ngaphaya kokuzalwa nokufa€gam€p€yino 'nity€s t€ˆs titik asva bh€rata “he nyana...
TRANSCRIPT
NGOKUBHALWA
YINGCWELE EHLONIPHEKILEYO
U-A. C. BHAKTIVEDANTA SWAMI PRABHUPšDAUmseki-šc�rya Wombutho Wamazwe Ngamazwe
Wokubasezingqondweni Ngo-Krishna
THE BHAKTIVEDANTA BOOK TRUST
Ngaphaya Kokuzalwa Nokufa
Iguqulelwe esiXhoseni
Ngu- µo˜� Gop…n�tha D�sa
Asiyiyo Lemizimba 1
1
1
ASIYIYO LEMIZIMBA
deh… nityam avadhyo 'yaˆdehe sarvasya bh€rata
tasm€t sarv€Ši bh™t€nina tvaˆ �ocitum arhasi
“He nzalelwano ka-Bh€rata, lowo uhlala emzimbeni uphila ngonaphakade kwaye akasokuze atshabalale. Ngako oko akukho mfuneko yakubindeka ngokufa kwaso nasiphina isidalwa.” (G…t€ 2. 30)
Inyathelo lokuqala ngqa ekuziqondeni [inkqu] kukuqonda ukuba siyimiphefumlo eyohlukile emzibeni. “Andiguwo lomzimba koko ndingumphefumlo ongcwele,” lulwazi oluyimfuneko olungu ndoqo laye nabanina ofuna ukoyisa ukufa ukuze angene kwilizwe elingcwele. Oku akupheleli nje ekwazini ukuba, “Andinguwo lo mzimba,” koko ekuyiqondeni lenyaniso. Lo mba awulula njengoko uvakala. Nangona singeyiyo lemizimba koko sikukubasezingqondweni okumsulwa, ngandlela ithile
sithe savaleleka kwesisinxibo singumzimba. Ukuba ngenene sifuna ulonwabo nobomi baphakade, kwakufuneka sizinze kwaye sihlale sihleli kwindawo yethu yemvelo, oko kukuthi ukuba sengqondweni okumsulwa.
Njengabantu abacinga ukuba bayimizimba yabo, uluvo lwethu ngolonwabo lungafaniswa nolomntu opha-mbeneyo. Ezinye iifilosofa [izilumko] zithi lempambano yokucinga ukuba siyimizimba yethu mayinyangwe ngokuthi siyeke yonke into esiyenzayo.
2 Ngaphaya Kokuzalwa Nokufa
Kuba ezi zenzo zasemhlabeni ngoyena nobangela webandezelo yethu, ngako oko masiyeke yonke into. Ngabula zona, inkcopo yogqibelelo yinto apha efana ne-nirv€Ša yenkolo ka-Buddha, apho [kuhleliwe nje] kungenziwa nto. U-Buddha waye-xhasa uluvo lokuba intsusa yalo mzimba kukudibana kwee-elementi [iziqalelo] zomhlaba kwaye ukuba ngandlela ithile ezi elementi zinokuthi zohlulwe okanye zidilizwe, ngalondlela unobangela wembandezelo uthi ususwe.
Ukuba abaqokeleli-rhafu basithwalise nzima kuba sinendlu enkulu, esona sisombululo silula sesokuba kudilizwe indlu. Kambe, i-Bhagavad-g…t€ isinika ulwazi oluthi asiphelelanga ekubeni sibe yimizimba eyenziwe ngezinto zomhlaba nje. Ngaphaya kwalendibanisela yezi-elementi zomhlaba zakhe umzimba, kukho umphefumlo, kwaye uphawu lobukho bawo kukubasezingqondweni.
Akakho umntu onokukhanyela oku. Umzimba ongenako oku kubasezingqondweni ngumzimba ofileyo. Kuthinje kwakungabikho emzimbeni oku kubasezingqondweni umlomo ungathethi, amehlo angaboni, neendlebe zingeva. Nomntwana uyayiqonda lo nto. Yinyaniso emsulwa ukuba udlamko lomzimba luxhomekeke ekubeni sezingqondweni.
