ingxelo eya eluntwini - western cape · pdf filethina singoobani? silisebe loorhulumente...

1
Thina singoobani? SiliSebe looRhulumente baseKhaya leNtshona Koloni. Ngubani ophetheyo? nguMphathiswa wethu uAnton Bredell. Ungusopolitiki onyuliweyo. Uxanduva lomsebenzi wakhe kukukhokela iinkqubo zeli Sebe ukuze zihambelane nemigaqo-nkqubo yeSizwe neyePhondo. INtloko yeli Sebe nguGqr Hildegarde Fast. Ungumntu osebenzela uluntu, kwaye waqeshelwa ukuqinisekisa ukuba eli Sebe liyayiphumeza imiyalelo yoMphathiswa neyoRhulumente ngokufanelekileyo nangokuchanekileyo. Saqhuba njani ngo-2010/2011? Ingxelo eya eluNtwini 2011/12 Injongo yethu ephambili Eli Sebe linoxanduva lokukhuthaza ulawulo olululo nokuphucula inkonzo ezisiwa koomasipala. INkqubo iThusong InooManejala beZiko abangama-24 abaqeqeshwa kulawulo lwabaLawuli abakwinqanaba lokuqala nakwiNkqubo yoPhuhliso. Mathathu (3) amaziko eThusong avulwayo. Zanatyiselwa nakwezinye iindawo iinqwelo ezingooNojikeleza zeThusong ezingama-24 ukuze kuncedwe abantu abangama-37 000 ngeenkonzo. INkqubo yoPhuhliso lwaBasebenzi boLuntu Zafumana inkxaso iiprojekthi zoluntu ezingama-39 – apho kubandakanywa neeprojekthi zomthungo, izitiya zemifuno, iifama ezincinane zasemva kwendlu zokufuya iinkuku, ukuyilwa kwezicwangciso zokusebenza neeprojekthi zeendawana zokuthengisa izityalo nezitiya zemichiza njalo njalo. Zingama-22 967 iimeko ezathunyelwa kwiindawo zoncedo zorhulumente ukuze zincedwe ngolwazi kwanangeenkonzo ngokunjalo. Zingama-336 iiseshini ezenziwayo zokuxhobisa ngolwazi – izihloko ezichaphazelekayo ziquka imixhaso karhulumente, ukusetyenziswa kweziyobisi, imali zesondlo sabantwana, amathuba ezoqoqosho, ukuvelisa amathuba omsebenzi, imililo nezantyalantyala, ukukhulelwa kolutsha namalungelo abantu abadala. Zili-15 iinkqubo zenkxaso ezenziwayo. Intatho-nxaxheba yoLuntu Bangama-25 oomasipala abafumana inkxaso ngenxa yokumiselwa kweekomiti zewadi. OoMasipala abali-9 banika inkxaso kwiNkqubo yokuMiselwa kweKomiti yeWadi. OoMasipala aba-6 banika inkxaso kwiinkqubo-qhinga zonxibelelwano. UCwangciso loPhuhliso oluHlanganisiweyo - Integrated Development Planning (IDP) Zine (4) iinkqubo zenkxaso ezenza oomasipala ukuba bancedise kucwangciso lomasipala: Inkqubo yokufunda kwangaxesha kuqeqeshelwa umsebenzi yeIDP, iiForam zooManejala ze-IDP, Inkqubo yokuQeqeshelwa uHlalutyo yeIDP kunye neNkxaso yokuSebenza ngokwenza yeIDP. Zingama-27 ii-IDP zomasipala ezibalelwa njengezizizo nezikwaziyo ukusebenzeka. Kwamiswa iSakhelo esinye (1) sohlalutyo lwe-IDP. Ba-5 ooMasipala abanika inkxaso ngokuyilwa kweziCwangciso zoPhuhliso lwezobuMelwana. Bangama-29 ooMasipala, eli-12 amasebe ephondo, ama- 4 amasebe karhulumente wesizwe, ze ama-3 amashishini karhulumente aye athatha inxaxheba kucwangciso lwe-IDP Indaba 2. UBudlelane phakathi kwamasebe ooRhulumente Zis-7 iintlanganiso ezahlalayo zamasebe ohlukeneyo oRhulumente, ezinjengezi: - iMINMAYTECH: iForam yoMphathiswa wePhondo woRhulumente wezeKhaya kunye nooSodolophu bezoLawulo. - iMINMAY: iForam yeNtloko yeSebe kunye nooManejala bakwaMasipala. - iPCF: iForam yoNxulumaniso yeNkulumbuso. UMthetho Kwaqululwa uMthetho omnye (1) wePhondo, oyiWestern Cape Privileges and Immunities of Councillors Act, 7 of 2011. Iinkqubo ezimbini (2) zenkxaso zorhulumente waseKhaya: - Kwenziwa iNdawo yoNcedo yePhondo enye (1) kulungiselelwa imibuzo. - OoMasipala abangama-30 bazisa umanejala ophezulu wesebe ukunika inkxaso kwiintlanganiso zokuqala zeBhunga. Isibhozo (8) iMithetho yoMasipala eyayilwayo engeZinto zoLonwabo zoLuntu, iiNKonzo zokuLondolozwa kweZilwanyana, nezoCoceko kunye nokuThuthwa kweLindle, ukuLondolozwa kweeNyozi, ukulawula eKhathaza uLuntu, uMhlaba neZikiti. uLawulo lweNtlekele Kwenziwa iinkqubo ezintandathu (6) zenkxaso ukuqinisekisa ukusebenza kwamaZiko oLawulo lweNtlekele. Kwenziwa iinkqubo ezintathu (3) zenkxaso: - Iimpuphuma eEden, eCape Winelands, naseOverberg - Uqhambuko lomkhuhlane weeNtaka - Ukunqaba kwamanzi eOverstrand Bafumana inkxaso oomasipala abathandathu (6) ukuze kufakwe iZigaba zoLawulo lweNtlekele kwii-IDP. Afumana uqeqesho amaQela amabini (2) ajongene nokuKhawulelana neeNgxaki eqeqeshelwa ukuhlangula kwizakhiwo ezidilikileyo nasemiseleni. Zingama-25 iiNgcali zoHlangulo ezaqeqeshwayo. Zimbini (2) iinkqubo zenkxaso ezenzelwa iSebe lezeMpilo neAirports Company SA (ACSA) ukuze kuqulunqwe iiNkqubo-qhinga zoLawulo lweNtlekele. INkxaso yoMasipala Balishumi elinanye (11) abaXhamli kwibhasari abaBhaliswayo kwiNkqubo yeeBhasari kaMasipala. Zine (4) iiprojekthi ezaphunyezwayo zoBume beQumrhu. Zimbini (2) iinkqubo ezadityaniswayo zentsebenziswano kunye necandelo langaphandle ukuze kuphunyezwe uQeqesho lukaCeba neeProjekthi eziHlanganyelweyo. Zimbini (2) iinkqubo zoqeqesho kwezobunkokeli ezenziwayo apho kwaye kwaqeqeshwa ooCeba abangama-80. IziBonelelo zoMasipala Kwenziwa isikhokelo esinye (1) sokuxhasa ngezimali izibonelelo zomasipala. Ama-99.77% oncedo-mali kaMasipala asetyenziswa kwizibonelelo zeenkonzo ezisisiseko.

