kwaye Waba lulibolokuQala kwabo babelele, uLibo lokuqala. Yayinguye esoSikhwebu.89 Yiyo loo nto kwakufanele ukuba batshangatshangise esosikhwebu, kuba yayisesokuqala esifikelele ekuvuthweni.Kwaye sasitshangatshangiswa njengesikhumbuzo sokunikaumbulelo kuThixo, kukholelwa ekubeni ezinye ziyeza.Yayingumqondiso lowo.90 Kwaye, namhlanje, ngenxa yokuba wayenguNyanawokuqala kaThixo ukufikelela ekukhuleni, ukuba abe kuThixo,Wakhiwa wancothulwa emhlabeni waze watshangatshangiswaphezu kwabantu. Owu, sisifundo esimangalisa kangakananieso! NgaMandla ovuko, Owokuqala! Nakubeni, Ethe i_Ethewazekeliswa; nangamaxesha amaninzi, njengokuba sizakubonaekuhambeni kwethuba, ukuba Wazekeliswa. Kodwa esingenene yayisiSivuno sokuqala kwabo babelele.Watshangatshangiswa phezu kweMbewu ebekwe ngedingaeyayinedinga loBomi.91 Watshangatshangiswa ngoMhla wePentekoste, “xakwaphuma isandi eZulwini sitshangatshangisa, njengomoyaovuthuza ngamandla,” waze watshangatshangiswa phezukwabantu, abantu bangepentekoste ababephaya phezulukwiPentekoste, belindele iNtsikelelo eyakuza.92 Kwaye kuzakutshangatshangiswa kwakhona, siyaqonda,ngomhla wokugqibela, ngokukaLuka 17:30, ngumhla woNyanakwakhona, “ngomhla ayakutyhilwa ngawo uS-o-n Nyanawomntu,” okanye atshangatshangiswe phezu kwabantukwakhona.93 Ngoku, nguBani uNyana womntu? “Ekuqalekeni ube ekhouLizwi, uLizwi wayekuThixo, uLizwi enguThixo. Waze uLizwi

Page 16: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

16 ILIZWI ELITHETHIWEYO

wenziwa inyama, wahlala phakathi kwethu.” Kwaye ukubayonke imfundiso esinayo, nokungqinelwa kweLizwi likaThixo;ngeLizwi likaThixo, ngemiqondiso, ngemimangaliso, esiyibonanamhlanje, ukuba kwiNcwadi ka_kaLuka apha, okonjengokuba besicaphula kuyo, okanye u_okanye uLukaisahluko se-17 nomqolo wama-30; noMalaki 4, neZibhaloezahlukeneyo esiqheleneyo nazo, ukuba elaa Lizwi kwakhonalitshangatshangiswe phezu kwabantu, ukuthi izithetheezifileyo zabantu zifile, abe uNyana kaThixo ephililekwakhona ngobhaptizo lukaMoya oyiNgcwele kanye aphaphakathi kwethu, abe ephisa ngoBomi.94 Njengokuba uKristu Wayengowokuqala ukuvuka kubobonke abaprofeti, njalo njalo; nakuba kuzekelisiwe kwiindawoezininzi, WayesiSivuno sokuqala sabo babelele. KuMtshakazi,ekuzeni kukaKristu, uphuma kwibandla, kuyakunyanzelekaukuba kubekho iSikhwebu esitshangatshangiswayo ngemihlayokugqibela. Owu, bethu!95 Ukutshangatshangiswa kwesi sithungu! Yayiyintoniisithungu? Esokuqala esithe safikelela ekukhuleni, esokuqalaukuqondakalalisa ukuba siyiyo ingqolowa, loo ntoyayibonakalisa ukuba sisikhwebu.96 Haleluya! Ndiqinisekile ukuba niyabona ukuba ndithethangantoni na. Sasitshangatshangiswa ebantwini. Kwayekwixesha lokuqala siyakuvela, ukwenzela isigaba sexeshaloMtshakazi, kuba uvuko lokuphuma ebumnyameni bobuhlelo,luyakuba nguMyalezo, obonisa ukuba ukukhula okuzeleyokweLizwi kubuyile kwakhona kuMandla aKo azeleyo, kwayekuyatshangatshangiswa phezu kwabantu, kwangaloomiqondiso minye nemimangaliso awayenzayo phaya kudala.97 “Ngokuba ndisidla ubomi Mna, nani niya kudla ubomi,”ethetha kwiNkosikazi yaKhe. “Ngokuba ndisidla ubomi Mna,niya kudla ubomi nani.” Yayilolunjani uvuko olo! Kwayelolunjani uvuko olu, ukuvuswa kwabafileyo, “ukwenziwauphile kuKristu Yesu,” ngaMandla aphilisayo kaThixo.98 Watshangatshangiswa kubo. ILizwi, kuba yayiLilo,latshangatshangiswa kubo kwakhona ngoMhla wePentekoste,iLizwi libonakalalisiwe. Ngoku, njengokuba ndisitsho,Lizakutshangatshangiswa kwakhona ngalo mhla wokugqibela.Ngoku, ngokomzekelo^99 Uthi, “Ke, ngoku, yima umzuzu, Mzalwana Branham.Ndazi ibandla eliyi^” Ke, nam ndiyalazi, okwam. ’Yabona?100 Kodwa ngoku, ngokomzekelo, bekunokuthini ukuba_ukuba besizakubuyela eTucson ngale njikalanga, ngoku, ukuzemntu ngamnye kuthi abe ne^abe ezakuhamba nge_ngeCadillac enkulu, entsha kraca? Zibe zonke izitulo zenziwengo_ngofele lwexhamakazi, esona sikhumba sithambileyo,sithambe simnandi ukuhlala kuso; ibe imigangatho yayo

Page 17: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

KUKUPHUMA KWELANGA 17

ibengezela; ivili lokuqhuba lolekwe latyatyekwa ngemali ibeinezikhonkwane zedayimane kuyo yonke; ukanti injiniilingiwe ngokwezokukhandwa kwenqwelo ukuba iyinjinieyiyo; namavili abe^enabo bonke ubuxhaka-xhakaobuwagcina ehamba ethanjiswe amafutha; namavilikuqondiwe ukuba akanamingxuma engafufi moya; yonke loonto ilingalingiwe ngokwenzululwazi.101 Sele ityhaliwe ke yakhutshwa kumgca ehlanganiselwakuwo, zizombini, zize zombini zizaliswe ngamafutha enqwelo.Ngamandla okuhamba lawo, amafutha enqwelo, ngokubaphakathi kuwo kukho ichiza elibangela ukuba amafuthaenqwelo alungele ukuhamba ngakumbi. Kodwa ngoku uthi xauza kuzidumisa, nakubeni zombini zikhangeleka ziyintoefanayo kanye, kodwa kubekho enye yazo engenayo nentlantsi,ingenawo amandla okuyidumisa.102 “Ke,” uthi, “amandla akumafutha enqwelo, MzalwanaBranham.” Kodwa andikhathali nokuba angakanani naamandla akumafutha enqwelo; ngaphandle kokuba kubekhointlantsi yomlilo apho ezakubonakalalisa loo mandla,ngaphandle kokuba kubekho amandla apho okungqina ukubaloo nto ngamafutha enqwelo, isenokuba ingamanzi nje ke.Ide^103 Akunamsebenzi nokuba kungakanani na okubangwazizifundiswa zezakwalizwi, niyimise ngendlela kanjani nainkonzo yenu, ingakanani na imfundo onayo, uyithandakanganani na iBhayibhile; kude kutshangatshangiswe esoSikhwebu, ade uMoya oyiNgcwele angene phezu kwalo mntuukuze avuse elaa Lizwi! Amafutha enqwelo amele iLizwi.LiyiNyaniso; kodwa, ngaphandle kukaMoya, Alisayikushukuma.104 Sisebenze kakhulu ngokuBuxhaka-xhaka asenza ntongoNdoqo owenza into isebenze. Kusweleke aMandla angawokaThixo, aMandla ovuko lu-kaYesu Kristu phezu kweBandla,ukuze Abonakalalise enze kubonakele ukuba La ngamafuthaenqwelo. Isenokuba kwinkonkxa yamafutha enqwelo; ukantiisenokuba ngamanzi nangoko, ’yabona. Kodwa inye indlelayokuyiqonda loo nto, kukuthi, uthabathe obu Bomi ubufakekuyo, kwaye oko Kuyakuqondakala ukuba ngamafuthaenqwelo na okanye hayi.105 Kwaye xa uzama ukufaka uMoya oyiNgcwele kwihlelo,ufana nokuzama^Unganako ukutshitshiza; uyakuyonakalisainjini yakho, ngokuyizalisa ngomsi.106 Kodwa, owu, ndivuya kakhulu ngokuba kukho aMandlaeshumi lamawaka amafutha enqwelo, iLizwi likaThixonoMoya oyiNgcwele ukuza kuWalumeka, nokuza kuvusaaMandla kaThixo angene kuBomi bendoda, okanye kubomibomfazi, okanye kwibandla. Yiloo nto eyatyhala laa Cadillac

Page 18: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

18 ILIZWI ELITHETHIWEYO

yehla ngendlela phaya ngaphesheya, phantsi kwaMandlaoqobo kaMoya oyiNgcwele owabuya watshangatshangiswaphezu kwabantu ngoMhla wePentekoste, eMenza ukuba ibekwanguye izolo, namhlanje, nangonaphakade.107 Yayiseso iSithungu sokuqala esathi savela siphuma kubobonke abaprofeti, esasinguNyana kaThixo, uKumkani wabobonke abaprofeti.108 Abekho amabandla, amabandla, abatshakazi, abatshakazi,amabandla, abatshakazi, abatshakazi.109 Kodwa umelwe kukuba abe Mnye! Haleluya!Kunyanzelekile ukuba kufike uMtshakazi onguye! Ufaneleukuba abe Mnye ongenaBuxhaka-xhaka bodwa, kodwa enayeuNdoqo waKo, esenza iBandla elo liphile, lihambe kuMandlawovuko lwaKhe. Side sifike kuloo ndawo, side sifumane loondawo. Kunceda ntoni ukosula ubengezelise iindawoeziphakathi emavilini? Kwenza ntoni ukuyenza ibukeke xauyijongile okanye wenze umsebenzi wokuthenga izikhundla,xa engekho uNdoqo kulo? Akunamsebenzi nokubabungakanani na uBuxhaka-xhaka obuqondakalalise ukubabubobulungileyo, kunyanzelekile ukuba kubekho uNdoqooyakwenza ukuba Busebenze.110 Nantso into Awayiqondakalalisayo! Haleluya! Nantsi intoeyaqondakalaliswa yiPasika. WayengeloLizwi kuphela, kokoWayenguThixo ngokwaKhe, uNdoqo, ekwiLizwi. Nantso intoeyenza umzimba kaYesu Kristu (ubanda, uqinile, ufile,usengcwabeni) washukuma wangena eBomini waze wavukakwakhona, latyhalwa lasuswa ilitye. “NdinguLowo wayefile,”efe kangangokuba nelanga lathi Ufile, inyanga yathi Ufile,iinkwenkwezi zathi Ufile. Yonke indalo yathi Ufile. Ke ngokuihlabathi lilonke liyaqonda ukuba Uyaphila kwakhona.Wayengebubo uBuxhaka-xhaka bodwa, iLizwi likaThixo,WayenguNdoqo wokuLiqondakalalisa.111 Njengokuba Yena, wayenguMyeni, uMtshakazi umelwekukuvela, kuba Uyinxenye yaKhe. Yaye unokubakuKubonakalaliswa kwenzaliseko yazo naziphi na izityhileloezathi zathetha ngoMtshakazi; Uyakubonakalalisa kuphela.Ukuba wenze into eyahlukileyo kuMyeni, ayingoMtshakazi.Ngokuba, Yena uyinyama yenyama yaKhe, ithambo lethambolaKhe, uBomi boBomi baKhe, aMandla aMandla aKhe! YenaunguYe! Njengendoda nomfazi ukuba bebanye, yaye umfaziuhlala ecaleni kwayo, Lona, lithabathe uMoya, uMoyawobufazi, ophuma kuYe. Inyama ephuma kwicala laKhe,yenza kokubini uBuxhaka-xhaka noNdoqo, iNkosikazi.UMoya waKhe nenyama yaKhe, wakuhlanganisa oko, wenzauBuxhaka-xhaka noNdoqo. Lide ibandla okanye abantu^112 Onke la maqebengwana mancinane ePasika, amatheko,neenkonzo ezinkulu, nobuqhele-qhele, ayakusilela adlule.

Page 19: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

KUKUPHUMA KWELANGA 19

113 Lide elo Bandla libe kuko kokuBini uNdoqo noBuxhaka-xhaka; uze uMoya kaThixo, owaMhambisayo, ukuba enzeizinto Awazenzayo! Ukuba Wabetha ngeshumielinesithandathu leesilinda, uyakwenza njalo noMtshakazi.Amen! Kuba Yena wathi, kuYohane 14:12, “Lowo ukholwayokuM, imisebenzi endiyenzayo Mna uyakuyenza naye.Ndiyakumnika ulawulo kuNdoqo waM, kobo Buxhaka-xhakabakhe, ukuze ihlabathi lingabinako ukumelana nabo; ndayendiyakuMvusa kwakhona ngomhla wokugqibela.” NankouMyalezo wePasika, uNdoqo ekunye noBuxhaka-xhaka,kuhlangene! UBuxhaka-xhaka ngaphandle koNdoqo,abuloncedo; ngokunjalo noNdoqo, ngaphandle koBuxhaka-xhaka.

114 Ungakhala ukhwaze, uxhume unyuke usihla, yonke intoofuna ukuyenza, uze uphike eli Lizwi, oko akuyi kunceda nto.Ujija nje utshixizisa i_ipiston ye^Unayo intlantsi aphoyokuqhwitha, kodwa awunawo amafutha okuyibasela.

115 Iyakusebenza kuphela zakuhlangana ezo zinto. Amen!Ngoko, enye iyakuhlala ithi cwaka, enye ke Iyakunyuka.Nantso into eyenzekayo kuphela. Ukanti, zombinizisenokukhangeleka zifana, zombini zibange ukubazingamabandla, zombini zibange ukuba zinguMtshakazi.Kodwa Enye inoBuxhaka-xhaka kunye noNdoqo, Yenza izintozenzeke, ezoko Wathi kuyiNyaniso.

116 Ayinakushukuma nje, akunamsebenzi nokuba uBuxhaka-xhaka bulunge kangakanani na, kuyakude kufike uNdoqo. Xaloo Ndoqo efikile, laa Mlilo uyenzeka ukuze uhlangane nelaachiza lokwenza amafutha enqwelo asebenze kumafuthaeenqwelo. Kuze kuthi xa Oko kudubula, kwenze ukushishiza,ukuze oko kushishiza kushukumise yonke intshukumo, konkeukunyakaza, kokuba Usekwanguye izolo, namhlanje,nangonaphakade. Nalo uvuko. Lawo ngaMandla wenenekaThixo, uBuxhaka-xhaka bukunye noNdoqo. Qaphela,“NguMoya odlisa ubomi.” Yi_YiNtlantsi eqhwithayo.Asingomafutha enqwelo aqhwithayo; yiNtlantsi etshisa loomafutha. ’Yabona?

117 “Awunakwenza nto ngaphandle kwaM; kodwa unaMunokwenza zonke izinto.” Njengokuba Yena eliLizwi,unguBawo ophilayo. “UBawo waNdithuma, ndinithumangokunjalo naM. Njengokuba uBawo waNdidubulayoeNdingenisa kuyo yonke into, Ndenza kuphela okokukholekileyo kuThixo. Ngoku, njengoko WaNdithumayo,ndinithuma ninobo Buxhaka-xhaka bunye naM, kwayekuthabatha obo Buxhaka-xhaka bunye ukusebenza loo Nto.Ukuze le miqondiso ilandelane nabo babanga ukubabanoBuxhaka-xhaka. UNdoqo uyakuthabatha eyaKheindawo.”

Page 20: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

20 ILIZWI ELITHETHIWEYO

118 UPawulos wathi, “INdaba ezilungileyo zeza kuthikungengaLizwi kuphela,” ngamafutha enqwelo kuphela,“koko ngeNtlantsi kananjalo,” ukwenza loo Nto ishukume.Nantso ke. Zeza kuthi ngaloo ndlela.119 Ikwanguloo Moya mnye, waMvusayo, wenza ukubakuphile ikholwa lenyaniso liye kuBomi obunguNaphakade.Ngoku khumbula, xa sesithetha^Ngoku khangela,njengokuba siphuma kwixesha lethu. Qaphela, “kwaloo Moyamnye,” ngoku, kumaRoma 8:1. Ngoku masiyifunde njekwakhona, amaRoma 8:1, siza kubona ukuba ithini na leyo.Kulungile. Kwaye hayi amaRoma^Ndithetha, 8:11, uxolo.120 KumaRoma 8:11, “Kodwa ukuba^” Kukho ingxaki.Nantso ke indawo Abamba kuyo.

