nazo kufuneka zilale. jonga ezi nyani zimnandi. sikhule ......ezinye izilwanyana zilala kumatonela...
TRANSCRIPT
76 OKTOBHA 2018 - ACKERMANS
IDIT
YAN
ISW
E Y
I-MA
RTIN
A P
OLL
EY A
ND
SH
AM
ILA
H P
ETER
SEN
IMAG
ES G
ALL
O IM
AGES
/GET
TY IM
AGES
, FRE
EPIK
IMIT
HO
MBO
MN
N.C
OM
, K
IDS.
BRIT
AN
NIC
A.C
OM
, HEA
LTH
YSLE
EP.M
ED.H
ARV
ARD
.ED
U, S
LEEP
FORK
IDS.
ORG
, MY
ENG
LISH
TEAC
HER
.EU
, MEN
TALF
LOSS
.CO
M
IZILWAN-YANA
Ukulala kubalulekile njengokuba kusinceda sikhule kwaye sihlale sinempilo. Izilwanyana
nazo kufuneka zilale. Jonga ezi nyani zimnandi.
ZILALA NJANI
PHANTSI KWELANGA Iinyosi Izinja Iinkawu Uninzi lweentaka Ii-Warthogs
Izilwanyana ezithi qwa emini zibizwa ngokuba zi-diurnal. Njengathi
zilala ebusuku.
UNINZI LWEENTLAZI AZINAZO IINKOPHE.
UBUSUKU
Nantsi eminye imizekelo:
Izilwanyana ezithi qwa ebusuku
zibizwa ngokuba zi- nocturnal.
IMINI &
EZINYE IZILWANYANA ZILALA KUMATONELA APHANTSI
KOMHLABA ABIZWA NGOKUBA YIMINGXUMA
YEZILWANYANA.
PHANTSI KWEEN-KWEKWEZI Ii-Aardvarks Amalulwane Impungutye Isilwanyana
esifana nencanda Isikhova Iincanda
EZINGAPHANTSI Imingxuma yezilwanyana
ngamatonela aphantsi komhlaba apho ezinye izilwanyana ezifana nemivundla neencanda zilala khona. Kwakhona zingena kule ndawo ukuzifihla kwiziqwenga nokubaleka ubushushu bemini.
Iintlanzi zilala zivule amehlo, kuba (ngaphandle kwabanye ookrebe)
azinazo iinkophe! Zibuyela kufutshane emazantsi emanzini,
zihambe nje kancinci ukuze ziphefumle.
Masifunde LUSAPHO
UNGASIBAMBA ISANDLA SAM? Iintini zaselwandle zithandeka kakhulu.
Zilala ngemiqolo ngambini okanye amaqela. Kwaye ukuqinisekisa ukuba
azihlukani, zibambana ngezandla.
UKUFUKAMANgexesha leenyanga ezibanda kakhulu
(ingakumbi kwisiqingatha somhlaba osemantla apho kukhithika khona), ezinye izilwanyana, ezifana neentini
zasemhlabeni nezinye izilwanyana ezifana nencanda ziyafukama. Oku kuthetha
ukuba ziye zibe kobunzulu ubuthongo, iqondo lobushushu bomzimba wazo
liyehla kwaye ukubetha kwentliziyo yazo kuyehla – ngenyani zibonakala ngathi
zifile! Xa imo yezulu iya ibashushu, zibuyela kwizenzo zazo zesiqhelo.
INTLOKO ELELEYO!Sesiphi isilwanyana esifuna ukulala
kakhulu ngemini?
AMAGALA AYOMBATHANA
UKUFUMANA UBUSHUSHU.
UNOMATSE
ISILWANYANA ESIFANA
NENCANDA
IINTINI ZASELWANDLE ZIBAMBANA
NGEZANDLA XA ZILALA UKUZE ZIHLALE
NDAWONYE ELWANDLE.
Ukuhlala endaweni enye kwesilwanyana
luguqulelo lokufukama ebusika
kodwa lwenzeka ehlotyeni. Ezinye izilwanyana ziye
zibe kwimeko yokulala (zingaze zisuke) ukubaleka
amaqondo obushushu
aphezulu kakhulu.
INYANI EHLEKISAYO
JONGAIinguza zineqhinga elithile: Zilala ilihlo elinye lijongile. Ilihlo lasekhohlo liyavaleka xa ihafu yengqondo esekunene ilele kwaye ilihlo lasekunene liyavaleka xa ihafu yengqondo esekhohlo ilele. Ilihlo elivulekileyo ligada iziqwenga kwaye ihafu yengqondo ‘ethe qwa’ ikhumbuza inguza ukuba iphumele ngaphandle xa ifuna ukuphefumla.
UBUSAZI? Iinguza zizilwanyana ezincancisayo –
azikwazi ukuphefumla phantsi kwamanzi.
Indlulamthi 1 – 2 iiyure (zimane zilala kancinci imizuzu emihlanu imini yonke)
Ihashe 3 iiyure
Indlovu 4 iiyure
Inja 10 iiyure
Ikati 12 iiyure
Ingwe 15 iiyure
Ilulwane lasemini 20 iiyure
ZIYAPAKISHANA!Ebusuku amagala elinye liba phezu kwelinye ukuze ahlale
eshushu xa elele. Awalali kwindawo evulekileyo, kodwa kwimingxuma yezilwanyana. Iinjana ezincinci, oonomatse
kunye namalulwane nazo ziyombathana ukuze zibe
shushu xa zilele.