Ingaba kuyintonina ukubasezingqondweni? Njengokuba ubushushu nomsi izimpawu zomlilo, uku-basezingqondweni luphawu lobukho bomphefumlo emzimbeni. Amandla omphefumlo, okanye inkqu [self], abonakala ngoku kubasezingqondweni. Ngenene ukubasezingqondweni bubungqina bobukho bomphefumlo. Le asiyofilosofi ye-Bhagavad-g…t€ njekuphela koko sisigqibo soncwadi lwee-Veda luphela.
Asiyiyo Lemizimba 3
Andinguwo lomzimba koko ndingumphefumlo onguna-phakade.
4 Ngaphaya Kokuzalwa Nokufa
Abalandeli baka-®a‰kar€c€rya abangakholwayo kubuqu bukaThixo, kunye nee-Vai�Šava ezilandela ulandelwano lwabafundi olusuka kwiNkosi u-®r… K��Ša, bayavumelana ngobu bukho bungenakuphikwa bomphefumlo, kodwa zona iifilosofa zenkolo ka-Buddha azivumelani noku. Abenkolo ka-Buddha baphikisa ngelithi oku kubase zingqondweni kuvele ngenxa yokudibana kwee-elementi zomhlaba, kodwa olu luvo aluyonyani kuba nangona sinokuba nazo zonke izakhi zomhlaba, kodwa asinako ukuvelisa ukubasezingqondweni kuzo. Zonke ii-elementi zomhlaba zinokubakho kumntu ofileyo, kodwa asinako ukumbuyisela ezingqondweni. Lo mzimba awufani nomatshini.
Xa ilungu lematshini lisophuka, linokutshintshwa, kwaye umatshini unokusebenza kwakhona, kodwa xa umzimba usifa kwaye ukubasezingqondweni kungasekho kuwo, asinako ukutshintsha indawo emoshake-leyo zesiwubuyisele ezingqondweni. Umphefumlo wohlukile emzimbeni, kwaye ngelixa umphefumlo usesemzimbeni, umzimba uhlala usezingqondweni. Kodwa wakungabikho umphefumlo asinako asinako ukubuyisela ezingqondweni umzimba.
Ngenxa yokuba singenako ukubona umphefumlo ngezivo zethu ezibuthuntu, siyawuphika. Enyanisweni zininzi izinto ezikhoyo [apha elizweni] esingenako ukuzibona. Ngezivo zethu ezibuthuntu asinako ukubona umoya, amaza kanomathotholo, isandi, kwaye singenako nokubona intsholongwane, kodwa oku akuthethi ukuba azikho. Ngoncedo lwemakroskopu nezinye izixhobo, izinto ezininzi ebezikade zingabonwa zizivo ezingagqibelelanga, [ngoku] zinako ukubonwa. Masingagqibi kwelokuba umphefumlo, oyi-atom ngobukhulu, awukho, kuphelanje ngenxa yokuba izivo okanye izixhobo zethu zingenako
Asiyiyo Lemizimba 5
ukuwubona. Kanti unako ukubonwa ngeempawu kunye nangeziphumo [zezinto ozenzayo] zawo.
Kwi-Bhagavad-g…t€ u-®r… K��Ša uyabonisa ukuba yonke imbandezelo yethu ibangelwa kukuzithabatha njengo-mzimba.
m€tr€-spar�€s tu kaunteya�…to�Ša-sukha-duƒkha-d€ƒ
€gam€p€yino 'nity€st€ˆs titik�asva bh€rata
“He nyana ka-Kunt…, ukuvela kwethutyana kobushushu nokubanda, ulonwabo nembandezelo, kwanokusithela kwazo ngokuhamba kwexesha, kufana nokufika nokudlula kobusika nehlobo. Ubukho bazo bunxulumene nezivo, He nzalelwano ka-Bh€rata, kwaye ubani [umntu] makafunde ukuzinyamezela ngaphandle kokuphazamiseka.” (G…t€ 2. 14)
Ehlotyeni siva ubumnandi xa sidibana namanzi abandayo kuba kaloku kushushu, kodwa ebusika sinoku-wabalekela amanzi abandayo kuba kuyabanda. Naphantsi kwayiphina imeko, amanzi ayafana, koko avakala emnandi okanye ebuhlungu ngokuviwa ngumzimba.