Ukuba ke uMoya walowo (uThixo, uMoyaoyiNgcwele) wamvusayo uYesu kwabafileyo umingaphakathi kwenu,^

121 Ngoku, nantso ke, “Ukuba uMoya woMyeni uhlelingaphakathi kuMtshakazi!”122 Ekwenzeni kukaThixo uMyeni waKhe wokuqala, Wenzaumyeni wokuqala, yena ke wayekuko kokubini indoda nomfazi,emoyeni; wambumba ngothuli lomhlaba, ukumenza abe yintoephathekayo. Yaye qaphela xa Wenza u-Eva, emsusa ku-Adam,Akazange athabathe elinye isuntsu lodongwe, Wamenzakwangeloo suntsu linye lodongwe; iLizwi elikwalinye, kuba u-Adam wayeliLizwi elithethiweyo. ’Yabona? Wamkhupha kuye,waze wathabatha i^Wayenomoya wobudoda nowobufazi.Waze Wathabatha uMoya wobufazi wawususa ku-Adam,wawubeka ku-Eva; ngoko useyinxenye yomoya ka-Adam,yinyama ka-Adam. Ngoko, yayingumoya ka-Adam, undoqo,owathi waphilisa ubuxhaka-xhaka bomzimba wakhe.123 Ngoko umtshakazi naye umelwe kukuba yinyama yenyamayaKhe, abe lithambo lethambo laKhe. Ngoko iyakuthini lenyama inokonakala ukuze ibe yinyama yaKhe? Sizakufikakuloo nto emzuzwini, ’yabona. Yenziwa njani? Kanjani?Luyintoni olu tshintsho lukhulu? Qaphela.

Ngoku ukuba uMoya waLowo (uThixo) wamvusayouYesu kwabafileyo umi ngaphakathi kwenu, yenaowamvusayo uKristu kwabafileyo uyakuyenza iphilenemizimba yenu enokufa ngaye uMoya wakhe omiyongaphakathi kwenu.

124 Owu, bethu! Abo Bamiselwe ngenxa engaphambili,kakade, njengeMbewu eyalala phezu komhlaba, AbobabenoBomi ngaphakathi kwabo. Abaninzi babo babefile;babeyimbewu nje ebolileyo; amanzi nezinye izinto zabatshisabaphela. Kodwa, uyazi, kwakukho iMbewu eyayilele aphoilungele uBomi. UThixo waYazi ukuba yayilele apho.

Page 21: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

KUKUPHUMA KWELANGA 21

125 Ngoku, Abo bamiselwe ngenxa engaphambili ngabokuqalaukwenziwa baphile nguMoya oyiNgcwele, kuba uMoyaoyiNgcwele uzela ukubanga AbangaBakhe. Ngoku, yintoenzulu le ngoku, uze uqiniseke ukuba uyifumana kakuhle.126 Ngoku, njengokuba ilanga lalithunyelwe kumhlaba wonke,lingazelanga kuvelisa amatye, awayelithuli okwawo, ezeebomini, lalingazelanga kuzisa uthuli kubomi, kodwalalizokuzisa loo nxenye yothuli olwalusongele ubomi.127 Asingabo bonke abantu abaya kumamnkela uKristu. Owu,hayi. Kodwa ngabo uThixo wabamisela eBomini ngenxaengaphambili, bathe bafakwa ngaphakathi kuthuli lomhlaba,ngaBo Aza kubenza baphile. Ngabo Abo.128 Ukuze, ngoku, olo thuli luyakuhlala apho elangeni, luzeluthi, “Owu, eli langa lakudala lishushu kakhulu!” Elo litye,lithi, “Ilanga elidala lishushu kakhulu!” Kodwa laa mbewuincinane, yathi, “Nantso into endifuna yona,” yaze yaqalaukuxhuma iphuma ingena ebomini. Yavusa loo nxenye yothuli.Ngokuba, ilanga alizange lithunyelelwe ukuza kuphilisa ilitye,lingazanga kuphilisa uthuli, koko ukuza kuphilisa ubomibembewu.129 Ngoku, uMoya oyiNgcwele uyangena ngoku. Kakade,Wawungaqikelelwanga^Kuyakuthini ukuba ingabi ngabobonke abantu abaWamnkelayo? Wawungathunyelelwanga bona.130 Omnye umfo wandixelela, “Andikholwa. Andikhathalinokuba ungathini na. Ukuba ungavusa abafileyo, okanyenantoni na, uphilise abagulayo; loo nto iWuqondakalalise,nangayiphi na indlela; andikakholwa nguWo nangoko.”131 Ndathi, “Ngokuqinisekileyo awungekhe.Ungongakholwayo. Loo nto ayithethi kwanto kuwe.Yayingathunyelelwanga nokuthunyelelwa wena. Ithunyelwekwabo baya kukholwa.”132 UMyalezo uza kwikholwa. Kwabo batshabalalayo,Ububudenge; kodwa kwabo bakuKristu, bayinxenye yalooMbewu, UbuBomi.133 Ibalana lam elingacacanga lomfama owabeka iqandaphantsi, okanye iqanda lokhozi phantsi kweenkukhu. ’Yabona?Olwaa khozi luncinane lwaluthe, ngokuqinisekileyo, lwalu_lwalukhangeleka lungaqhelekanga, isidalwa esincinane. Xa loomfama wayenzayo loo nto wayenzayo, yokubeka iqanda lokhoziphantsi kwesi sikhukukazi sakudala. Saze saqanduselaintshontsho elikhangeleka liphoxekile, kwaye lali_lalingaqhelekanga, umfo omncinane. Wayengakhangelekinjengazo. Iintsiba zakhe zazingafani nezezinye ezo, waze_wazenje^Wayengongaqhelekanga, umfo omncinane. Kway-e onkeamanye amantshontsho enkukhu amqaphela ukuba ngumfoophoxekileyo. Zaze izikhukukazi zajikeleza^

Page 22: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

22 ILIZWI ELITHETHIWEYO

134 Wayengathandi nohlobo lokudla awayesondliwa ngalo.Wayengakuthandi nje oko kuphanda kuloo hoko yeenkukhu.Yena, yena wayengenanto yakwenza naloo nto. Ngokowamangaliswa kwakutheni ukuze abe ngophoxekileyo njekonke kuloo ndawo, nakanjani. ’"Yabona? Kwayewayengazange angcamle nantoni na e^Wayesidla njengokwaneleyo ukuze kumgcine ephilile, ngokubawayengayithandi incasa yaloo nto, ’yabona. Kuba, wayengelontshontsho lankuku, indawo yokuqala. ’Yabona?135 Ke i_isikhukukazi sasikokoza, ngokuthi, uyazi, “Iintsukuzemimangaliso zidlule. Akukho nto injalo. Joyina icawe.”Yayingavakali ngokukuko nje, kulo mfo mncinane. Ngokowalandela ejikeleza neso sikhukukazi kwade ngenye iminiumama wakhe^136 Ukhozi oludala lwalusazi ukuba lalibeke inani elithilelamaqanda, kwabe kukho elinye elingekhoyo. Lwalusaziukuba olo khozi lwalukwindawo ethile, ngoko laqalisaukuphuma ukuya kufuna lona. Lwaze lwajikeleza phezukwencopho yentaba, nasezantsi emifuleni, naphezulu kuyoyonke indawo elalinokuba kuyo. Ngeli thuba, yena,yayilithuba lokuba azalwe. Yayilithuba lokuba aqanduselweaphume. Wathi, “Mhlawumbi ihlungulu lingene lalixwilaiqanda lam; mhlawumbi isangxa. Andazi. Ikho into echoleiqanda lam. Kodwa ndiyazi^Elaa qanda lisengqondweniyam. Ndinonyana kwindawo ethile. Ndizakumzingela.”137 Wenza njalo uThixo. Ulolo Khozi luKhulu. EzingcingenizaKhe Wazi ukuba Uyakuba neBandla. Wayesazi ukubaUyakuba nabantu. Kunganamsebenzi nokuba bagintyelweyintoni na, nokuba baqanduselelwa phezu kwantoni na,Uyafuna. Ufuna AbangabaKhe.138 Kwaze ngenye imini, ibali liyaqhubeka, kolu khozilwakudala lwabhabha phezu kwehoko yeenkuku.Lwalukhangela kwindawo yonke, laze lamfumana. Owu, olovuko, ukuqonda nje eneneni ukuba lwalungeyonkuku, ngaphakoko. Lwalulukhozi! Yaye lalihleli lifundiswa ukukhangelaphantsi, kukhangelwa isinambuzane okanye into ethilekwihoko yeenkuku. Kodwa leva isikhalo, esathi, “Khangelaapha phezulu ngapha!” Laze lakhangela phezulu entla kwalo,kwabe kukho isidalwa esinempiko ezilishumi elinesineleenyawo, sinamandla kunazo zonke iinkuku ezazikho kulohoko yeenkuku, saze sambanga ukuba ungunyana waso.

Lathi, “Mama, ndingafikelela njani kuwe?”139 Wathi, “Xhuma nje, qala ukuqhwaba iimpiko zakho, kubaulukhozi.”140 ’Yabona, wayesazi ukuba wayenonyana kwindawo ethile.Kungenamsebenzi nokuba wayekhuliselwe entwenini na,unonyana kwindawo ethile.

Page 23: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

KUKUPHUMA KWELANGA 23

141 NoThixo ke uyazi! Haleluya! Unelamiselwa ngenxaengaphambili, iBandla elimiselwe ngenxa engaphambili!Wayesazi ukuba Unoonyana neentombi, noMtshakaziolindileyo kwindawo ethile; xa uMoya oyiNgcwele eqalaukubhabha phezu kwaloo nto, eso Sithungusokutshangatshangiswa. Owu, bethu! Usekwanguye izolo,namhlanje, nangonaphakade. Akalobali lithile liyintsomi, kokouyinene!142 Akunamsebenzi nokuba bangaphi na abazama ukumxelela,“ukhozi,” wayengazi ukuba yintoni na ukhozi. Ukanti,wayelukhozi. Wayengayiqondi kwade kwakho into ethileeyafana naye ngesimo, awathi wayibona ifana naye, gxebe.143 Kwaye xa sibona, hayi ihlelo lemvaba, hayi iPH.D. hayi i-LL.D., hayi ummelwane olungileyo; koko unyana kaThixoobunjwe ngokomfanekiselo kaThixo, enaMandla aqinisekileyowenene kaThixo ukuza kuphendula isicelo salo mhla, sokubaisekwanguYe izolo, namhlanje, nangonaphakade, akusekhosikhukukazi siya kukubamba. Uzingela uMama wakhe.Ulukhozi. Indawo yokuqala. Uyaqaphela. Olo khozi lokweneneluyaluqaphela ubizo lweLizwi likaThixo. Kuba? Lulukhozi.Ukhozi kukhozi! ILizwi ngaphambi kokusekwa, iLizwikwiLizwi! ILizwi elamiselwa ngenxa engaphambili, kwiLizwielibhaliweyo lelixa. Uyayiqaphela indawo eyeyakho. UzingelaYona.144 Oku ngoko, lomzimba u-ngowomhlaba, uyavuswa uziswengokuvusa kukaMoya kaThixo ukuze uthobele iLizwilikaThixo.145 Ngokukhawuleza. Wathi xa afuna ukwazi ukuba angayakufika njani na apho kuye, wayecinge ukuba akangekhe abenakuyenza loo nto. “Awunakukwazi ukunyukela ngentlakunokuba uxhuma.” Ulintshontsho. ’Yabona?

Kodwa olo khozi lwathi, “Akunjalo oko.”“Ke, khangela emantshontshweni!”

146 “Akunamsebenzi nokuba ayintoni na amantshontsho, wenaulukhozi. Qalisa nje ukuvula ezo mpiko, ukuze ufumaneukuziqhelisa okuncinane ngazo, qalisa ukushukuma unyuka!”147 ILizwi kwiLizwi! “Imisebenzi endiyenzayo Mnaniyakuyenza nani. Lowo ukholwayo kuM, imisebenziendiyenzayo Mna uyakuyenza naye yena.” ’Yabona? “Ngokubandisidla ubomi, uyakudla ubomi naye.” “Yaye ukuba uMoyaowamvusayo kwabafileyo umi ngaphakathi kwakho,Uyakuwenza uphile umzimba wakho.” ’Yabona?148 Yenza ntoni loo Nto? Ngoku phulaphula, ukuze wazi.Kwaye le Pasika, ndifuna ukuba ithethe ngaphezulu kokoyakhe nayiphi na iPasika yakuthetha kuwe. ’Yabona? Ndifunaukuba uyibone. Siyayazi into Eyayenzayo kuYe; kodwa

Page 24: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

24 ILIZWI ELITHETHIWEYO

ndifuna ukuba uyibone, hayi ukuthi iyakuyenza, kokoIkwenzele kwaloo nto inye nawe. ’Yabona? Yenza ntoni Yona?Ivuselela umzimba onokufa. Lo mzimba ubhubhayo siphilakuwo, Iyawuphilisa, ngamanye amazwi iwungenisa eBomini.149 Ngoku, wena wawukade uhamba nje unento enkuluyomgqalakada wesaga emlonyeni kuwe, nayo into, nevumbalemidiza; nani bafazi ebenikade ninenwele ezimfutshane,niqaba, niqhubela phambili, ninxiba iibhulukhweezimfutshane, nezinto ezinjengezo; kwathi ngequbuliso, iNtoethile yakhwaza, naze nakhangela apha phantsi yabe IliLizwi.’Yabona, Lakuvuselela^Wathi, “Andisafuni zibhulukhwezimfutshane mna, andisafuni tywala mna, akusekho kuxoka,akusekho kuba, akusekho oku, nokuya.” ’Yabona? UMoyaowaMvusayo kwabafileyo, uhleli ngaphakathi kuni,uyakuyenza iphile nemizimba yenu enokufa, uthuli lomhlaba,ngokuthobela. Uyabona? Intoni na? Kukuthobela ntoni?UKristu. Ngubani uKristu? LiLizwi. Hayi imfundoyezakwalizwi, koko iLizwi!150 Ngoko uthi, ukuba, “Ezi zinto, owu, ndicinga ukubakulungile kubafazi ukunxiba iibhulukhwe zabafazi.”151 Ngeli thuba, iLizwi lithe, “Hayi.” ’Yabona,Liyakuwuvuselela malunga naloo Nto. ’Yabona? UtsalelwakuYo. ’Yabona, nguwe, ngoko. Kwenzeka^Uba yinxalenyeyeLizwi. Liwuzise umzimba wakho, hayi^152 Ke, uthi, “Ke, ngoku, mandikuxelele into. Umlungiseleliwam^” Andikhathali nokuba utheni na umlungiseleliwakho; koko kuthethwa liLizwi! Ukuba ufuna ukubalintshontsho lenkuku, hamba kunye nabo. Kodwaumlungiseleli wakho uthetha into eyahlukileyo kweli Lizwi,ngoko akangomondli wamakhozi; ehe, ungumondli weenkuku,’yabona, hayi amakhozi. ’Yabona? UKhozi ludla uKudlakweenkozi. ’Yabona? Kuyaphilisa!153 IBhayibhile ithe kuyinto engalunganga ukwenza oko,nomntu nokunjalo njalo nako konke enikwenzayo,akulunganga. Nithi, “Iintsuku zemimangaliso zidlule.”IBhayibhile ithe usekwanguYe izolo, namhlanje,nangonaphakade. Ukuba bathi, “Loo nto lufundo lwengqondo.Kwaye luhlobo oluthile lokufundwa kwengqondo, ukucalulwakweengcinga. Nayo yonke le mibono nezinto ezinjalo,yimfeketho,” ’yabona, bangamantshontsho enkuku. Abakwaziukuba kuyintoni na uKudla kwamakhozi.154 Kodwa, mzalwana, xa usiva eso sikhalo, kukho Nto ithilengaphakathi kuwe! Ulukhozi, indawo yokuqala. Kuba? UyilaaMbewu, luthe uvuko lukaS-o-n nyana lwakhanya kuyo,neSikhwebu esithe satshangatshangiswa phezu komhlaba,ukwenza uqaphele ukuba ulukhozi ungelilo intshontsholenkuku lehlelo. Uyayibona? Heh!

Page 25: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

KUKUPHUMA KWELANGA 25

155 “Ukuba uMoya owaMvusayo kwabafileyo,” iLizwi, iLizwielinguNdoqo, “lihleli ngaphakathi kwenu, liyakuyenza Iphilele mizimba yenu inokufa.” Ngoku siyinyama yenyama yaKhenethambo lethambo laKhe njani? Ngokuba, ngokukhawuleza,sithe sakubon’ukuba sisengaboni, abanokufa, abafayo, lemizimba, Lwayiphilisa loo mizimba. Kukuthini ukuphilisa?“Kukubuyisela eBomini.” UMoya owawukade uthandaukusela, ujikeleza esithubeni, ukrexeza, nazo zonke ezinye ezi,uvuselelwe; kuba, loo nto yafa, ube wena uvusiwe. Liwenzewaphila umzimba wakho onokufa.156 Ngoko ke, imizimba yenu iyitempile kaNdoqo, ngokuba(kutheni?) kwa ukusukela ekuqalekeni niyinxenye yoBuxhaka-xhaka. Owu! Nalo uvuko lwakho. Nalo iBandla likuvuko,kunye naYe. Le mizimba khona ngoku yenziwe yaphila.’Yabona, uvile; wakholwa. Loo nto ikutshintshile ikususakwihlelo ukuya kwiLizwi. ’Yabona?157 UNdoqo owenza izinto zisebenze, ukuba Uthe wafikaphezu kwamanzi, uyakutshitshiza nje; “Iintsukuzemimangaliso zidlule.” Du-du-du, “Owu, ndiyakholwakwiBhayibhile,” du-du-du, “kodwa apho_apho akukho^”du-du-du! ’Yabona?158 Kodwa ukuba Uthe wachatha enechiza newaka lamandlaokutshisa amafutha enqwelo, “Rhuuu,” imnkile, uyabona.Njani, bethu, nguNdoqo owenza into ihambe echukumise looNto! Kodwa ukuba Ubethe kwintshontsho lenkuku, akusayikunceda nto oko. Kodwa Wakubetha kukhozi, liphumalihambe. Amen! UNdoqo ekunye noBuxhaka-xhaka! ’Yabonaukuba ndithetha ukuthini na? Oko kukuthi, ukuba umntuulukhozi lwenene ngoku, uya “kuqonda.”159 Mandikulinganisele iSibhalo esincinane apha. Ndicingaukuba sesiphumile emnxebeni, kodwa siselapha. KuYohaneoNgcwele 5:24 uYesu wathi, “Lowo ulivayo iLizwi laM, akholwekuLowo waNdithumayo, unoBomi obunguNaphakade.” Ngokukhangela, ndiyahamba ndihle ngesitrato ndi-kuthathe njenjengokuba kunjalo oko, yintoni Leyo, ngaphandle kokuqondaokukokomoya^Ndingasenzi sithethe enye into, koko sithethenje oko Sikuthethayo, ’yabona, igama elililo apho, kwisiGrike,kwesakuqala, lithi, “Lowo uliqondayo iLizwi laM.”160 Ngoku, ukuqondakalalisa ukuba oko kuyinyaniso.Ndiyehla apha, naku kusiza inxila lihamba ngesitrato,likunye nenkosikazi yenye indoda liyigonile, lithukisa,lithetha ngeGama likaThixo ngelize, nayo yonke enye intoenjalo. “Khawutsho, ingaba umvile laa mshumayeliebeshumayela waza wathi? Umvile?” “Ewe, ndiLivile!” Loonto ayithethi kuthi linoBomi obunguNaphakade. ’Yabona?’Yabona?

“Lowo uliqondayo iLizwi laM,” nguye olukhozi!

Page 26: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

26 ILIZWI ELITHETHIWEYO

161 “Ngoku, Mzalwana Branham, ndifuna iSibhalo esisesinyemalunga naloo nto.”162 Kulungile, “Ezam izimvu ziyaliva iZwi laM. Owasemziniazisayi kumlandela.”163 Njengakwimeko yo-Mtshato Noqhawulo-mtshato, ngalaamini. Xa uMoya oyiNgcwele wayendixelele loo nto, ndezandayithetha kanye njengaloo ndlela Wayendixelele ngayo.164 Inenekazi elithile elingumlungiseleli landigxibhangokukhulu, ngokundingxolisa okuncinane. Lathi, “Ndicingaukuba uthabatha indawo kaThixo?”

Ndathi, “Hayi, nkosazana.”165 Lathi, “Ke, ubaxelele ukuba izono zabo zixolelwe.” Lathi,“Phi?” Lathi, “NguThixo kuphela onegunya.” ’Yabona, omnyeumFarisi. ’Yabona?^?^166 Ndathi, “Uyabona, ukuze wazi, ukuba, uYesu waxelelauPetros nabapostile, emva kokuba wafumana isityhilelosokuba Yena wayenguBani na.”

WaMxelela esithi, “Wena unguKristu, uNyana kaThixo.”167 Wathi, “Unoyolo,” ’yabona, “nyana kaYona; inyama negaziazikutyhilelanga Oku, koko nguBawo waM oseMazulwiniokutyhileleyo Oko. Ndiyakulakhela phezu kolu lwalwaiBandla laM; amasango elabafileyo akayi kuLeyisa. NdayeNdikukunika izitshixo; nantoni na oyibophe emhlabeni,Ndiyakuyibopha eZulwini; okubophe emhlabeni^”168 Seso sityhilelo siNgcwele seLizwi senziwe inyama. UkubaYayiyinyama ngaloo mhla ngoNyana, uMyeni, Yinyamanamhlanje ngoMtshakazi. ’Yabona? “Nawuphi na enizixoleleyoizono zaKhe, kulowo zixolelwe; nawuphi na enizibambileyoizono zakhe, kulowo zibambekile.”169 Ngoku, ibandla lobuKatolika lachola loo nto layithathelakubabingeleli balo, kodwa oko yingcinga engokwenyama.170 Khangela, yayingokomoya, liLizwi elityhiliweyoelayenzayo loo nto!171 Naso isizathu sokuba abe Wabaxelela ukuba bayekubhaptiza e “Gameni” loYise, Nyana, Moya oyiNgcwele.Wayesazi ukuba babemazi ukuba UnguBani na.172 Ndithetha nomshumayeli omncinane ngenye imini, wathikum, wathi, “Ngoku, Mzalwana Branham, ndiphume ndazendajoyina, ndaya kwinkonzo ethile-thile, ibandlalakwaMoya.”173 Apha, kwabakwaMoya ngoku baqalisa ukuhambisakujikeleziswa iqebengwana elilula, uyazi. Nakhe nayiva loonto, ndiyaqonda; isonka esingcwele, isithixo senyanga, uyazi.Baze bonke basamnkela. Le ndoda yathi^I_Ibandla layolalihambe nayo; yathi, “Oko ndikusikeleleyo kusikelelwe.”

Page 27: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

KUKUPHUMA KWELANGA 27

Ngoku, asikwayiloo nto ethethwa ngumpriste, yena “unegunyalokuliguqula libe ngumzimba kaKristu”? ’Yabona, intoeyahluke nje kancinane kwenye leya, ikwayinto enye nje.174 Waze wathi, “Ndifuna ukukubuza into.” Wayezamaukuphepha umcimbi wobhaptizo eGameni likaYesu, ngokubale yayiyilaa ndoda yathi yayingumchasi-kristu lowondandiwenza. Yathi, “Ucinga ukuba kuyimfuneko kangakoukuba umntu abhaptizwe eGameni likaYesu Kristu?”

Ndathi, “Ewe, mhlekazi.”175 Yathi, “Emva kokuba ebhaptiziwe eGameni lo ‘Yise,Nyana, noMoya oyiNgcwele’?”176 Ndathi, “Ewe, mhlekazi. Akakabhaptizwa, konke.’Yabona? Akakabhaptizwa, konke; akukho Gama. Sisihloniphoeso.” Ndathi, “Asamnkelwa.” Ndathi, “Kwakutheniukuze_kwakutheni ukuze uPetros^”177 Yathi, “Ke, ngoku, mandikuxelele into.” Yathi, “Ngoku,kwiZenzo 10:49, yathi, ‘Uthe uPetros esawathetha la mazwi,uMoya oyiNgcwele wabawela.’”178 “Kodwa,” ndathi, “wajika kanye ngoko wathi, ‘Kukhounako na ukuwalela amanzi ukuba aba bangabhaptizwa?’”179 Yathi, “Ke, ubuthetha ngaphaya, kwithutyana elidlulileyo,malunga neZenzo 19, apho uPawulos wadlula kumacalaasemantla e-Efese, wafumana abo badisipile.” Waze wathi,“Kutheni,” yathi,”babengabhaptizwanga egameni lo Yise,Nyana, noMoya oyiNgcwele.”180 Ndathi, “Hayi, babebhaptizelwe ‘enguqukweni,’ hayikuxolelo lwezono. ‘Besisiwa enguqukweni,’ kuba uYesuwayengekaziswa kubo. IDini lalingekaxhelwa.”

Yathi, “Ke, kwakutheni ukuze kufuneke babhaptizwekwakhona?”181 Ndathi, “Indoda eyayinezitshixo yathetha oku, ‘kubamakwazeke oku kuni ukuba akukho Gama limbi phantsikweZulu linikiweyo phakathi kwabantu, enimelwekukusindiswa ngalo.’”182 Usindiso kuphela luhamba kwiGama likaYesu Kristu.“Nantoni na enisukuba niyenza ngeLizwi nokubakungomsebenzi, yenzani izinto zonke eGameni likaYesuKristu.” Akukho gama limbi, akukho bandla, akukhoziinkokeli zankonzo, akukho zihlonipho, okanye nantoni naeyenye! Ukanti, Yena uyiNtyatyambo yaseSharon, inyibibayaseZihlanjeni, iKhwezi loKusa, u-Alpha, u-Omega, iSiqaloneSiphelo, uJehovah-jireh,-rapha,-manase, zonke ezo zinto.Uzizo zonke ezo zinto, ukanti Yena^Akukho lusindiso kusonasinye kwezo zihlonipho; uYehova, akukho sindiso;iNtyatyambo yaseSharon, ukanti Uyiyo, akukho lusindiso;uYise, Nyana, okanye Moya oyiNgcwele, akukho lusindiso.

Page 28: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

28 ILIZWI ELITHETHIWEYO

Kuphela liGama lika “Yesu Kristu!” Kwaye ngoko iBhayibhileitshilo ukuthi, “Inguquko noxolelo lwezono lumelwekukufundiswa eGameni laKhe, kuqalelwa eYerusalem, nokuyakwiindawo ezikude zomhlaba.”

Wathi, “Ucinga ukuba inomahluko ewenzayo loo nto?”183 Ndathi, “Mhlekazi, ndifuna ukukubuza into.” Inguyenam, nenkosikazi yam, sihleli etafileni. Wesuka njewajikela,^ ?^ndathi, “Sobabini singabase-Arizona;sihlala apha. Kwaye mna, siyalazi ibhunga lethu, nengingqiyethu, nako konke, nosodolophu wethu, umlawuli, nayoyonke into.”

Wathi, “Ewe.”184 Ndathi, “Ngoku, ukuba ndithe ndakuxelela, mzalwanawam, ukuba, ‘Yiya apha usayinele idinala yethu, egamenileRhuluneli yeSizwe sase-Arizona,’ ungahamba uye kusayinaloo nto ngolo hlobo? Ucinga ukuba bangayamnkela loo ntoapha etafileni?”185 “Kuba,” wathi, “ndiyaqonda abangekhe.” Wathi,“Kwakutheni ukuze uYesu athethe loo nto?”186 Ndathi, “Nantsi ke, ’yabona. Kuba? Ukuba ndikuxeleleukuba yiya ‘usayinele le dinala, egameni leRhuluneli yeSizwesase-Arizona,’ sibe thina singabemi base-Arizona, sisazi keukuba ngubani na iRhuluneli, kuba, ungazi ukubamawuyisayinele egameni lika ‘Sam Goddard,’ ’yabona.”Ndathi, “Ngokuba, nguye iRhuluneli yeSizwe andimelwekukubuza. Uyazi ukuba ngubani na iRhuluneli. Kwaye, xaWathi, ‘Yise, Nyana, noMoya oyiNgcwele,’ Wayesazi ukubababeyaku-bhaptiza kanjani na. Babesazi ukuba WayenguBaniYena. ‘Izimvu zam ziyaliva iZwi laM.’ ’Yabona? ’Yabona?”

Wathi, “Oo, ndiyabona.”187 Kodwa ngoku, into elandelayo, ingaba uyakukholwa?’Yabona? “Lowo ulivayo iLizwi laM, akholwe kuLowowaNdithumayo, unoBomi obungunaphakade.” Ukuze xa obuBomi bunguNaphakade butsha buhleli ngaphakathi kuwe,Buyinto ephathekayo ngokukhoyo.188 Xa Wamnkela loo Moya uyiNgcwele ngoku, njengokobenzayo ngePentekoste; babebuBuxhaka-xhaka bokusebenza,ngoku uNdoqo kwakunyanzeleke ukuba afike. Babekholiwe.Uyazi, abahlobo bethu abalungileyo bamaBhaptizi basixelelaukuba, “Sakukholwa, sinaWo.” Kodwa, babengenaWo bona,ukanti babekholiwe.189 KwiZenzo 19, babekholiwe, kodwa babengenaWo.“Namamnkela na uMoya oyiNgcwele nakholwayo nje?”’Yabona? Benabo uBuxhaka-xhaka obunokusebenza,ngokulungileyo, ngokuba abapostile babe^Okanye, ndithetha,u-Apolo wayebafundisile eyiqondakalalisa iBhayibhile,

Page 29: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

KUKUPHUMA KWELANGA 29

uBuxhaka-xhaka, bokuba uYesu wayenguKristu, kodwababengekabi naye uNdoqo wokwenza loo nto isebenze. ’Yabona?Yiyo leyo. Kulungile.190 [Sisithuba esingenanto ekhasethini esi_Mhl.]^-xhaka-xhaka, ngokuphathekayo unaso isinyaniso, ukulindela.191 Ngoku, wakufumana uNdoqo, uvusiwe koko kufayo ukuyakokungafiyo. Loo nto yenza umzimba uwonke uthobele iLizwi.Iyakukwenza wenze ngokwahlukileyo, ukhangelekengokwahlukileyo, uphile ngokwahlukileyo. Iyakukwenza ubengowahlukileyo nje.192 Ngoku khangela. [Yindawo engenanto le ekhasethini_Mhl.]^vusiwe. “Nina enanikade nifile kwisono neziphoso,nisebumnyameni, Unidlise ubomi.” Ngantoni? “NgoMoyaowavusa uYesu,” ngentsasa yePasika, “kwabafileyo. Kwayeukuba Uhleli kwimizimba yenu enokufa,” ngoku khangela,“Udlisa ubomi kananjalo, uzisa eBomini, uwenza ukubaululamele iLizwi.”193 Ngoku, ungathini ukubanga ukuba unawo loo Moya, uzeuzilahlele kude kwiLizwi? Udliswe ubomi yinto eyenye. Kuba,Uyakuyenza iphile imizimba yenu enokufa kwiLizwi.Ngokuqinisekileyo, Uyakwenza njalo.194 Awunakuhamba ngaphandle kwaWo. Uyakujijiza nje,ukuba awukholwa kuLo lonke. Ukuba unenxenye yamafuthaenqwelo nenxenye yamanzi, akukho ndawo uyakuya kuyo.’Yabona? Umelwe kukuyithatha ngokuzeleyo, ingamafuthaenqwelo. Ukuba awenzi njalo, uyakuduma ngokudubulayo, ubeungenamandla. ’Yabona? Kodwa ndi_ndiyakholwa koku,kodwa andikholwa Kokuya,” du_du_du_du. Akukho ndawouya kuyo.195 Kodwa, owu, xa uthe wathabatha inzaliseko! Wenze ukubaiqhwithe kuloo nto, lonke iLizwi liyiNyaniso!196 Ngoko qaphela ngoku, njengokuba sivala, qaphela lento.Qaphela, ufana nje nencinane_nembewu encinane ileleemhlabeni.197 Ngoku, ngokokuphathekayo, uvusiwe. Uvusiwe xa uthewamnkela uMoya oyiNgcwele ngaphakathi kwakho. Uvuswekanye ngelo lixa. Umzimba wakho ngokoko kunokuqondakalauvusiwe.198 Khangela imbewu encinane. Yityale emhlabeni. Imelwekukuba isele kumthombo waKhe, amanzi avuzayo esihla.Kwaye nje ukuba iwasele, iyenyuka ibhekisa ngakuYe, isiyaifana ngakumbi nembewu eyangena emhlabeni. ’Yabona?199 IBandla liza ngaloo ndlela, ephumela kugwetyelo,ungcwaliso, ubhaptizo loMoya oyiNgcwele, ngoku lisekudubuleni. ’Yabona? UMoya kaThixo uphuma kuloo nto.

Page 30: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

30 ILIZWI ELITHETHIWEYO

200 Kwaye umoya wehlabathi uphumele kumchasi-kristu,kwangendlela enye, ube ngoku uyadubula uyaphumakumanyano olukhulu lwamabandla, ’yabona, iyonke loo nto.201 Nomntu ngamnye ke uza ngolo hlobo. Yonke into isebenzangendlela enye, kwisikali esinye sikaThixo, kuba Yenaisekwanguye izolo, namhlanje, nangonaphakade. Qaphela,kweyakho indlela, yokukhulela kwinzaliseko yovuko,ukhokelwa nguMoya!202 Njengokuba ilanga, s-u-n, litsala laa mbewu incinane iselakumthombo kaThixo, lihlale liyigcine^’Yabona, inokuselakuphela kwinto enye. Ukuba ubugalele amafutha phezukwaloo mbewu incinane kwakanye; ayayibulala. Injalo loo nto.Ukuba ugalela amanzi angcolisekileyo emi ndawonye, amanziamadala loo nto ayilunganga, iyengcolisekileyo,iyakukuthintela ukukhula. Ayisayi kuthwala siqhamo. Ingabakunjalo? Kodwa ukuba uthe wagalela amanzi athambileyowenene angawemvula, amen, akukho Buxhaka-xhaka benziwengumntu kuloo nto, wayeke nje ahle evela emazulwiningasentla, uze ukhangele eso sityalo sincinane. Akukho manziayakusikhulisa njengaloo manzi emvula. Ungagalela ikalikanezinto ezinjengayo, njengokuba uzama ukusinyanga ngazo,kwaye, into yokuqala uyazi, loo nto iyasibulala isityalo.203 Nantso into eyingxaki namhlanje. Bazama ukubaphaamanzi avela kumthombo wehlelo, ayakuthintela ke ukukhula.’Yabona? Kodwa mababenze bafumane a^

Yiza apho amathontsi ombethe encebaakhanya khona;

Akhanye ngokusingqonga imini nobusuku,UYesu, ukuKhanya kwehlabathi.