Konke okukuva ubuhlungu nolonwabo kungenxa yomzimba. Phantsi kweemeko ezithile umzimba nengqo ndo zithi zive ulonwabo nembandezelo. Ngenene silangazelela ulonwabo, kuba eyona ndawo yemvelo yomphefumlo kukonwaba. Umphefumlo lilungu laLowo Mkhulu [uThixo], sac-cid-€nanda-vigrahaƒ (Bs. 5. 1) — [oku kukuthi] lowo uqulethe lonke ulwazi, uyolo, nephakade. Ngenene, kwa-gama eli lithi K��Ša, gama elo lingelilo elehlelo elithile, lithetha “obona bumnandi
6 Ngaphaya Kokuzalwa Nokufa
bukhulu”. U-K�� uthetha “obona bukhulu,” ze u-Ša athethe “ubumnandi.” U-K��Ša ngu-mfuziselo wobumnandi, kwaye kuba siyimiphefumlo engamalungu Akhe, silangazelela ubumnandi. Ithontsi lamanzi olwandle ngokunokwalo linazo zonke iimpawu zolwandle, kwaye nathi, nangona singamalungu nje amancinane kaLowo Mkhulu noPheleleleyo [uThixo], sinemfuziselo yamandla Akhe.
Umphefumlo oyi-atom, nangona umncinane, ushukumisa umzimba wonke ngendlela ezininzi ezimangalisayo. Apha elizweni kukho iidolophu ezinkulu, oohola beendlela abakhulu, imichancatho emikhulu, izakhiwo ezikhulu, izinto ezininzi ezizizikhumbuzo, kunye neempucuko ezingumangaliso, kodwa ingaba ngubani owenze konke oku? Konke kwenziwe yintlantsana yomphefumlo esemzimbeni.
Ukuba lemimangaliso inokwenziwa yintlantsana yomphefumlo, ingaba mingakanani imimangaliso enokufezwa nguNto-yonke oNgcwele oMkhulu [uThixo]. Ulangazelelo lwemvelo lwentlantsana yomphefumlo, lulangazelelo leempawu zento-yonke — ulwazi, uyolo kunye no-naphakade — kodwa oku kulangazelela kuyatshitsha ngenxa yomzimba womhlaba. Ulwazi ngokuzalekisa umnqweno womphefumlo luqulathwe kwi-Bhagavad-g…t€.
Kungokunje sizama ukufumana ubomi baphakade, uyolo lwaphakade kunye nolwazi lwaphakade ngokuse-benzisa izixhobo ezingagqibelelanga. Inkqubela-phambili yethu kulomzamo ithintelwa ngulomzimba womhlaba; ngako oko masiqonde ukuba asiyiyo imizimba siyimiphefumlo engunaphakade. Ingcingane yokuba asiyiyo lemizimba ayisayikusinceda. Masisoloko siqonda ukuba asizizo izicako koko
Asiyiyo Lemizimba 7
singabalawuli bomzimba. Ukuba sikwazikakuhle ukuqhuba inqwelo mafutha, iyakusinika inkonzo encumisayo; kodwa ukuba asikwazi, iyakubeka ubomi bethu esichengeni.