Ngoko uwafumene, ngoko.Siyakuhamba ekuKhanyeni, ukuKhanya

okuhle,Kuvela apho amathunzi ombethe wenceba

akhanya khona;Akhanye nje ngokundingqonga.

204 Thabatha le mithombo yenziwe ngabantu imnke kum!Akukho mthombo wumbi ndiwaziyo; akukho nto ingelilo iGazilikaYesu! Nanko kuphela umthombo endifuna ukuwazi. ILizwimalihlale kum, Nkosi; Linkcenkceshele ngoMoya waKho.205 Qaphela, ngoku, ukuba uMoya owamvusayo uYesuengcwabeni umi ngaphakathi kwenu, xa sesithetha ninoBomi;nikhokelwa nguMoya, oya kwenza iLizwi liphile kuni, ukubanikholwe kuLo. Loo nto incinane ityhunduza njalo njengokubaikhula nje.206 Qaphela, ngePentekoste, imizimba yabo yenziwa yaphilelakuBomi obutsha. Khangela eloo qela lamagwala amancinane.

Page 31: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

KUKUPHUMA KWELANGA 31

207 Ndinigcine ixesha elide? [Ibandla lithi, “Hayi.”_Mhl.]Khangela, ndifudumele nje, yiloo nto, ndiva kumnandi. Owu,bethu!

208 Qaphela, babengamagwala. Qaphela. Kodwa, babenabouBuxhaka-xhaka. ’Yabona? Kodwa babehleli phaya emvabonke, besithi, “Owu, ndiyaboyika. Owu, ndiyoyika ukuphumandenze ibango, kuba, owu, bonke aboo bhishophu bakhulunezinto eziphaya phandle. Owu, ndiyoyika ukwenza loo nto.Aboo babingeleli nezinto ezinjalo, ndiyoyika ukwenza elobango, ndiyoyika ukuba ndibe ndiyakuthi ndiyakholwa kuYe.Owu, andinakuyenza nje loo nto, uyabona.”

209 Kodwa, kwathi ngequbuliso, uNdoqo wafika. Ewe. Wenzantoni ke Yena? Awuzange uzalise ngomoya kuphela,ngaphakathi, koko Waphilisa uBuxhaka-xhaka obo. Imizimbayabo yenziwa yaphila. Babengasengomagwala kwakhona.Baphuma baya ngqo ebusweni babantu. Ewe, mhlekazi. “Ninamadoda akwaYuda, nani bemi baseYerusalem!” Ngeli thuba,ngaphambi kokuba kufike uNdoqo, babebuBuxhaka-xhakanje. ’Yabona? “Nina madoda emi eYerusalem, makwazeke okukuni, niwabekele indlebe amazwi am! Aba abanxilile,njengokuba nicinga.”

210 Ndingomnye wabo. Oku koKuya! Ndizakunibonisa ukubakuyintoni na. KusiSibhalo. Oku koKuya! Kwaye bendihlelindisitsho, “Ukuba oku asikokuya Okuya, mandigcine oku kudekufike Okuya.”

211 “Hayi, oku koKo kwathethwayo ngumprofeti uYoweli,‘kuyakuthi ngemihla yokugqibela, utsho uThixo, NdiwuthululeuMoya waM phezu kwayo yonke inyama.’” ’Yabona, uNdoqoungene kuBuxhaka-xhaka. Babengasenaloyiko.

212 Abanye kuni bantu boyika ukuba umfazi othileuyakunihleka xa nineenwele ezinde, okanye niyeka ukuqabaimake-up; abanye kuni madoda oyika ukuba umbutho wenuuyakunilahlela ngaphandle xa nithe nabhaptiza ibandla lenungobhaptizo lweSibhalo; niswele ukuzivalela kwigumbieliphezulu ade uNdoqo afike. Injalo loo nto.

213 Oko kwabaguqula. Kwabadlisa ubomi. Kwabenza benzangokwahlukileyo. Babangabantu abatshintshekileyo,ukusukela ngoko ukuya phambili. Loo nto yabavuselela,ukusuka kubomi obudala bokuba ngamagwala, ukuya ekubeninjengeNgonyama yesixeko sakwaYuda. Bajonganangokupheleleyo nokubulawelwa ukholo, babethelelwaeminqamlezweni, babethelelwa bejongise intloko ezantsi,batshiswa, bajulelwa kumhadi weengonyama.Bengasengomagwala, ngenxa yabo. Ukufa kwakungenaloyisokubo, konke konke. UNdoqo wayengene kuBuxhaka-xhaka.Ewe, mhlekazi. Wayenza yaphila imizimba yabo enokufa.

Page 32: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

32 ILIZWI ELITHETHIWEYO

214 Ngoku phulaphula. Nantsi enye into. Bavuselelelwaebomini ngokokude (uyazi yintoni?) banyuselwa kwiindawozaseMazulwini, imizimba yabo enokufa yadliswa ubomingokokude kutshintsheke ulwimi lwabo. Kwathi kuphela^Lwavuselelwa ulwimi lwabo. Yiloo nto ethethwa yiBhayibhile.Kwaye, imizimba yabo enokufa, idliswe ubomi, ulwimi lwaboludliswe ubomi. Iingcinga zabo zavuselelwa. Umoya wabowavuselelwa. Ubomi babo bavuselelwa. Babedliswe ubomi,bebonke! Bazama ukuhamba, ababi sakwazi ukuthetha iilwimizabantu kwakhona. Babevuselelwe kangako kuBukhobukaThixo bade bathetha ngolwimi olutsha, ulwimilwaseZulwini. Whowu! Nganjani aMandla adlisa ubomi!215 “Ukuba uMoya owamvusayo uYesu kwabafileyo umingaphakathi kwenu,” owu, haleluya, “uyakuwenza uphileumzimba wakho onokufa.” Uyakukwenza ukuba wenze izintoobungazenzi ngaphambili. Babezele ngaMandla adlisa ubomingoko. ’Yabona?216 Umzimba wakho awusasithobeli isono; wena, iminqwenoyakho.

Uthi, “Phumela apha!”Wena uthi, “Vala umlomo wakho.”“Owu, sineyona inkulu^”“Vala umlomo wakho.” Bethu, ulukhozi!

217 Wakha walubona ukhozi oluzimeleyo lwakudala luhamba?Aluxhuma-xhumi njengesangxa, ’yabona, lusiya kuyo yonkeinto efileyo, naso sonke isidumbu esibolayo esiphezukomhlaba. Hayi, mhlekazi. Luhamba ngokuzidla.

“Vala umlomo wakho.”“Owu, nantsi idinala emnandi ngapha.”

218 “Ayindifanelanga. ’Yabona, iminqweno yam itshintshile.Umcaco wam wahlukile. ‘Kuba akayi kuphila ngazintozibolayo zehlabathi zodwa, koko ngalo lonke iLizwi eliphumaemlonyeni kaThixo.’” Ukhozi lwenene oludliswe ubomi luphilangaloo Nto. Amen!219 Owu, Lowo wamvusayo uKristu engcwabeni, uhlelingaphakathi kuwe, uwudlise ubomi umzimba wakho onokufawaya Phambi kwaKhe. Uyiqaphele loo Nto. Awuseyontakaidla izinto ezingcolileyo. Ulukhozi. Awuzifuni izintozehlabathi. Ungunyana nentombi kaThixo. Udla kuMthomboekungekho nto liyaziyo ngawo ihlabathi. Usela kuWo. Umntuowaziyo^Ihlabathi alazinto ngaloo nto. Udla kwiManaefihliweyo ekungekho nto layaziyo ihlabathi ngaYo, ulukhozi.Uvuselelwe wafika kwindawo apho unokuYifumana khona.AkunakuYifumana phantsi apha, umelwe kukuyifumana aphaphezulu. Umelwe kukuba ngokuba ngodliswe ubomi,wanyuselwa phaya phezulu, ukuze Idlise ubomi.

Page 33: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

KUKUPHUMA KWELANGA 33

220 Benza ntoni? Bathetha ngolunye ulwimi. IBhayibhile ithebenza njalo. “Bathetha ngazo zonke iilwimi eziphantsikweZulu.”221 Ungayicinga loo nto, loo mizimba midala inokufa ilapho,isithi, “Ke, andazi ngoku nokuba ndingayikholelwa na lentookanye hayi”?222 Kwathi ngequbuliso, bavuselelwa ngokokude ukukhaliphaokunjengeNgonyama yesixeko sakwaYuda kubahlele bonke,phezu kweso Sikhwebu sitshangatshangiswayo. Owu, uKhozilweza kubiza AbangabaLo! “Ababuthandanga ubomi babokwade kwasekufeni.” Amen.

Kwaye kuyakubakho abangabanye abayakunikela ngegazi lobomi babo

Ngenxa yale Vangeli kaMoya oyiNgcwelenomkhukula waYo obomvu.

223 Kwaye uNyana umelwe kuku_kukutyhilwa kwakhona,kuMtshakazi ngomhla wokugqibela; aMandla adlisa ubomiamelwe kukufika, abadlise ubomi baphume kula mahleloafileyo neemfundiso, beze kwiLizwi eliphilileyo likaThixoophilileyo. Owu!224 Hayi, Labavuselelela kuBomi obutsha. Lenza kwaloo ntoinye lisenzela yona ngoku. Qaphela, ngoko, babevuselelekelekuloo Mandla kangako! Ngoku ndi^

Phulaphulisisa ngoku. Ndizama ukubonisa.225 AMandla adlisa ubomi ayengenzelwanga mphefumlo wabokuphela, koko ayephezu kwabo bonke. I^UNdoqo akazangeangene nje kuphela, ukuza kudlisa ubomi, koko Wadlisa ubomiuBuxhaka-xhaka. Uyabona ukuba ndithetha ukuthini na?Babevuselelekele ebomini ngokokude iilwimi zabo ziqaleukuthetha ngolunye ulwimi. Babedliswe ubomi kangakongaMandla ovuko lukaKristu, bade babeka izandlazabo^Babedliswe ubomi kangako ngaMandla adlisa ubomi,bade, bathi bakubeka izandla zabo phezu kwabagulayo,baphila. “Udlise ubomi umzimba wakho onokufa.”Baphiliswa, ngokubekwa kwezandla zabo.226 Kwaye uMoya wavuselela ubudlelane babo kunye noThixo,ngokokude kananjalo babe bavuseleleka kuBukho bukaThixokwade, xa umntu wafayo nomphefumlo umnkile, Wambizelaebomini kwakhona. Amen! Uzuko! Ngoku ndiziva ndikholiwe.227 Injalo loo nto, edliswe ubomi! LwalungelolweSiqu saKhekuphela uvuko, koko lolwaLowo uthandayo, kule Mbewuimiselwe ngenxa engaphambili ilele apho. Ukudlisa ubomi,ukudlisa ubomi umzimba onokufa!228 Babeka izandla kwabagulayo; baphila. Bathandaza;bekuMoya babona umbono, babuyisela abafileyo ebomini.Injalo loo nto. “Badlisa ubomi imizimba yabo enokufa.”

Page 34: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

34 ILIZWI ELITHETHIWEYO

229 Ukuba uthe wangena kuwe; kuya kubanjalo^Ngoku,ungatsho ukuba kunjalo; kodwa ukuba akunjalo, le miqondisoiyakulandelana naloo nto, uyabona. “Udlisa ubomi umzimbawakho onokufa.” Uyakukudlisa ubomi.230 Ngoku, qaphela, ukudliswa ubomi kuBukho bukaThixo.Kuba? YayinguMoya kaThixo owamvusayo uYesu engcwabeni.Kwaye, uMoya kaThixo, “Ndibanika uBomiobunguNaphakade,” oko kusuka kwigama lesiGrike, ukubaungalikhangela, uZoe Ophumela kuwe udlise ubomi (bona)nkqu ingqondo yabo.231 Ngoku khangela. Ungathini ukuthi laa Moya uhleli kuwe?Nakuba wenze yonke into obucinga ukuba iyelungileyo, nabuubungqina bokuba uyifumene na okanye hayi. Ukuba uMoyaowawukuKristu ungaphakathi kwakho, Ukwenza uphilelekwiLizwi, kuba Yena uliLizwi. Kwaye ukuba, kuyintoechaseneyo, ukuvuselelela kude kwiLizwi, ngoko asingoMoyakaKristu lowo!^Andikhathali nokuba wenze ntoni na, udeUkungenise kwiLizwi. “Ezam izimvu ziyaliva iZwi laM, kwayeziyakuphila ngalo lonke iLizwi,” lonke iLizwi! Ndandithethangaloo nto ngenye imini.232 Umama wam buqu, akasekho ngoku, kwaye wayengumfaziongaqhelekanga kakhulu. Yena ke, uyazi, ebuliNdiyangenxenye, kwaye wayengaqhelekanga. Kodwa aphongaphakathi wayengumntu ongaphuphiyo. Kodwaandicingi^Wafumana amane okanye amahlanu amaphuphakubomi bakhe bonke. Kodwa lonke ixesha wayephuphaiphupha, laliyinyani. Waphupha iphupha, layinyani.233 Ndikhumbula ngaxesha lithile ekuqaleni kwamukushumayela, kwiminyaka emininzi eyadlulayo. Sasihlalaphaya phezulu endleleni, kanye apha ngentla kwale ndawo.Ndandishumayela kanye apha kule nkonzo. Waze waphuphaiphupha, lokuba ndandimi apha ecaleni kwamanyatheloamathathu. Kwaye ndandimile ndishumayela kumntu wonke,ukuba bamelwe kukuhamba la manyathelo mathathu phambikokuba bafike kwindlela ephezulu. Ukuze kuthi kwindlelaenkulu kubekho umgca omhlophe ngokweperile, uhambeuyokungena ngqo kwi_kwi_kwingcango zezulu, kwisangoleperile, ukuze loo perile ibe yandlalwe yaya kuma kwincophoyezo zitepusi. Asinguwo uMyalezo wam ngokuchanekileyolowo namhlanje; ugwetyelo, ungcwaliso, ubhaptizo loMoya!Yaye ndandithetha nomntu othile ngaloo manyathelomathathu, ukuze abe nako ukungena kwindlela enkulu. Ndazendathi^234 Kwedlula inenekazi elithile. Ngoku, niyazi ukubababenxiba izihlangu ezinjani na abantu kumashumiamathathu anesihlanu eminyaka eyadlulayo. Kwabakhoinenekazi eladlulayo, lifake izihlangu ezikhulu ezinjengezi

Page 35: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

KUKUPHUMA KWELANGA 35

bazinxiba namhlanje, zinezithende ezisisikhonkwane, lazaledlula. Ndathi, “Yima umzuzu nje, dade. Awunakungenakuloo ndlela iphakamileyo ngaloo nto.” Ndaze ndathi,“A_Awungekhe, ayenziwa loo nto.”235 Laze lathi, “Ehe!” Lathi, khangela jikelele kwabanyeabafazi, bathi, “Musa ukumkholelwa. Ungumntu ophambeneyo.’Yabona? Musa ukumkholelwa. Ndiza kukubonisa ukubandingagwetyelwa, ndingcwaliswe, ndizaliswe ngoMoyaoyiNgcwele, ndibe ndisenokuhamba ngaloo ndlela.” Laze la^Ndaliyeka lahamba. Kwakungekho nto ndisenokuyenza ngaloonto, ndandingakwazi kulimisa. Laze latsibela kwindlelaephakamileyo. Laze lakhangela emva kudade walo, lathi,“’Yabona, bendikuxelele!” Laqalisa ukuqalisa libaleka linyuka,laze la^236 Uyazi, njengoko iBhayibhile yatshoyo, ku-Isaya, isahlukose-5, ukuba bayakuhamba “bethe qhiwu iintamo.”Kunyanzelekile ukuba benze njalo; bayatshawula, ’yabona.“Bezibhija^” Banyanzelekile ukuba babenjalo,banyanzelekile ukuba babhinyalaze, “Bezibhija behamba,besenza isagampe ngezithende zabo; ’yabona, iintombizaseZiyon ngomhla wokugqibela.”237 Laze laqalisa ukunyuka ngaloo ndlela iphezulu,likhawuleza kangangoko lalinokubaleka. Kwaye, emvakomzuzwana, indlela yaya isiba ncinci ngokuba ncinci.Laqalisa ukuthungela, liphinyela njalo, lemka ke.238 Waze umama wathi, “Esona sikhalo sisesoyikekayo ndakhendasiva ebomini bam, yayinguloo mfazi esiwa kuloomadangatye nomsi, esihla, esiya ezantsi ngoloo hlobo.” Wathi,nda “guquka, ndathi, ‘’Yabona?’”239 Wathobela yonke enye into ngaphandle kweLizwi elinye,’yabona, yonke enye into ngaphandle kweLizwi elinye.Ngokuqinisekileyo, abafazi benkonzo kaMoya bangasindiswa,bangcwaliswe, bazaliswe ngoMoya oyiNgcwele, baze basilele.Ngokupheleleyo. “Umntu akayi kuphila ngasonka sodwa, kokongalo lonke iLizwi eliphumayo.” ’Yabona? ’Yabona? WasilelakuLo. Yaye njengokuba nditshilo, ’yabona, ngewangenayo,ngokupheleleyo, kodwa, ’yabona wasilela ekuphulaphuleni;exelelwa ukuba kwakukho ntoni na ngaphambili. NjengokoWaphilayo kwiVangeli ngabadisipile, abapostile, neMfundisoyabapostile nabaprofeti, njalo njalo, baze abafunakuphulaphula.240 Ngoko qaphela la Mandla adlisa ubomi, u-Zoe, ezisaiLizwi, ingcinga eyayikuKristu yaba kuwe ngoko. Ndizamaukukubonisa, ukuba, wena, ekuvusweni kwakho. Xa uThixowamvusayo uYesu kwabafileyo, Wakuvusa, kananjalo. Wazewakuvusela eBomini ngokunjalo, kunye naYe, ngokuuvuselwe eBomini, nakubeni ngoko wawusisibonakalaliso