Umzimba wenziwe zizivo, kwaye izivo zisoloko zifuna ukudibana neenjongozivo (sense objects) zazo. Amehlo akubona umntu omhle athi kuthi, “He, nantsiya intombi entle, nankuya umfana omhle. Masiye kubona.” Iindlebe zithi, “He, ndiva umculo omnandi. Masiye kuwumamela.” Ulwimi luthi, “He, kukho indawo yokutyela esemganga-thweni [ophezulu] ekwanokutya okunencasa. Masiye kutya.” Ngoluhlobo izivo zisirhuqela kwiindawo ngendawo, yiyo lonto kungokunje iingqondo zethu ziphixene.
indriy€Š€ˆ hi carat€ˆyan mano 'nuvidh…yatetad asya harati prajñ€ˆv€yur n€vam iv€mbhasi
“Njengoko iphenyana emanzini lisithi lityhalelwe kude ngumoya onamandla, nesivo nje esinye ethi izikise kuso ingqondo siyakwazi ukumka nobukrelekrele bomntu.” (G…t€ 2. 67)
Kunyanzelekile sifunde ngokulawula izivo. Igama elithi gosv€m… linikwa lowo uthe wafunda ubugcisa bokuphatha izivo. U-go uthetha “izivo,” u-sv€m… athethe “umlawuli” ; ngako oko lowo unako ukulawula izivo makathathwe njenge-gosv€m…. U-K��Ša uyabonisa ukuba lowo ucinga ukuba ungumzimba oyinkohliso womhlaba, akanako ukuzinza kwindawo yakhe yemvelo, njengo-mphefumlo . Ulonwabo lomzimba lulimenye, luy-anxilisa, kwaye asisokuze silonwabele ngokwenene, kuba ngendalo lolwexeshana.
8 Ngaphaya Kokuzalwa Nokufa
Masibumbe ubomi bethu ngendlela yokuba singaphambukiswa lulonwabo lomzimba. Ukuba sithi siphambuke, asinako ukuzinzisa ukubasezingqondweni kwethu kwindwo yako yemvelo, ngaphaya komzimba.
bhogai�varya-prasakt€n€ˆtay€pah�ta-cetas€m
vyavas€y€tmik€ buddhiƒsam€dhau na vidh…yate
traiguŠya-vi�ay€ ved€nistraiguŠyo bhav€rjuna
nirdvandvo nitya-sattva-sthoniryoga-k�ema €tmav€n
“Kwiingqondo zabo bancamathele kakhulu kulonwabo lwezivo kwanobunewunewu basemhlabeni, kwaye bedidiswa zezo zinto, abakwazi ukuzimisela ngokungagu-ngqiyo kwinkonzo yokuzondelela eNkosini eNkulu. Ii-Veda ziphathelelene nesihloko seempawu ezintathu zendalo yasemhlaba. He Arjuna, musa ukuba phantsi kolawulo lwezi mpawu. Dlulela ngaaphaya kwazo zonke. Phuma kuwo onke amakhamandela obubini [duality] kwanokuxhalabela inzuzo kunye nokhuseleko, kwaye zinza kwinkqu.” (G…t€ 2. 44-45)
Igama elithi Veda lithetha “Incwadi yolwazi.” Zininzi iincwadi zolwazi, ezithi zohluke ngobuzwe, abemi, ummandla, njalo, njalo. E-Indiya iincwadi zolwazi zibizwa ngokuba zii-Veda. Entshona zibizwa ngokuba yiTesta-memte Endala kunye neTestamente Entsha. Ii-Mohammedan zilandela i-Koran. Yintoni injongo yazo
Asiyiyo Lemizimba 9
zonke ezincwadi zolwazi? Kukusiqeqesha ukuze siqonde indawo yethu [yemvelo] njengemiphefumlo emsulwa. Injongo yazo kukunyina izenzo zomzimba ngemithetho kwanezithintelo ezithile, kwaye lemithetho nezithintelo ibizwa ngokuba yingqokelela yemithetho ecwangcisiweyo yokuziphatha. Umzekelo, iBhayibhile, inemithetho elishumi eyenzelwe ukulawula ubomi bethu. Umzimba mawubephantsi kolawulo ukuze sibenako ukufikelela kwinqwanqwa eliphezulu logqibelelo, kwaye ngaphandle kwenkqubo-lawulo, asinako ukufikelela kwinqanaba logqibelelo. Iinkqubo-lawulo zinokohluka ngokwamazwe okanye ngokwezibhalo ezingcwele, kodwa oko akunamsebenzi, kuba zonke zenziwe ngokwexesha, iimeko ezithile kunye nesimo sengqondo yabantu. Kodwa umthetho-sisekelo wolungelelwaniso lolawulo uyafana. Ngokufanayo, urhulumente unikaimithetho yolawulo emayihlonelwe ngabemi. Akusokuze kubekho nkqubela phambili kurhulumente okanye kwimpucuko ngaphandle kolawulo. Kwisahlukwana esidlulileyo, u-®r… K��Ša uxelela u-Arjuna ukuba umthetho-sisekelo wee-Veda wenzelwe ukulawula iimpawu ezintathu zendalo yomhlaba — ukulunga, ukuvutha, kwanokungazi (traiguŠya-vi�ay€ ved€ƒ). Ngako oko u-K��Ša ucebisa u-Arjuna ukuba azizinzise kwindawo yakhe emsulwa yemvelo njengomphefumlo ongunaphakade, ngaphaya kobubini [duality] bendalo yomhlaba.
Njengoko sele salathile, obu bubini — obufana nokubanda nobushushu, ubumnandi nobuhlungu — buvela ngenxa yokudibana kwezivo kunye nezinto-zazo. Ngama-nye amazwi, bungunozala wokuzithabatha njengomzimba. U-K��Ša uyabonisa ukuba abo bazinikele elonwabeni nakwigunya lolawulo balahlekiswa ngumbhalo wee-Veda, othembisa ulonwabo
10 Ngaphaya Kokuzalwa Nokufa
lwamazulu ngokwenza amadini kunye nezenzo eziphantsi kwemigaqo. Ulonwabo lilungelo lethu lemvelo, kuba kaloku luluphawu lomphefumlo, kodwa umphefumlo uzama ukuzonwabisa ngezinto zomhlaba, kwaye ke le yeyona mpazamo.
Wonke ubani ulandela izinto yinto zomhlaba ukuzama ukuzonwabisa kwaye uqokelela ulwazi kangangoko anako. Omnye umntu uthi abe ngusomachiza, igcisa lefizikisi, umpolitiki, igcisa, njalo-njalo. Wonke ubani wazi into ethile ngento yonke okanye yonke into ngento ethile, oku ke kudlangokubizwa ngokuba lulwazi. Kodwa sithi nje sakushiya lomzimba, lonke olulwazi lutshabalale. Kubomi bangaphambili kungenzeka ukuba umntu othile wayeyindoda yolwazi, kodwa kobubomi kufuneka aqale ekuqaleni kwakhona aye esikolweni ze afunde ukufunda nokubhala. Kuba kaloku ululibele lonke ulwazi owayeluzuze kubomi bangaphambili. Inyaniso kukuba sikhangela ulwazi lwaphakade, kodwa asinakulufumana ngalomzimba wo-mhlaba. Sonke sikhangela ulonwabo ngalemizimba, kodwa ulonwabo lomzimba asilulo ulonwabo lwethu lwenene.
Olu lonwabo alululo ulonwabo lwemvelo. Masiqonde ukuba sisazibandakanye kulonwabo olungelulo, asisokuze salufumana ulonwabo lwaphakade. Umzimba mawuthatyathwe njengemeko yokugula. Umntu ogulayo akanako ukuzonwabisa ngokukuko; umzekelo, umntu enesifo senyongo, uyakuvangathi ilekese yeswekile iyakrakra, kodwa lowo uphilayo uyakubuva ubuswiti bayo. Nakuyiphina imeko ilekese yeswekile yona iyafana, kodwa ngokwemeko esikuyo ithi ingca-mleke ngokwahlukeneyo. Ngaphandle kokuba sibe sithe sanyangwa kulengqiqo yokugula yobomi basemzimbeni, asinako ukungcamla ubuswiti bobomi basemphefumlweni.