Page 36: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

36 ILIZWI ELITHETHIWEYO

kwiingcinlega zaKhe, kodwa uThixo wakubona konkekukuYe, ekugqibeleni, ’yabona. Xa uThixo wakhangela kuloomzimba^241 UMoya waMshiya, eMyezweni waseGetsemane.Kwanyanzeleka ukuba afe, engumntu. Khumbulani, zihlobo,kwakunganyanzelekanga ukuba Ayenze loo nto. YayinguThixolowo. UThixo wathambisa loo nyama, eyayiyinyama yomntu.Kwaye Wayengazange^Ukuba ngeWayenyuke phaya,njengoThixo, ngeWayengazange afe uhlobo olunjalo lokufa;awunako ukumbulala uThixo. Kodwa Wayenganyanzelekangaukuba enze into enjalo.242 Kodwa, khumbula, Waya apho enawe ngaphakathi kuYe.’Yabona, uThixo wayengazanga amahlule uMtshakazikuMyeni, ngelo thuba. Ngoko xa uThixo wakhangela ezantsiphezu kwaloo mzimba kaKristu, Wabona zombini ezo zintoindoda nomfazi. Iyonke loo nto yayihlangulwe kuloo mzimbamnye. ’Yabona? Bamntu mnye, yinto enye, liLizwi elikwalinye.ILizwi elikwalinye, elathetha kuMyeni, lithetha kuMtshakazi.243 Ke, angathini uMtshakazi ukuza, aze asileleukubonakalalisa yonke into eyabekwa ngedinga nguYe;noMyeni ukuza, aze Angabi nguye uMtshakazi? Kodwa xaWenza yonke into, ngokuyiqondakalalisa ngokuZivusakwabafileyo, emva koko, aze anga_uMtshakazikunganyanzeleki ukuba enze kwaloo nto inye,kunganyanzeleki ukuba ngokuchanekileyo ibe yiloo nto iLizwilathi Uyakuba yiyo ngale mihla yokugqibela? Akamelwekukuba Abuye ngoMalaki 4? Akamelwe kukubaAbonakalaliswe njengoko kwakunjalo ngemihla yeSodom,alimelwe ihlabathi kukuba njengoko linjalo kanye? Ezi zintoazisiso na isingqino esigqibeleleyo seLizwi likaThixo lazisiwekuthi?

244 Kulungile, zihlobo, ndiyazi ukuba ndinigcina ixesha elide,yimizuzu elishumi elinesihlanu kubethe idinala, kodwamhlawumbi ndizakugqiba ngelo xesha. Kodwa, khangela apha,yinto egqibelele kanjani. Andazi ukuba ndakuphindandinibone nini kwakhona na. ’Yabona?245 Khangela, qaphela oku. Kodwa uThixo wabona ngenxaengaphambili uMtshakazi ekuMyeni. Haleluya! ’Yabona,ukuze asindise iNkosikazi yaKhe, njengo-Adam,kwanyanzeleka ukuba Ahambe naYo. U-Adam wayesaziukuba yintoni na awayeyenza; u-Eva wayengazi ukubawayesenza ntoni na, kodwa u-Adam wahamba waphumakunye nenkosikazi yakhe. ’Yabona? NoYesu wathabathaindawo yeNkosikazi yaKhe waba sisono ngenxa yaYo.Khumbula, Waba nguwe, Wathabatha isohlwayo sakho, ukuzewena ube nokuma endaweni yaKhe. Wema endaweni yakho,ukuze ube nokuma kwindawo yaKhe. Lolunjani uthando!

Page 37: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

KUKUPHUMA KWELANGA 37

Bubudlelane obunjani! Singathini ukuyikhanyela loo nto?Singathini ukwenza nantoni na engaphandle kokuMthanda,zihlobo? Ndingahlala kuloo nto iiyure, kodwa masiqhubelephambili kancinane.246 Njengamava epentekoste namhlanje, nokuza kukaMoyaoyiNgcwele ngemihla yokugqibela, njengoko kwakuthenjisiwe,kunjengoko kukhutshwa kwiNcwadi yobunini. ’Yabona?247 Ngoku, unganayo incwadi yobunini. Ngokuqinisekileyo.’Yabona? Unganako ukuyifumana incwadi yobunini bendawoethile, kodwa loo nto ayikatsho ukuba yeyakho. Hayi,mhlekazi. Kusenokubakho umntu ongaphaya kudeonokungena enze ibango kuloo ndawo. Kodwa xa unako okokukhutshwe kuyo, loo nto ibonisa ukuba yonke into eyakheyabambana naloo ndawo icinyiwe, ukuya kuma ngesiseko.Ingaba kunjalo?248 Naxa umntu ethe ukholelwa iLizwi, uze ngoko xa uMoyaoyiNgcwele usiza, nguWo okoko kukhutshwe kwincwadiyobunini. Uze ke ukunike imvume, xa unako okokukhutshiweyo, yokuba yonke into yaloo ndawo iyeyakho,nayo yonke into ephezu kwayo iyeyakho. Amen! Loo nto keisinika oko kukhutshiweyo, xa uMoya oyiNgcwele ehla phezukwaloo ncwadi yobunini wathi uThixo wayibona kwaphayakudala ngaphambi kokusekwa kwehlabathi, waze wabekaigama layo kwiNcwadi yoBomi; kodwa wazalwa ngendodanomfazi, waze wasekuthobeleni isono, wanobutyala ngenxayesono. Kodwa xa ndakholwayo kuWo, ndamnkelaisiqinisekiso; kodwa xa uMoya oyiNgcwele wezayo, yayinguWooko kukhutshiweyo kokuba yonke into echasene nam, nokubangumama owayenzayo, ngutata owayenzayo, ngumhakhuluowayenzayo^249 Njengalowo mncinane, umntwana omncinane onesifosokuwa endimthandazeleyo, kwimizuzu embalwa edlulileyo,loo nto ivela kubazali babazali bakhe. Eso sifo sokuwa sehla,saza kufika phezu komntwana, nditshilo.250 Kodwa xa kuthe kwafika oko kukhutshiweyo, Kwabetha,kuye kwaqakatha yonke into. Ngoko ndinguLowo ubambeokukhutshiweyo. Amen! Kwaye ngokuqiniseke njengokubauMoya wavusa uKristu kwabafileyo unjalo, ndinako okokukhutshiweyo kwisiqinisekiso sobunini sokuba ndiyinxenyeyaloo Mzimba, ndinoko kukhutshiweyo kukaMoya oyiNgcwelekusenza ukuba loo mzimba weLizwi uphile ngokuchanekekanye njengoko Wenzayo kuYe, njengoko Wathembisayongomhla wokugqibela. Oko kukhutshiweyo! Zonke izono zamzicinyiwe, zonke izono zam zicinyiwe, ngeGazi likaYesuKristu, waze uMoya oyiNgcwele wangena njengokokukhutshwe kwiNcwadi yobunini awathi uThixo wandinikayona ngobabalo, ngokwazi kwenxa engaphambili. Owu, bethu!

Page 38: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

38 ILIZWI ELITHETHIWEYO

251 Yintoni ekoyikisayo? Akumangalisi ukuba abe Wathi,“Musani ukoyika; NdinguLowo wayefile ndaye ndidla ubomikwakhona; kwaye Ndidla ubomi ngonaphakade; ndinazonezitshixo zokufa nezelabafileyo.” Ningahlutshwa yiyonantoni na. Nokufa ngokwako akunakunenzakalisa. Qaphela.Kuhle!

Masihambe ngokukhawuleza kakhulu ngoku.

252 Isiqinisekiso soko kukhutshiweyo! Ityala lihlawulwe lonke.Yonke into echasene noko icinyiwe. Ha-ha-ha! Uzuko!Ndisenokwenza ngendlela ephoxekileyo, kodwa ndizivandonwabile. Qaphela. ’Yabona? Owu, oko kukhutshiweyokwisiqinisekiso sobunini, niyaqonda ukuba ithetha ntoni loonto? Uyaqonda ukuba kuthetha ntoni na oko, mzalwana?Akukho nto inokukuthabatha ikususe kuwe. Amen.Ndingumnini wako. Amen. Enjani i^

253 Esinjani isiqinisekiso sobunini? Ngoku ndiye ndafumanainzuzo koko ndinelungelo kuko, ngokufa kwaKhe,ukungcwatywa, nokuvuka. Ube ndim, ukuze mna ndibe nguYe.Ngoku, Waba ngumoni, ukuze mna ndibe ngunyana, amen,ndibambe oko kukhutshwe kwisiqinisekiso sobunini. “Kubanantsi imiqondiso eyakulandelana nabo bakholiweyo,”’yabona, oko kukhutshwe kwisiqinisekiso sobunini!

Ngoku ngokukhawuleza, phambi^Sinamalunganemizuzu elishumi eseleyo.

254 Masiqaphele ngoku, ngokukhawuleza, ukudlisa ubomikoMoya. Ndizakukubonisa imiqondiso ethile ukuze uqonde.Khangela, ngoku, khangela ukuba yintoni na, laa “Mandlaadlisa ubomi” ibiyileyo ingongoma yam. Emva kokuba uNyanaevukile, khangela ukuba Enza njani na kubo ngePentekoste,yintoni Awayenzayo kubo, yintoni awathi loo Mandla adlisaubomi ayenza kubo. Abavuselela.

255 Ngoku masiqaphela Awakwenzayo kuStefano. UStefanowayezaliswe ngaMandla adlisa ubomi. Yayingenjalo loo nto?’Yabona, wayezaliswe ngaMandla adlisa ubomi. Ayizangeimenze oyike loo nto. Wathi, “Nina bantamo zilukhunibangalukileyo ngeentliziyo neendlebe, nihlala nimelananoMoya oyiNgcwele; njengokuba benzayo ooyihlo, nenjenjalonani. Nguwuphi kubaprofeti ongazanga abonise ukuzakwaLowo uLilungisa, abangazange bamxulube ooyihlo?” Owu,bethu! Loo nto yenza okuthile kuye. Ngokuqinisekileyo,wayezaliswe ngaMandla avuseleleyo.

Baze bathi, “Sizakumsusa endleleni laa mfo!”

256 Kwaze kwathi ekufeni kwakhe, bamxuluba; naloontlokwana yakhe ilusizi, amatye eyibetha ngolo hlobo.Wakhangela phezulu wathi, “Ndibona aMazulu evulekile.”

Page 39: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

KUKUPHUMA KWELANGA 39

AMandla adlisa ubomi ayesebenza. “Ndibona aMazuluevulekile, noYesu emi ngakwisandla sokunene sikaThixo.”Nantso into awayenzayo aMandla adlisa ubomi kuStefano.257 Qaphela omnye umfo, owayenawo la Mandla avuselelayo,igama lakhe lalinguFiliphu. Wayezaliswe kangako ngaMandlaadlisa ubomi. Wayeqhuba inkonzo enkulu kakhulu ezantsikwaSamari. Iidemoni zazikhutshwa. Abantu babebhaptizwaeGameni likaYesu Kristu. Babenenkonzo eyinene. Waze uMoyawathetha kuye, owu, u_uNdoqo wehla, waze Wathi, “Yishiyele mvuselelo.” Kodwa bayakuthini abalungiseleli? Ayenzimahluko eyokuba bathetha ntoni na. ’Yabona? WayezaliswengaMandla adlisa ubomi. Wayenawo amafutha enqwelo, kunyeno_noNdoqo wayesihla phambi kwakhe. Wathi, “Phuma uyekungena entlango.”258 Waza wafumana ithenwa apho, waze walibhaptizelaeGameni likaYesu Kristu; indoda enye eyathabatha uMyalezoyehla nawo ukuya eTopiya. Akunjalo? Kwaye wathobelauThixo.259 Ekuthobeleni uThixo, ukuba awuzange ubhaptizweeGameni likaYesu Kristu, yenza njalo, ubukele aMandla adlisaubomi ekunyusa ngoko. ’Yabona?260 Xa uStefano wathi wenza lento inkulu^okanye, hayiuStefano. Kodwa uFiliphu wathi wenza lento inkulu,yokushiya imvuselelo enkulu aze athobele imiyalelo kaThixo,wathi akuzalisekisa, ngokuzalisa^ngokubhaptiza eli thenwa,ekuthobeleni uThixo, wazaliswa kangako ngaMandlaavuselelayo ngokokude aMxwile emnke naye. “Uyakuyenzaiphile imizimba yenu enokufa, ukuba lo Moya wamvusayouYesu kwabafileyo.” Kwamvuselela uFiliphu ngokokudeangabi sabonwa, mhlawumbi umgama wamakhulu amahlanueemayile, ngaphaya kwenye indawo, ngaphaya kwelinyeilizwe. Kwawuvuselela umzimba wakhe onokufa. Wayenzanjani loo nto? Wayezaliswe kangako ngaMandla adlisa ubomi.261 Owu, Bandla loo Thixo ophilileyo, asinakuma sijikeleza njeapho kule mibelana yeswekile sijikeleza sincanca yona aphonamhlanje. Simelwe kukuba sizaliswe sibe ngabathandazileyo,ngaMandla adlisa ubomi, kude kufike ukudlisa ubomikukaMoya oyiNgcwele! Sinyanzelekile ukuba sithathwesixwilwe, ngamhla uthile, singene kolo Xwilo phayangaphesheya. Ewe, mhlekazi. Amen! Owu, bethu!262 Uxolo ngengcaciso enjalo. Bendicinga ngomama othi enzeezoo ngxowana zincinane, sasikade sizenza, ukwenzela usana.Abanye abadala kuni boomama bayayikhumbula loo nto.Usana oluncinane lwakudala xa luqalisa ukukrankxalaza;uthathe umgubo wekofu neswekile, uwujijele ngengxowaumenze ancance loo nto, ukwenzela ukumdubulisa nje.Akukho mandla kulo nto. Iyakumbulala. ’Yabona? Laa ncindi

Page 40: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

40 ILIZWI ELITHETHIWEYO

ye-caffeine indala ilapho, naloo nto, into nje eyenziweyaneswekile ukumenza ayiginye ihle, ingenisa incindi yekofuenobungozi kuye.263 Sidiniwe zizinto ezinjengaleyo. Yiphikiseni!Ningamakhozi; buyelani eLizwini likaThixo! Yibani ngqongqo;akukho nto iyakunikhubekisa, ngoko ke nikhululekile kukokonke ukuhlaziswa ngabantu. Nokuba ubani uthini na ngani,loo nto izisa nje uthando oluthe chatha. Amen. Kwaye,aMandla avuselelayo, alubambe alungenisakwezaseMazulwini, ukhozi eselubhabhele ngentla kweenkuku,laya kuma ngaphaya kweendawo zaseMazulwini kuKristuYesu! Owu!

Ayephezu koFiliphu. Loo nto yamdlisa ubomi, yamxwilayemnka naye.264 Masithabathe enye indoda. Kwakukho indoda egamalingu-Enoki. Ngoku, wahamba kunye nalo lonke iLizwilikaThixo, isithuba samakhulu amahlanu eminyaka.Wayenobungqina, bokuba, “Akukho nexesha elinye endasilelangalo kwiLizwi laKhe.” Wazaliswa kangako ngaMandla adlisaubomi xa uNdoqo wathi wakuchatha, phezu kobo Buxhaka-xhaka, akuzange kufuneke nokuba afe kwakufa; wathabathisanje wenyukela eKhaya. Waqalisa nje ukuhamba.Wayethe^NjengoFiliphu, wazaliswa kakhulu ngaMandlaavuselelayo, endaweni yokuhla aye eGaza nokuya kwenyeindawo, apho, bamfumana khona kumanxweme asemantlaapho. Endaweni yaloo ndlela, wahamba nje, owu, wathi,“Ndaluphele, nakanjani na. Ndizaliswe kakhulu ngaMandlaokudlisa ubomi, ndizakuhamba nje kanye ndiphumeemhlabeni.”265 Ikwangaloo Mandla avuselelayo esinawo khona ngoku.’Yabona, Ayakuwudlisa ubomi umzimba wakho onokufa.Ingaba kunjalo? NgaMandla adlisa ubomi.266 U-Enoki, enobobo bungqina bugqibeleleyo, bokuba,“Yonke into uThixo andixelele ukuba ndiyenze, ndiyenzile.Yonke into endiyibonileyo ukuba Uthe mandiyenze,ndiyenzile.” Waza wazaliswa ngu_nguNdoqo, okanye_okanyeuBuxhaka-xhaka, ngokokude, xa loo Mandla adlisa ubomiamchukumisayo, uBuxhaka-xhaka, Amphakamisa njeamnyusa. Wahamba waphuma emhlabeni, waya kungenaeZulwini.267 Ngoku, ngoku qaphela. Ku-Eliya, emva^Khangela, u-Eliya, laa mprofeti mkhulu, engumntu ngomhla wakhe.Uxolo. Mzalwana, dade, ngaloo mhla wayebagxungule abobafazi baziqaba ubuso, aboo-Izebhele no-Ahabhi, waze wemawazola^Kwaye akukho mntu, wakhangeleka ngokungathi,wayemi kunye naye. Waze wakhalima, waqwenga, wemaapho ngaphandle, wabe uThixo emkhathalele wamnceda kuyo

Page 41: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

KUKUPHUMA KWELANGA 41

yonke indawo. Uyazi, loo mfo mdala wadinwa ngenye imini.Wathi, “Ndiyaluphala, ngoko andisenakuhambela phambili.”Wayeqhubela phambili, ndiyaqonda, wayenamashumialithoba eminyaka ubudala; emdala ngenene, ehambaejikeleza apho, kwaye wayezaliswe kangako ngaMandlaadlisa uBomi. Uyazi yintoni? Wakhangela ngaphesheyakweYordane.

Owu Thixo! Ndiphantse ndibone kweliya cala. Awuboniwena?268 Ukuzaliswa kangako ngamandla adlisa ubomi, ngokokude,wabona inqwelo igangxwe ngaphaya, amahashe athile oMlilonenqwelo yoMlilo, egangxwe kumthi othile phayangaphesheya. Wahamba nje wawela umlambo waGoduka,ngaphandle kokufa kwa ukufa. AMandla adlisa ubomiayethunyelwe, abanga ukuba inqwelo ihle iphuma eZulwiniimthabathe imnyuse. Kwacholwa nkqu idyasi yakheyaphoselwa ku-Eliya kwakhona. Injalo loo nto.269 Ngoku, ngoko laa mfo wachola loo ngubo, umzekeloweBandla kwakhona, ’yabona, wachola loo ngubo. Ngoku,wayenza kabini imimangaliso, ntoleyo ingumzekelo kaKristuneBandla. ’Yabona? U-Eliya wenza yamine; yena wenzayasibhozo. ’Yabona, ngoku, waye_wayenamandla aphindwekabini, kuba wacela wona. “Izinto ezinkulu kunezi Ndizenzayoniyakuzenza.” ’Yabona? Kodwa wayezaliswe kakhulungaMandla adlisa ubomi, nayo yonke into, ngokokude enzezonke ezi zinto, amandla aphindwe kabini, kunentoawayenzayo u-Elisha, ngaphezu koko wenzayo. Kwayeqaphela, waphila ubomi emva koko wade wanamashumiasibhozo okanye alithoba eminyaka ubudala, waluphalawaze_waze wafa. Wafa, baze_baze bamthabatha bamkhuphabamngcwaba.270 Uyazi, ke, loo Mandla adlisa ubomi akazange emnke kuye.Kwemininzi, kwiminyaka emininzi emva koko, xa inyamayayisele ibolile yesuka kumathambo akhe, wayeleleengcwabeni. Babethwele indoda efileyo ngenye imini, bazebabona utshaba, basuka nje bajula le ndoda bayingenisa phezukwamathambo ka-Elisha. Kwakukho angako aMandla adlisaubomi kuloo mathambo ngokokude loo ndoda ixhume ingeneebomini kwakhona. Owu!271 “Ayakuwenza uphile umzimba wakho onokufa.” Nakubawayefile ebolile engcwabeni, unangoko la Mandla adlisa ubomiayehleli phezu kolo thuli. Haleluya! Aha! “Lowo wamvusayouKristu kwabafileyo ngokunjalo wenza uphile umzimbawakho onokufa.” U-Eliya phaya kudala, u-Elisha no-Eliya^272 Khumbula, laa ndoda ifileyo, laa mprofeti, ezaliswengaMandla adlisa ubomi, elele engcwabeni ebole waphela;kwakukho angako aMandla adlisa ubomi, ngokokude, bajulele

Page 42: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

42 ILIZWI ELITHETHIWEYO

indoda efileyo kuye, yabuya yadla ubomi. Wayesakwaziukubeka izandla phezu kwabagulayo. Wayengakwazi? Amen.Nantso ke.273 Kwaye khumbula, siyinyama yenyama yaKhe, uYesuKristu. “Siyinyama yenyama yaKhe, namathambo amathamboaKhe.” Owu, akukho ndlela yakuphuma kuloo nto.Sizakuvuka, kuphelele apho ke. Uzakuvuka, kuphelele apho.274 IPasika ithetha okungaphaya kwesithethe nje. Isenjalongoku, yeyokuze imizimba yethu idliswe ubomi kunye naYe.Kwaye sihleli kwiindawo zaseMazulwini.275 Lo mzimba ke usenokubolela elwandle; usenokubolelaemhlabeni mhlawumbi; kusenokungazali necephe luthuthu;kodwa uzakuvela. Kuba, uMoya owayivusayo iNkosi yamkwabafileyo uwudlise ubomi lo mzimba unokufa. Uwudliseubomi umzimba wakho onokufa. Kwaye thina sizindlalifazaKhe zovuko lwaKhe, i-inshorensi yaKhe yoBomiobunguNaphakade endithetha ngayo kangaka, uyazi.Akumangalisi ukuba abe Wathi, “Musani ukoyika.”Wayemelwe kukwazi.276 Kuba njengokuba uPawulos wathi, “Kufa, luphi naulwamvila lwakho? Ngcwaba, luphi na uloyiso lwakho?Ndizaliswe ngaMandla adlisa ubomi. Makubulelwe kuThixo,Osinika uloyiso ngeNkosi yethu uYesu Kristu.” Ewe, mhlekazi!AMandla adlisa ubomi. Owu, bethu!277 Udla ubomi ngonaphakade kanaphakade, “isekwanguyeizolo, namhlanje, nangonaphakade.” AmaHebhere 13:8.Qaphela, uMesiya, onguMthanjiswa; unjalo noMtshakaziwaKhe, onguMeyisi, ’yabona, onguMthanjiswa.278 Qaphela, ukufa akuwemisi aMandla adlisa ubomi kaThixo.Ukufa akunakuWemisa. Xa unaWo, AnguNaphakade. Akukhonto iyakuWemisa. AwunakuWakhonkxa. AwunakuWakhonkxa;akukho nto_akukho nto unokuyenza ngaWo. Uphila ubomibakho, naloo nto ayinakuWemisa; asenjengokuba Ayenjalo.279 Qaphela, uMoses uzaliswe kakhulu ngaloo Mandla adlisaubomi. Uyintoni? Wayengumprofeti eleza kuye iLizwi.Wayeyinxenye yeLizwi. WayeliLizwi laloo mhla. Ingabakunjalo. Emva kokuba wayefile, amakhulu asibhozo eminyaka;phezu kweNtaba yoTshintsho, wayemi apho, kunye no-Eliya.Ingaba kunjalo? AMandla adlisa ubomi, uKufa akungekekuWasuse. Hayi, hayi. “Ndiyakuwavusa kwakhona.” INgelosizeza; zamngcwaba ezantsi apho emfuleni. Wayesele ebolilekuphelile ngaye, amathambo akhe ayephelile, nayo yonke enyeinto, kodwa aMandla adlisa ubomi ayesekho apho. Amdlisaubomi amnyusa. Yayinguye lowo, emi apho. Qaphela.280 Uthi, “Ingaba kunjalo, Mzalwana Branham, emvakwamakhulu asibhozo eminyaka?” Owu, bethu!

Page 43: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

KUKUPHUMA KWELANGA 43

281 Ukuba ungafunda kuMateyu, ndinaso iSibhalo, kuMateyu27:51. Ungasibhala, usibeke. Xa bathi bonke abo phaya kudala,abo babekholwa ukuba Uyakufika^IBhayibhile ithe apha,emva kokuba Wafikayo, babelele emhlabeni. AMandla adlisaubomi ayephezu kwabo, baye babeyinxenye yaKhe, abobangcwele. Babeyinxenye yaKhe, ngokuba babekholiwe kuYe.282 Xa kuthethwa nje babenabo obo Bomi, ngedinielanikelwayo legusha, isicamagushelo, esasingenakuzisa moyawegusha ubuyele phezu komntu. Kuthiwani ke ngokungoMoya woMntu, uThixo ngokwaKhe, uphezu kwakho,’yabona, sinangakanani ukudlula kulawo aMandla adlisaubomi! Kodwa kwakungesicamagushelo sesono esanikelwayoesiyimvana, singumzekelo. Oko sinako thina akungomzekelo;kuluqobo lomzekelo. Soyika ntoni? Kwaye abo bafobabenomzekelo kuphela, ukho nakuvuko lwaKhe, baze behlabaya engcwabeni kunye nawo.283 NjengoYobhi phaya kudala phantsi kokuxinzelelekaokukhulu kwakhe, bethu, yonke into ithatyathiwe kuye!Umtyholi wathi, “Mandifumane yena. NdiyakumenzaaKuqalekise ebusweni baKho.” Waze ke wakhululeka.284 Wathi, “Ungabuthabathi ubomi baKhe.” Waze wenza(yena) konke ngobomi bakhe.285 Nenkosikazi yaKhe yamjikela. Yathi umphefumlo wayoubengowasemzini kuye. Ngamanye amazwi, yona_yonayayingafuni kuba nanto yakwenza naye. Yayingabonakalingathi isamthanda, yamtyhalela kude nje. “Yobhi, uyoyikeka!Kutheni ungamqalekisi nje uThixo, ufe?”

Wathi, “Uthetha njengesidengekazi somfazi.” Owu, bethu!286 ’Yabona, wabambelela kanye koko wayenako. Ngoku,wayengumprofeti. Wathi, “Andingomoni. Ndinikele ngelo dinikubonelelwe ngalo.” Amen. Wayesazi ukuba wayemi phi na.Wayephezu kweLizwi. Akunamsebenzi nokuba babesithini naabanye, wayelapho kanye kwiLizwi. Ngoko eloo lixa likhululimangalisayo^Wathi, “Uthetha njengesidengekazi somfazi.”Wathi, “YiNkosi enikileyo, yiNkosi ekuthabathileyo; kuba,malibongwe iGama leNkosi!” Wathi, “Ndeza kweli hlabathindingenayo nanto. Ndeza apha, ndize, ndiyakuphumakwangaloo ndlela. Malibongwe iGama leNkosi!” Ehleli apho,aphukile ngamathumba, abantwana bakhe befile, ebethwebubuhlwempu, nabahlobo bakhe bemjikele, amalungu ebandlalakhe, nayo yonke enye into, ezikrwempa nge^Kwayewayelusizana lodwayinge! Akukho namnye kuni oselekhewangena kuloo nto. Nangoko, wabambelela kwelo Lizwi.287 Wayelukhozi. Owu, bethu! Awunako ukuvala amehlo alolonke ixesha. Hayi, hayi. Kwangoko, limi kwelo Lizwi,kwenzeka ntoni? Isibhaka-bhaka sabuya umva, iindudumozaqalisa ukugquma, imibane yaqalisa ukulanyaza, waze uYobhi

Page 44: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

44 ILIZWI ELITHETHIWEYO

wakhangela phezulu wabona umbono, wathi, “Ndiyazi ukubauMhlawuleli wam uhleli. Yaye ngemihla yokugqibela Uyakumaphezu kwalo mhlaba. Nangona emva kokuba iimpethuziwutshabalalisile lo mzimba, amathambo nako konke, looMandla adlisa ubomi ayakuba ekho. Ndiyakuzibonela uThixo,Endiyakumbona ngokwam. Amehlo am ayakumbona ingenguyewumbi.” Ingaba kunjalo? “Nangona emva kokuba ulawulo luyakutshatyalaliswa kunye nam, nakuba emva kokuba iimpethuezisemzimbeni wam ngoku, ziyakuwutshabalalisa.”288 Uyazi, iimpethu azifiki kuwe. Iimpethu sele zikuwekakade, iimpethu ezizezakho. Wakhe wayiqaphela loo nto?Bakufaka kwibhokisi yomngcwabo, bayivale ingangeni moya;imibungu iyakukudla uphele, ngendlela efanayo, kuba ikuwe.Uliqela nje lemibungu, indawo yokuqala, ngaphakathi.289 “Nakuba iimpethu, iimpethu zam zinditshabalalisile,inyama yam, nangoko ndisenyameni yam ndiyakumbonauThixo.”290 Kuyakuba ngaloo ntsasa yovuko ke! Uzuko! Haleluya!UMateyu, loo mbhali mkhulu, 27:51, wathi, “Emva kokubawaye evukile kwabafileyo, abangcwele beTestamente eNdala,abaninzi babo babelele eluthulini lomhlaba, baphumaengcwabeni, bangena kuwo umzi babonwa luninzi.” LaaMandla adlisa ubomi, ese phezu kwaloo mathambo ka-Eliya xakwakungasekho mathambo, esephezu koYobhi, xakwasekungekho necephe lothuli olushiyekileyo kumzimbawakhe. Kodwa aMandla adlisa ubomi ayeselapho.291 “Ukuba uMoya owamvusayo uYesu kwabafileyo umingaphakathi kwakho, Uyakuwenza uphile nomzimba wakhoonokufa.” Qaphela, ngokukhawuleza ngoku.292 Uthi, “Owu, ndinqwenela ukuba ndibe ndandiphilakudala^” Uphila kwilixa elingcono. Ngoku ukubaninonke^293 Ndibona nibhala iZibhalo. Kulungile, bhalaamaTesalonika wokuQala 4:16. Ubone ukuba kuhle kanjani na,’yabona. Kwi^“Abangcwele, abo balele kuKristu,uyakubezisa uThixo kunye naYe,” ’yabona, abangcweleabasengcwabeni, bephumle. Njengokuba wayenjalo u-Eliya;abanye babenjengokuba wayenjalo u-Elisha; ’yabona, abanyebabo bayakudliswa ubomi, abanye bayakuthatyathwa, abanyebayakuba sengcwabeni. Bayakuhamba naYe. “IXilongolikaThixo liyakuvakaliswa, baze abafele kuKristu bavukekuqala. Size thina babudlayo ubomi basaseleyo sixwilwesinyuswe kunye nabo, siye kuyikhawulela iNkosi emoyeni.”AMandla adlisa ubomi kwabaphilileyo; aMandla adlisa ubomikwabafileyo. ’Yabona?294 Kwaloo Mandla adlisa ubomi kaThixo ayemelwe kubobobabini aba baprofeti. Khangela amagama abo, aphantse

Page 45: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

KUKUPHUMA KWELANGA 45

ayinto enye, Elisha, Eliya. ’Yabona uMtshakazi noMyeni?Omnye kubo nguMnu. Yesu; omnye ng-uNkosk.Yesu. Uyabona,iphantse yayinto enye, nje_nje kuphakathi kuka_kukaYonaindoda noYena umfazi. ’Yabona?295 U-Eliya, ukhangele ke nendlela ekumelwe ngayo oko apha.Ngoku, u-Elisha^Wanyuswa wangena kuxwilo, emeleiBandla, kulungile, u-Eliya; waze u-Elisha waphumla kwadekwafika uvuko. ’Yabona? Kufana nje nentaka, iswele iimpikoezimbini ukuze ibe nokuzixhasa. ’Yabona? Ibandla lalimelwekanye kule ndawo kwabo baprofeti babini. “Kuba thinasisabudlayo ubomi siyakuba sisekho ekufikeni kweNkosi,asisayi kubaphangela abalele ukufa; kuba iXilongo likaThixoliyakukhala,” zihlangane zombini iimpiko, size sibhabhesimnke, haleluya, sibhabhe simnke. Kuba, (intoni?)kwabaphilayo, okanye kwabafileyo, loo Mandla adlisa ubomiasaphila.296 Qaphela. Khumbula, khumbula ngoku, udliswe ubomiukuze uzibone ukuba ziyintoni na ezi zinto. Khangela aMandlaadlisa ubomi walo mhla. Khumbula, sivuselwe ebomini.Kungekudala kwilixa elidlulileyo, ukuze ndincede^297 Kwaye ndi_ndicinga ukuba iNkosi yethu yathi okanyenguPawulos owatshoyo, “Oko uBawo andibonisa kona,andikugogodlanga. Ndinixelele.” Kwaye kule mihlayokugqibela xa sibona aMandla aKhe adlisa ephezu kwethu,usinike naMandla adlisa ubomi, ukuze sibone abagulayobephiliswa. Siwabonile aMandla Adlisa ubomi esebenzaphakathi kwethu, njengokuba Ayenjalo phezu kwabo ngemihlayakuqala, ’yabona, ’yabona Abuyiswa ngombono nokuvuswakwabafileyo, ’yabona Aphilisa abagulayo.298 Ngenye imini ndandithetha nomntu othile. UDonovanWeerts omncinane lo, ndiyaqonda ukuba niyamazi nonke.Ndandizingela kunye naye. Usizana lomfo omncinci^Ungumfo olungileyo omncinane. Uhamba apha enkonzweni.Uyaku^Ungumhlobo nje olunge kakhulu wam. Kwayeusandula^Wathi, “Bendingafuni kukumhlupha.”299 Ndakhangela, yabe indlebe yakhe, ijikile yonke,umphakathi ungaphandle. Ndazi ndathi, “Kunjani, Donovan?”Ndambamba nje ngesandla, kanje, yabe ingumhlaza. Ndathi,“Donovan, yintoni ingxaki kwindlebe yakho?”300 Wathi, “Andazi, Mzalwana Branham. Kumalunganesithandathu, isixhenxe seenyanga, oko isiya nje^”

Ndathi, “Kutheni ungenzanga nto nje ngaloo nto?”301 Wathi, “Be_Bendingafuni kuyenza loo nto kuwe,Mzalwana Branham.”