Asiyiyo Lemizimba 11
Ngenene, buyakuvakala bukrakra kuthi. Kwangelixesha linye, xa sisandisa ulonwabo lwasemhlabeni, sandisa ukugula. Umguli wecesina akavumelekanga ukuba atye ukutya okuqinileyo, kwaye xa ethe wophula lomthetho wakutya, uyakuba wandisa ukugula kwaye ubeka ubomi bakhe esichengeni. Ukuba ngenene sifuna inkululeko kwintlupheko yobomi basemhlabeni, masinciphise iinkanuko nolonwabo lwasemzimbeni.
Ngenene, ulonwabo lwasemhlabeni asilulo ulonwabo. Ulonwabo lwenene alupheli. Kwi-Mah€bh€rata kukho isahlukwana esithi — ramante yogino 'nante — oku kukuthi ii-yog… (yogino), abo bazama ukuzonyusela kwinqwanqwa lobungcwele, ngenene bayanambitha, kodwa olunambitho lwazo lu-anante, alupheli. Oku kungokuba unambitho lwazo luqhaganishelwe noMnambithi oMkhulu (u-R€ma), u-®r… K��Ša. U-Bhagav€n ®r… K��Ša ngumnambithi wokwenene, kwaye i-Bhagavad-g…t€ (5. 29) iyakungqina oku.
bhokt€raˆ yajña-tapas€ˆsarva-loka-mahe�varam
suh�daˆ sarva-bh™t€n€ˆjñ€tv€ m€ˆ �€ntim �cchati
“Izilumko, zindazi Mna njengoyena Mnambithi wawo onke amadini nobungqongqo, iNkosi eNkulu yeeplanethi kunye noothixo-bantu bonke, kwanomncedi nomqweneleli wokuhle wazo zonke izidalwa ezikhoyo, zithi zikhululeke kwiimbandezelo zasemhlabeni.”
I-bhoga ithetha “ulonwabo” kwaye ulonwabo lwethu luxhomekeke ekuqondeni ukuba eyona ndawo yethu yemvelo kukonwabisa. INkosi eNkulu yona ngumamkeli wolonwabo ngelixa thina singabonwabisi. Umzekelo wolunxulumano unokufunyanwa apha emhla-
12 Ngaphaya Kokuzalwa Nokufa
beni phakathi kwendoda nomfazi: indoda iyonwa-tyiswa (puru�a), ngelixa umfazi engumonwabisi (prak�ti). Igama elithi pri lithetha“ibhinqa.” I-Puru�a okanye umphefumlo, ngumenzi, ze i-prak�ti, okanye indalo, ibekoko kusetyenziswa ngumenzi. Kambe ke, bobabini bathabatha inxaxheba elonwabeni. Xa ulonwabo lulolwenene, akukho nto ithi indoda yonwabe kakhulu okanye umfazi wonwaba kancinane. Nangona indoda ingumongameli ngelixa umfazi onganyelwe, eneneni ulonwabo lwabo luyafana. Eneneni indawo yemvelo yezidalwa kukunika ulonwabo kuThixo, hayi enye into.
UThixo wathi wazandisa wabamnzi, kwaye thina zidalwa siyinxalenye yokokwanda. UThixo mnye akakho owesibini, kodwa ngokunqwenela ukuzonwabisa wathi wazandisa wabamninzi. Siyazi ukuba ulonwabo luncinane okanye alukho xa umntu ehleli yedwa kwaye ethetha yedwa. Kodwa xa sihleli nabantu abaliqela, ulonwabo lwethu luyanda, kwaye ukuba sinokuthi sishukuxe imicimbi engo-K��Ša nendimbane yabantu, ulonwabo lwethu luyakwanda nangakumbi. Ulonwabo lubandakanya izinto ezininzi ezahlukeneyo. Injongo kaThixo yokuzandisa kukuzonwabisa kwaye eyethu indima kukumnika olo lonwabo. Leyo yindawo yethu eyiyo kwaye yeyona njongo yokudalwa kwethu. Umonwabisi nomonwatyiswa bathabatha inxaxheba elonwabeni, lowo unikwa ulonwabo kunye nalowo unika ulonwabo basezingqondweni, kodwa ukuba sezingqodweni kwalowo unika ulonwabo kungaphantsi kwalowo unikwa ulonwabo. Nangona u-K��Ša enguLowo engumonwatyiswa kwaye thina singabonwabisi, wonke umntu unokuthabatha inxaxheba ngokulinganayo kolulonwabo. Ulonwabo lwethu lunoku-gqibelela kuphela xa sithabatha inxaxheba ekonwabiseni uThixo. Asisokuze sizonwabise sodwa kwiqonge lomzimba.