Ndathi, “Uyayazi ukuba yintoni na?”Wathi, “Ndinalo ufifi.”

Page 46: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

46 ILIZWI ELITHETHIWEYO

302 Ndabeka nje isandla sam phezu kwakhe, andathethaneLizwi. Kwiintsuku ezimbini emva koko, kwakungekhonomkrwelo. Yintoni? NgaMandla adlisa ubomi, ’yabona,Ayakuwudlisa ubomi umzimba wakho onokufa. Indlebe yakheyayiyakudleka isuke, ubuchopho bakhe ngebaphelayo,’yabona, ngewafile. Kodwa, aMandla adlisa ubomi! ’Yabona?

303 Kwaze ngenye imini xa ndandidiniwe, oku kwam,malunga^Ndathi, “Ukuba Wena^Mfo, kungcono uqhubelephambili, unamashumi amahlanu eminyaka ubudala. Wena,ukuba kukho into ozakuyenzela iNkosi, kungcono ungxameuyenze. Uyaluphala.” ’Yabona? Apho ke ngaloo ntsasa,aMandla adlisa ubomi afika, waze Wandivumela ukubandikhangele ngaphaya komkhusane, ndaze ndanibona nonkeningaphaya. Aha. ’Yabona? Wathi, “Konke owakhewakuthanda, nabo bakuthandayo, ubanikiwe.” ’Yabona?Ndababona bonke phaya ngaphesheya ngoloo hlobo. Yintonina? NgaMandla adlisa ubomi.

304 UYohane uMtyhili wayezaliswe ngaMandla adlisa ubomi,owathi wema wabona isiphelo ukusukela ekuqalekeni.

305 U-Isaya wayezaliswe ngaMandla adlisa ubomi, waze wemawabona iMillenium uphumlo lweminyaka eliwaka nayo yonkeinto.

306 AMandla adlisa ubomi! “Kwaye ukuba uMoyaowamvusayo uKristu kwabafileyo, umi ngaphakathi kwakho,Uyakuwenza uphile nomzimba wakho obuhlungu^umzimbawakho onokufa.” Khumbula, aMandla adlisa ubomi!

307 Khangela koko sikubonileyo ngaloo mhla. AMandla adlisaubomi afikile kuthi, ukuza kuvula aMatywina aSixhenxe.Yayiyintoni loo nto, bubulumko bendoda? Hayi, ngaMandlakaThixo adlisa ubomi. ’Yabona, aMandla kaThixo adlisaubomi axela kwangaphambili ukuba oku kuyakwenzeka.’Yabona, aMandla kaThixo adlisa ubomi enza ukuba ihlabathiliKungqinele, kuyiNyaniso. INgelosi yeNkosi, ndanixelela,yayikho ikwiNtsika yoMlilo; aMandla adlisa ubomi enzaukuba ihlabathi lingqine ukuba loo Nto iyiNyaniso. Kwaye,kuloo nto, babengazi ukuba yaYiyintoni na; sabe thina sisazi,khangela nje ngapha, yaye YiNkosi yethu iphaya phezulu,uyabona.

308 YiYo Eyavula loo Matywina. Ingawo loo Matywina, kubaiLizwi likaThixo liphela linguKristu, yaye uKristuungaMatywina awavulwayo. Kukuthini ukuvulwakwaMatywina ngoko? Kukutyhila uKristu.

309 Yaye kwa ezo Ngelosi zisixhenxe, ezazimele aMabandlaaSixhenxe onke egqityiwe, yaye sasingenako nokuyibona looNto. Ngabo abayibonayo, bawuthabatha umfanekiso, ingesithi.Kwaye nguYe lowo, emi apho, uMgwebi oyiNtloko; ebonisa

Page 47: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

KUKUPHUMA KWELANGA 47

ukuba Yena ungu-Alfa no-Omega, isiqalo nesiphelo.Kokunjani ukuqondakalalisa! NgaMandla adlisa ubomiawenze loo nto kuthi.310 AMandla adlisa ubomi asenza ukuba sibone ukuzakwaKhe. AMandla adlisa asixwila asikhupha ekufeni sangenaeBomini. AMandla adlisa ubomi asinika ukucalula iingcinga;ukwazi ukuba yintoni na engalunganga kuwe, nokubamakwenziwe ntoni na; yintoni na oyenzileyo, nokuba yintonienge ungayenzanga; nokuba yintoni na emawuyenze, nokubauyakuba yintoni na. AMandla adlisa ubomi, zizonke ezi zinto!311 INkosi yethu uYesu izaliswe ngaMandla adlisa ubomikakhulu, YayinguWo ephela, ehlangene. Yayizaliswe kakhulungaMandla adlisa ubomi, Yathetha oku, “Wutshabalaliseni lomzimba, ndaye Ndiyakuwuvusa ngeentsuku ezintathu.”Uthetha ngokuba nokuqiniseka kuMandla adlisa ubomi!“Wutshabalaliseni lo mzimba, ndaye Mna ndi^le tempile,ndaye Mna ndiyakuyivusa ngeentsuku ezintathu.”312 Kuba, wayetheni ukuze Athethe loo nto? Wayesazi ukubakwakubhaliwe ngaYe, ’yabona, ukuba kwakubhaliwe okongaYe, ngeLizwi likaThixo elalingenakusilela. ILizwi lathi,“Andisayi kumyekela OyiNgcwele waM ekuboneni ukubola,nomphefumlo waKhe andiyi kuwushiya kwelabafileyo.”Kwaye Wayesazi ukuba aMandla adlisa ubomi ayakuMvusa,ukuze kungabikho neseli enye yomzimba eyakonakala.313 Wathi, “Yidilizeni le tempile, ndaye Mna ndiyakuyibuyisakwakhona kwiintsuku ezintathu.”314 Kuba, yayisisiprofeto eso, iLizwi likaThixo. Kwayeisiprofeto, ukuba SiliLizwi eliyinyaniso likaThixo,asinakusilela. Kwaye kwa eso siprofeto neLizwi likaThixolathi UyakuMvusa, sitsho ukuthi sele sivuswe kade kunyenaYe. Akumangalisi ukuba abe Wathi, “Musani ukoyika.”Kwaye kubhaliwe, ukuba, “UMoya okhoyo ngoku,owawukuYe, ngoku ungaphakathi kuthi, ngokunjalo uwudlisaubomi umzimba wethu onokufa.” Musa ukoyika, sihlobo, uS-o-n uphumile. UNyana uphumile. Hayi^315 Ngoku khangela kutshintsho. Sasikho, mntu ngamnye,simelwe apho. Kwakukho iingcwele eziphilayo ezazixwiliwe,kwakukho u-Eliya emi apho; noMoses emi apho, abangcweleabafileyo eme-^Kananjalo, bebobabini babenaMandla adlisaubomi. Nokuba omnye ufile na, abe omnye engazange afe,bonke babelapho.316 Qaphela, owu, khangela kulento siyibona ngale mihlayokugqibela. Ikwayiloo nto inye Wayithembisayo, kuYohane14:12. Ngoku khangela. [Yindawo engenanto ekhasethini_Mhl.]Ngokuqinisekileyo.

Abantu bathi, “Ubanga ukuba unamandla?” Hayi, hayi,hayi.

Page 48: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

48 ILIZWI ELITHETHIWEYO

317 Sifana nje nabo babekwiNtaba yoTshintsho, ’yabona.Ngokuqinisekileyo, asibangi mandla. Kodwa, thina,njenga_njengokuba babenjalo^Phezu kweNtabayoTshintsho, babengathi, uMoses, athi, “’Yabona ubani,’yabona ubani, ’yabona ukuba ndingubani na,” abafundi bathi,“’yabona ukuba ndingubani na, ’yabona ukuba ndingubani,’yabona ukuba ndingubani na.” Niyazi ukuba kwenzeka ntonina? Qaphela, babona uYesu esebuqaqawulini. Nantso kuphelainto ababefuna ukuyibona imelwe, uYesu esebuqaqawulini.318 Kwaye kunjalo namhlanje, asizami kuba ngumntuomkhulu. Asikhathali nokuba abantu bathini na ngathi. Igamalethu akukho liyiyo; liGama laKhe elibalulekileyo. Ubomibethu, akukho nto buyiyo; buBomi baKhe. NgaMandla aKhe,hayi amandla ethu. Kwaye inye kuphela into esithandaukuyenza, kukubona Yena esebuqaqawulini. Ingenzeka njanike loo nto? Xa Ezukiswe engaphakathi kuthi, ngovuko lwaKheolungaphakathi kuthi. SiyaMbona emelwe kwakhonanjengokuba Wayenjalo, namhlanje.319 Niyifumene loo nto? ’Yabona, umnqweno wethu asikokubasizukiswe. Umnqweno wethu asilogama lithile likhulu.Umnqweno wethu asikokunyusa nkonzo ithile, okanye senzeukuba babe baninzi ngakumbi kwisikolo seCawe, okanyeukuzama ukungenisa, sibarhuqe okwehagu, sibatyhale, senzeizinikezelo ngepati yepikniki, okanye singenise abobagqamileyo, amaqhosha, okanye into ethile elolo hlobo.Asingomnqweno wethu lowo. Umnqweno wethu kukubonaYena ezukisiwe. Ezukisiwe, (intoni?) hayi ukuzidlaokukokwethu; kodwa ngaphakathi kuthi, ubomi bethu,buqondakalalise ukuba Yena uyaphila ephila ngaphakathikuthi.320 Ukuba ndinokususa isiqu sam endleleni, ukuze kube xauWilliam Branham kungenakucingwa ngaye, ukuze nawekungacingwa nokucingwa ngawe, side sibe nokubona uYesuezukisiwe phakathi kwethu. Sibone Yena, nanko umnqwenowethu. Ngawo lawo adli-^asinike aMandla adlisa ubomi.Oko ke kusinika uvuyo, ukwazi ukuba sikunye naYe, kokubiniinyama nethambo laKhe, ngokuba nguMtshakazi waKhe;nokubona kwa loo ndlela inye yaKhe yokungqina,iqondakalalisa kuthi ukuba Yena uvukile ngoku kwabafileyo.’Yabona?321 Akumangalisi ukuba wathi, “Musani ukoyika, kuba ngoku,qaphela, sihlangulwe nguYe, ke ngoku sivuswe kunye naYe.Nantso into ethetha yona iPasika ebantwini, “bavuswe kunyenaYe”! Qaphela. Ngoku sinoMoya waKhe ngaphakathi kuthi,oko kukhutshwe kwisiqinisekiso sobunini soko kuhlawulwengokupheleleyo.322 Hayi, awuthi, “Ke, ndiyathemba ukuba ndiyakuphumelela.”Sele uphumelele. Hayi, “Ndiyakuphumelela.” Sele

Page 49: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

KUKUPHUMA KWELANGA 49

ndiphumelele. Andizange ndiphumelele; nguYeowandiphumelelelayo. ’Yabona? Hayi mna; nguYe! “Ke,Mzalwana Branham, bathi^” Andikhathali nokuba bathini na.NguYe lowo waphumelela, esenzela mna. Nantso into endifunayona, endiyikhathaleleyo.323 Ndifuna_Ndifuna nje ukubona Yena ebonakalalisiwe.Ungayenza njani loo nto, uyakuMbiza ehle? Hayi.Ungaphakathi kuwe. ’Yabona, Ungaphakathi kuwe. “Ke,ngoko, Nkosi, ukuba nje ndinokuzisusa endleleni,Ungabonakalalisa. Okwam^Ungayenza njani loo nto Wena?Ngokuba Wamisela ukuba kube njalo. ‘Bonke aNdinike bonauBawo bayakuza.’” Qaphela. Uzuko!324 Ngabo bonke obo buGanga buqokelelwe, kunye nathingoku ngale ntsasa, owu, ndicinga ngelaa culo:

Ngaloo ntsasa yovuko,Xa iintambo zaphulwe,Siyakuvuka, (Haleluya!) siyakuvuka!

325 Niyakholwa yiloo nto? [Ibandla lithi, “Amen.”_Mhl.]Siyakuvuka! SikuYe siba yinxalenye yaKhe, iPasika, imfihleloetyhiliweyo kaThixo njengokuba yayiyiyo ngoko, yoBomi emvakokufa. Singabaphilileyo ngoku, ababekhe bafa kwisononezigqitho. ITywina lenene lePasika likwaphule ukufaobekusingqongile, ndaye ndingophilileyo. ITywina lePasika,ekuqalekeni, laphula itywina letywina lobuRoma, iTywinalePasika, awayetywinwe, kulo. Abantu ke, xa besifa,kwakuphelile; kodwa Waphula iTywina waza watyhilaimfihlelo. Ke ngoku uThixo, ngoMoya oyiNgcwele waKhe,ulaphule iTywina elingqonge ubomi bethu, uKristu keutyhiliwe njengoko Ephila ngaphakathi kuthi, kuba ngokusidliswe ubomi kunye naYe. Owu, iphepha emva kwelinye!

Siyakuvuka, (Haleluya!)Siyakuvuka! (Amen!)Ngaloo ntsasa yovuko,Xa imivalo yokufa yaphukile,Siyakuvuka, (Haleluya!) siyakuvuka!

326 Owu, awuvuyi wena! Ndivuya kakhulu mna! Phaya kudeezantsi phaya, kwishedana endala yamalahle ngenye intsasa,amatywinwa avulwa, ndaye ndavuswa kunye naYe, isidalwaesitsha. AMandla akhe adlisa ubomi; uNyana uphumile.327 Kungekudala kwixesha elidlulileyo, ndabaliselwa ibalimalunga no_nomlobi. Umfo othile waphuma waqesha umlobiwakudala ukuba amkhuphe baye kuNxweme lwaseNtshona.Baphuma ke ngaloo ntsasa.328 Ukuba kukho kuni owakhe waloba phaya ngaphandleintlanzi encinane isalmon, kuba, niyazi ukuba kuqhubekantoni na, kubakho inkungu ngokoyikekayo phaya ngaphandle.

Page 50: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

50 ILIZWI ELITHETHIWEYO

Ndiyambona uMzalwana wam omncinane, u-Eddie Byskal,umseki wamabandla kumaNdiya phaya ngaphandle. Kwayesakhe saloba, okwethu, ngaphandle kuloo manxweme.329 Ngoko loo mlobi wayeluhlobo loqalayo, uyazi. Wayakuloba, kwaye babeye bangene phakathi. Balindele ukubakuthi qheke ukusa, uyazi. Kwaye ba_Kwaye babengenakulivaixilongo lenkungu kwakhona, waze loo mlobi wothukakakhulu, wathi, “Uthi, siya singena elwandle kakhulu! Heyi!”Wothuka kakhulu.330 Wathi, “Hlala phantsi, nyana. Hlala phantsi.” Umlobiomdala, wazola, uyazi. Wayeyazi into awayethetha ngayo.Wathi, “Linda nje lide ilanga liphume, ngoko siyakubonaukuba siphi na.”

Uthi, “Ndifanelwe kukuba ngumWisile? UmBhaptizi?OwakwaMoya?”331 Linda nje, iLanga liyaphuma, siyakubona ukuba siphi na.Yena uliLizwi. Linda nje ude ubone iLizwi libonakalalisiwe,likhanya phezu kweMbewu, iSikhwebusokutshangatshangiswa, siyakubona ukuba siphi na.NiyaMthanda? [Ibandla lithi, “Amen.”_Mhl.]332 Ndicela uxolo ngokuba ndinigcine ixesha elide kangaka.Bangaphi kuni abaza kulalisa kusihlwanje? Owu, nize nibuyekwakhona ngoko, ngolu rhatya, ’yabona. Malunga nentsimbiyesixhenxe? Ingaba beninaye omnye umntu? [UMzalwanaNeville uthi, “Hayi.”_Mhl.]