Asiyiyo Lemizimba 13
I-Bhagavad-g…t€ iyalugxibha ulonwabo lomhlaba kwiqonga lomzimba womhlaba.
m€tr€-spar�€s tu kaunteya�…to�Ša-sukha-duƒkha-d€ƒ
€gam€p€yino 'nity€st€ˆs titik�asva bh€rata
“He nyana ka-Kunt…, ukuvela kwethutyana kobushushu nokubanda, ulonwabo nenxwaleko, kwanokusithela kwazo kufana nokufika nokudlula kobusika kunye nehlobo. Kuvela ngokuviwa zizivo, He nyana ka-Bh€rata, kwaye ubani makafunde ukuzinyamezela ngaphandle kokuphazamiseka.” (G…t€ 2. 14)
Lomzimba ubonakalayo womhlaba uziziphumo zokudibana kweempawu zendalo yomhlaba, kwaye, isiphelo sawo yintshabalalo.
antavanta ime deh€nityasyokt€ƒ �ar…riŠaƒan€�ino 'prameyasya
tasm€d yudhyasva bh€rata
“Kuphela nje ngumzimba womhlaba wento engatshabala-liyo [umphefumlo], engafiyo, ephilanaphakade, otshabalalayo; ngako oko [phakama] ulwe, He nzalelwano ka-Bh€rata.” (G…t€ 2. 18)
Ngako oko u-®r… K��Ša uyasikhuthaza ukuba siyeke ukucinga ukuba siyimizimba koko siphile obona bomi bethu bububo, ubomi bomphefumlo.
14 Ngaphaya Kokuzalwa Nokufa
INkosi u-®r… K��Ša Caitanya Mah�prabhu yavela izekufundisa izinto eziphilayo ukuculwa kwe-Hare K��Ša mah�-mantra, ukuze zibenako ukukhululeka kwiimbandezelo zomhlaba.
Asiyiyo Lemizimba 15
guŠ€n et€n at…tya tr…ndeh… deha-samudbhav€n
janma-m�tyu jar€-duƒkhairvimukto 'm�tam a�nute
“Xa lowo usemzimbeni [umphefumlo] enako ukuqabela ngaphaya kwezimpawu zintathu [ukulunga, ukuvutha, kunye nokungazi], unokukhululeka ekuzalweni, ekufeni, ekugugeni kunye nakwiinkxwaleko [zasemhlabeni] kwaye angcamle incindi kwakobu ubomi.” (G…t€ 14. 20)
Ukuze sizinze kwi-brahma-bh™ta emsulwa (Bh€gavatam 4. 30. 20), iqonga elingcwele, ngaphaya kweempawu ezintathu, masilandele inkqubo yokubasezingqondweni ngo-K��Ša. Isipho sika-Caitanya Mah€prabhu, ukuculwa kwamagama ka-K��Ša — i-Hare K��Ša, Hare K��Ša, K��Ša K��Ša, Hare Hare/ Hare R€ma, Hare R€ma, R€ma R€ma, Hare Hare — siyenza lula le nkqubo. Le ndlela ibizwa ngokuba yi-bhakti-yoga okanye i-mantra-yoga, kwaye ilandelwa zingcwele ezinkulu. Indlela iingcwele ezithi ziqonde ngayo ubuzona ngaphaya kokufa nokuphila, ngaphaya komzimba womhlaba, kwanokuzitshintshela kwiyunivesi engcwele zisuka kwiyunivesi yomhlaba zizihloko zezizahluko zilandelayo.