Masithobe iintloko zethu.333 Ingaba ukho omnye apha, okanye abaninzi, abangenawo laMandla adlisa ubomi kuni? UNyana ukhanyile kuyo yonkeindawo, kwaye nikuhleli kulo Mnquba, niphulaphuleamakhasethi ashicilelweyo, ukanti uMoya awuzange unidliseubomi nide nibe nokulandela iLizwi likaThixo, ukuba kunibafazi nakuni madoda ningathobela lonke iLizwiAwalibhalayo! Owu, yinto eyingozi leyo. Bekuyakuthini ukubaubunokuba yimbewu efileyo, kungekho Bomi ngaphakathikuwe? Kodwa kukho into ethile ngaphakathi kuwe,ekuxelelayo, “Ndi_Ndifuna ukuphuma, ngale ntsasa. Ndifunaukuvela kule meko ndikuyo. Andifuni kuba yimbewu njeefileyo, ndishiywe eluthulini nakwimithi etyekezwe ngamanzi.Ndifuna ukuphuma.”334 Awunakuphakamisa isandla sakho, uthi, “Ndithandazele,mzalwana”? UThixo akusikelele. UThixo akusikelele. Bethu,khangela izandla; akukho ndawo yakuba ungabizelaesiguqweni. Lento siyibiza ngokuba kukubizela esiguqweni,abantu bayeza bangqonge isibingelelo, andiyithandi kakhulu,phofu. Loo nto yongezelelwa nje kwibandla ngemihlayemvuselelo yobuWisile. ’Yabona?

Page 51: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

KUKUPHUMA KWELANGA 51

335 IBhayibhile ithe, “Bonke abakholwayo, ’yabona,babhaptizwa.” Likho iqula apha, lizele ngamanzi, lilindelenabani na osele elungele ukufa kwisiqu sakhe.336 Ngoku, usenokungcwatywa, ngamaxesha amaninzi,eGameni leNkosi uYesu; kodwa ingekabi buBomi loo mbewu,’yabona, Ayisayi kudlisa bomi. Hayi, hayi, hayi. Ubhaptizolwamanzi lufana nombethe ohla uvela ezulwini; ungayiwelaimbewu, kodwa, kungekho Bomi apho, ayinakuphila.337 Kodwa ukuba olo bhaptizo lwenene lwamanzi, lokufakwisiqu sakho, ube ulungele ukufa uphele kuyo yonke intoowakhe wayifundiswa ngeemfundiso namahlelo emvaba, izintoezichaseneyo neLizwi, uze uhambe njengonyana okanyeintombi kaThixo, ube unyanisile kuloo nto entliziyweni yakho,ukhangele ukuba yintoni na eliyakukwenzela yona olobhaptizo lwamanzi ngale ntsasa. “Guqukani, nonke ngabanye,nibhaptizwe eGameni likaYesu Kristu ukuze nixolelweiziphoso zenu, izono zenu, naye niyakusamnkela iSikhwebu,umnikelo wokutshangatshangisa. Niyakwamnkela uNdoqo,uMoya oyiNgcwele. Kuba idinga likuni, nakubo bonke. Kuzozonke izizukulwana, liyakuya.”338 Bawo Thixo, ndi_ndithethe into ende, ndathatha ixeshaelininzi labantu, kodwa, Nkosi Thixo, akukho kupheza kuloonto. Kukhangeleka nje ngokungathi unokuyeka uhambeumnke, uphumle, uphinde ubuye. Siphila kwihlabathi elifayo,phakathi kwabantu abafayo; sinoMyalezo woBomi,sikwanobungqina bovuko. Thixo Othandekayo, sizakubangababhubhayo kube kanye kuphela, kuyakuba yintoni keukuba siliyekile eli thuba ledlula kuthi?339 Iintliziyo zethu ziyavutha; imiphefumlo yethu iyavuya;ngaba bathe bangena. Kwaye baninzi apha abawuvayo loMyalezo ngale ntsasa. Ewe, mabini kungenjalo mathathuamakhulu aphakamise izandla zawo. Bafuna ukukholwa,Nkosi. Owu, ngokuqinisekileyo loo mbewu ayifanga, Nkosi.Bebenokuziphakamisa kanjani izandla zabo ngolo hlobo? Ikhointo ekhoyo. Owu Thixo, ubuntu obudala, yinkosikazikaYobhi, imi apho, isithi, “Owu!” kodwa, Nkosi, makathiuYobhi, eloo kholwa, angene, ngale ntsasa, afe ngokupheleleyo,angcwatywe apha kolu bhaptizo lwamanzi.340 Amathontshi ombethe avela eZulwini, iLizwi likaThixoelithi liyakuhlamba lisuse sonke isono lisixolele! UbhaptizoeGameni likaYesu Kristu, kusenzelwa ntoni? Uxolelo lwezono,izono zicinywa eGameni likaYesu Kristu.341 Wanga, ngoko, Bawo, wanga^Ukuba bayagula, bangabangahamba bephilile. Banga, ukuba bazizilima, bangabangahamba baphume phantsi kwaMandla kaMoyaoyiNgcwele. Ukuba bebengaboni, banga bangahambabaphume behlanjiwe becocekile. Ukuze ubuxhaka-xhaka,

Page 52: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

52 ILIZWI ELITHETHIWEYO

ngokungena phakathi; uNdoqo owenza into isebenze ehle evelangaseNtla, uMoya oyiNgcwele, ubaxwile, umnke nabo, Nkosi.Udlise ubomi umzimba wabo onokufa, ngoko siyakuva iilwimizenene ezintsha, amandla kaThixo, uthando olungenambaliso,ubabalo olufayo nobabalo oluphilayo; noKristu ovukileyo,uMzimba, uMtshakazi emele Yena phezu komhlaba.342 Bawo, bangabaKho. Baziphakamisile izandla zabo. Mnandishumayele iLizwi. Ngoku, Bawo, bamnkele, ndiyathandaza.EGameni likaYesu Kristu, ndicela oko. Amen.343 NiyaMthanda? [Ibandla lithi, “Amen.”_Mhl.]Akamangalisi Yena? [“Amen.”] Nanelisekile kukuba yinxenyeyolo vuko lwePasika, kukuba uvuke kunye naYe? [“Amen.”]Phakamisa isandla sakho. Ubalelwe phakathi.344 “Bantwanana bam,” njengokuba uPawulos ebenokutsho.Hayi ngokuzama ukulinganisa yena, kodwa, uthando,ndiyanithanda. Ndivuthuza ezindleleni, nakuyo yonke into,ukuba ndize apha, ukuze ndibe nokuthetha nani. Ndinyukandiphuma entlango, ndinqumla kwimifula enekhephu, njalonjalo, ukuza kufika apha. Sibhabha ngeenqwelo-moya.Siqhuba sinqumle ilizwe, ukuze sibe nokuhlangana.Sinothando omnye komnye.345 Singamalungu omnye elelomnye. Ningakhe nimvumeleuSathana anixelele ukuba akukho nto niyiyo. Ngokuba lilunguomnye elelomnye, siyinxenye yaKhe. Kwaye singabemi kunyekobo Bukumkani, sixhamla ezi ntsikelelo, kunye, zovuko.346 Ke ngoku, ’yabona, ngoku sele ungovukileyo. Xa uThixowaMvusayo, Wavusa wena. UNyana ngoku uphezu kwakhonje, yaye ngoku ukhulela ekubeni kuBomi obudubuleyonjengokuba enjalo Yena, ukuze ube ngovukileyongokupheleleyo ngaloo mhla wokugqibela. Oko unokuba nako,unako ngoku. Wazi kuba? Umphefumlo wakho utshintshiwe,awutshintshwanga? Umzimba wakho uze ngokuthobela Lona,akunjalo? Ekuthobeleni (ntoni, ibandla?) iLizwi, lonalibuBomi, ngoko khona ngoku uvusiwe kwabafileyo. YiPasika,kunye noYesu kunye nam. YiPasika, kunye nawe noYesu.Kwaye yiPasika, kuwe, mna, kunye noYesu. Sisonke^Kungenjalo uYesu, wena, nam, sisonke sivuswe kunye.347 Kwaye siyakuphuma ngomhla wokugqibela, nakubaumoya wethu uyakuyishiya imizimba yethu, nkqu nokubaimizimba iyakuba luthuli, ingaya eluthulini, ingatsha iphele,ingasemazantsi kwinzonzobila yolwandle. IBhayibhile ithe,“INgelosi yasigalela phezu lolwandle esayo, yathi yonke intoeyayifele apho yaphuma.” Akukho nto inokusifihla, okanyeisahlule, kuloo Thixo simthanda ngokugqibelele kangako,owathi wasivusa sikunye.348 UThixo anisikelele. Ndinigcine ixesha elide apha. Ukubaabo bantu basekho kulaa mnxeba, ngokuqinisekileyo^

Page 53: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

KUKUPHUMA KWELANGA 53

Ngamashumi amahlanu eesenti ngomzuzu, bahlawule ngenene,ngale ntsasa. Kodwa, andikwazanga nje ukuma ngalaa yure,kuye kwanyanzeleka ukuba ndiqhubele phambili.349 Ngoku, iNkosi ithandile, ndizakubuya kwakhonangokuhlwa, ukuza kuthetha nani kwakhona. Ukuba ndinokubanako, ke ngoko ninonke^Ndiyathemba ukuba asikho^okanye hayi^Asisekho emnxebeni? Hayi asisekho emnxebeni.350 Niyazi nonke ukuba ndiyaphi na, anazi? E-Afrika! Ndiyendabiza ithuba elide; yiminyaka ndizama ukubuyela khona.Ngoku umbono, uMoya weNkosi uyilungisile indlela. Bathe, xabathe abo bantu balusizana belo lizwe bawuva, ukubaandikwazanga kubuyela ngexesha elidlulileyo xa ndandilapho,bawa phantsi emhlabeni imini nobusuku, bakhalaza bakhala,besithi, “Nkosi, senze ntoni?” Amawaka abo. Abo bantukungakholwa nokuba banawo umphefumlo. ’Yabona? Bazebakhala bakhalaza, baze balila.351 Ningakhe nithumele lizwi kwangaphambili. Nincedeningenzi njalo. ’Yabona, ukuba laa visa kungenzeka ukubaiphumelele apho ize ingene loo nto phakathi kwabobalungiseleli, bangandimisa kanye kuloo ndawo. Kunyanzelekeukuba ndingene njengomzingeli. Ndizakunyuka ndiye kulaakumkanikazi wezisa ishumi elinesixhenxe leenqwelo zikaloliwewazihlisa weza enkonzweni. Kuyakunyanzeleka ndinyukendiye kuzingela kumhlaba wakhe. Kwaye ndiyangena, ipaspotiyam nayo yonke into indibiza ngokuba ndingumzingeli, hayiinkonzo yokholo.352 Ngoko kuyakubakho omnye umzalwana endiyakuhlangana naye, athi, “Kutheni ungasiqhubeli inkonzoencinane nje?” Amabala amakhulu ezemidlalo sele ehlawulwe.Abayazi nokuyazi loo nto. ’Yabona? Owu, uzuko!353 Thandazani ukuba intando kaThixo ingabi nakuthintelwa.Eyokuba, umphefumlo wam othe walilela i-Afrika ukusukelaoko ndemkayo, ndanga ndingakwazi ukubuyela khonakwakhona, ndize ndiniphathele umyalezo wenkonzo enkulu.Ndiyaqonda ukuba andiyi kunibona kwakhona, ukusukelanamhlanje, ndide ndibe ndibuyile. Siyahamba, kwiintsuku njeezimbalwa ngoku, ngomhla weshumi kuMeyi.Niyakundithandazela? [Ibandla lithi, “Amen.”_Mhl.]354 Khumbula, awuzazi ukuba ziingxaki zini na, ude ufike apho;amaxhwele kuyo yonke indawo, nokungcola, ungacingi ukubaabayazi into amabayenze. ’Yabona? Kwaye kungcono ukubauyazi into othetha ngayo, xa umi phambi kwawo. “Kodwandiyamazi ndikholwe nguYe, kwaye ndeyisekile ukuba Unakoukukugcina oko ndiMphathise kona kude kube yiloo mini.”

Ngoku, kukho uhlobo oluthile lweetshefu olulapha.355 Thixo Othandekayo, njengoko lo Myalezo ngale ntsasawovuko, ndibe mna ndimi apha, Nkosi, ndiqondakalalisa

Page 54: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

54 ILIZWI ELITHETHIWEYO

ngeLizwi ukuba loo Mandla adlisa ubomi akumntwanaokholwayo. Ngoko ke, ngokukholwa, ngokholo, ukuba looMandla adlisa ubomi abuguqule ubomi bam. Baye aba bantubayakholwa, Nkosi, yaye Abutshintshile ubomi babo.Siyathandazelana ke.356 Ndibeka izandla zam phezu kwezi tshefu, ukuze^WangauThixo, Owamdlisa ubomi uYesu Kristu waMnyusakwabafileyo, waze loo Moya waMvusayo kwabafileyo, wabeuhleli kumzimba wethu.357 UMoya owawuphezu komzimba ka-Elisha, owathi, emvakokuba wayefile kungekho nto ingamathambo kuphela, abeenaMandla adlisa ubomi kuwo. Izandla zabapostilezazinaMandla adlisa ubomi kuzo. Iingcinga zabapostile,ukubona kwabapostile, ii_iilwimi zamakholwa, zonkezazinaMandla adlisa ubomi.358 Ngoku anga aMandla adlisa ubomi, njengoko ndibeka eliLizwi phezu kwabo, nezandla zam ukuze zimele onawo,ngobabalo, loo Mandla adlisa ubomi, anga Angadlisa ubomingamnye kule mizimba igulayo, baze baphiliswe, Thixo,ngeGama likaYesu Kristu.359 Kwanga akungenziwa ngenxa yezi tshefu kuphela, kokongenxa yabo bantu bangaphandle esihlweleni, wonke umntuobulalekayo. Abo bantwana bancinane, abantu abadala,nantoni na abayiyo, anga loo Mandla adlisa ubomiangabaphilisa khona ngoku, eGameni likaYesu. Amen.360 Ngoku, bangaphi abanawo aMandla adlisa ubomi. [Ibandlalithi, “Amen.”_Mhl.] Ngoku beka izandla zakho omnyekomnye. Ukuba loo Mandla adlisa ubomi angaphakathi kuwe.361 Ngoku, inye kuphela into enokuWenza, iwathintele,kukungakholwa kwakho. Umfazi othile wachukumisa inguboyaKhe, waze waphiliswa; ijoni lomRoma latshicela kuYeebusweni, laze laya esihogweni. ’Yabona? Ngoko kwaku^kuxhomekeka ekubeni uphi na. Niyakholwa yiloo Nto?[Ibandla lithi, “Amen.”_Mhl.] Niyakholwa yiloo Nto?362 Ngoku ndifuna ukuba uthobise intloko yakhonithandazelane. Thandaza_thandaza nje uphumelise, yithi nje,“Nkosi, lo mntu^” ’Yabona, thandazelanani nje.363 Thixo Othandekayo, senza oku eGameni likaYesu Kristu,iGama ekuphela kwalo elinikiweyo phakathi kwabantuesiyakusindiswa ngalo okanye siphiliswe. Aba bantu,bangabemi kunye boBukumkani, bangabo banaMandla adlisaubomi, Wavuselele kubo, Nkosi, khona ngoku. Kwaye wangauMoya ungasuka kukhozi uye kukhozi, usuke kwiLizwi uyekwiLizwi, ide inzaliseko kaYesu Kristu yenziwe ibonakalekumzimba ngamnye kule, ukwenzela okwenyama, okomoya,okanye nayiphi na intswelo ebebeswele yona, njengoko sibekaizandla omnye komnye. EGameni likaYesu Kristu. `

Page 55: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

KUKUPHUMA KWELANGA 55

KUKUPHUMA KWELANGA XHO65-0418M

(It Is The Rising Of The Sun)

Lo Myalezo kaMzalwana uWilliam Marrion Branham owawushunyayelweekuqaleni ngesiNgesi ngeCawe kusasa umhla we-18 kuEpreli, ngowe-1965,kuMnquba kaBranham, eJeffersonville, e-Indiana, eMelika, wathatyathwakwisishicileli-mazwi washicilelwa ungafinyezwanga ngesiNgesi. Le nguquleloyesiXhosa ipapashwe ngowe-2008 ngabe:

XHOSA

©2008 VGR, ALL RIGHTS RESERVED

VOICE OF GOD RECORDINGS

P.O. BOX 950, JEFFERSONVILLE, INDIANA 47131 U.S.A.www.branham.org

Page 56: XHO65-0418M Kukuphuma Kwelanga VGR - download.branham.orgdownload.branham.org/pdf/XHO/XHO65-0418M It Is The... · KUKUPHUMA KWELANGA 3 Kodwa ingaba aba bantu bandiphulaphuleyo, babonakalayo

Ilungelo lombhali elilelakhe lokushicilela

Onke amalungelo agciniwe. Le ncwadi ingaprintwa kwiprinta yasendlini ukwenzela ukuba isentyenziswe okanye kunikezwe ngayo, ngaphandle kwentlawulo, njengesixhobo sokukhawulezisa iVangelli kaYesu Kristu. Le ncwadi ayinakuthengiswa, yenziwe kwakhona ngesixa esikhulu, ifakwe kwi website, igcinwe kwindawo apho inokukhutshwa khona, itolikelwe kwezinye iilwimi, okanye isetyenziselwe ukurhwebesha imali ngaphandle kwemvume echaziweyo ngombalo ephuma eVoice Of God Recordings®.

Ngeechukacha ezithe vetshe okanye malunga nezinye izinto eziphathekayo, nceda qhagamshela:

VOICE OF GOD RECORDINGSP.O. BOX 950, JEFFERSONVILLE, INDIANA 47131 U.S.A.

www.branham.org