Upload: hahuong

Post on 30-Jan-2018

216 views

Category:

Documents


0 download

TRANSCRIPT

Page 1: Ingxelo eya eluNtwini - Western Cape · PDF fileThina singoobani? SiliSebe looRhulumente baseKhaya leNtshona Koloni. Ngubani ophetheyo? nguMphathiswa wethu uAnton Bredell. Ungusopolitiki

Thina singoobani?SiliSebe looRhulumente baseKhaya leNtshona Koloni.

Ngubani ophetheyo? nguMphathiswa wethu uAnton Bredell. Ungusopolitiki onyuliweyo. Uxanduva lomsebenzi wakhe kukukhokela iinkqubo zeli Sebe ukuze zihambelane nemigaqo-nkqubo yeSizwe neyePhondo. INtloko yeli Sebe nguGqr Hildegarde Fast. Ungumntu osebenzela uluntu, kwaye waqeshelwa ukuqinisekisa ukuba eli Sebe liyayiphumeza imiyalelo yoMphathiswa neyoRhulumente ngokufanelekileyo nangokuchanekileyo.

Saqhuba njani ngo-2010/2011?

Ingxelo eya eluNtwini2011/12

Injongo yethu

ephambiliEli Sebe linoxanduva lokukhuthaza ulawulo olululo nokuphucula

inkonzo ezisiwa koomasipala.

INkqubo iThusong

InooManejala beZiko abangama-24 abaqeqeshwa kulawulo lwabaLawuli abakwinqanaba lokuqala nakwiNkqubo yoPhuhliso.

Mathathu (3) amaziko eThusong avulwayo.

Zanatyiselwa nakwezinye iindawo iinqwelo ezingooNojikeleza zeThusong ezingama-24 ukuze kuncedwe abantu abangama-37 000 ngeenkonzo.

INkqubo yoPhuhliso lwaBasebenzi boLuntu

Zafumana inkxaso iiprojekthi zoluntu ezingama-39 – apho kubandakanywa neeprojekthi zomthungo, izitiya zemifuno, iifama ezincinane zasemva kwendlu zokufuya iinkuku, ukuyilwa kwezicwangciso zokusebenza neeprojekthi zeendawana zokuthengisa izityalo nezitiya zemichiza njalo njalo.

Zingama-22 967 iimeko ezathunyelwa kwiindawo zoncedo zorhulumente ukuze zincedwe ngolwazi kwanangeenkonzo ngokunjalo.

Zingama-336 iiseshini ezenziwayo zokuxhobisa ngolwazi – izihloko ezichaphazelekayo ziquka imixhaso karhulumente, ukusetyenziswa kweziyobisi, imali zesondlo sabantwana, amathuba ezoqoqosho, ukuvelisa amathuba omsebenzi, imililo nezantyalantyala, ukukhulelwa kolutsha namalungelo abantu abadala.

Zili-15 iinkqubo zenkxaso ezenziwayo.

Intatho-nxaxheba yoLuntu

Bangama-25 oomasipala abafumana inkxaso ngenxa yokumiselwa kweekomiti zewadi.

OoMasipala abali-9 banika inkxaso kwiNkqubo yokuMiselwa kweKomiti yeWadi.

OoMasipala aba-6 banika inkxaso kwiinkqubo-qhinga zonxibelelwano.

UCwangciso loPhuhliso oluHlanganisiweyo - Integrated Development Planning (IDP)

Zine (4) iinkqubo zenkxaso ezenza oomasipala ukuba bancedise kucwangciso lomasipala:

Inkqubo yokufunda kwangaxesha kuqeqeshelwa umsebenzi yeIDP, iiForam zooManejala ze-IDP, Inkqubo yokuQeqeshelwa uHlalutyo yeIDP kunye neNkxaso yokuSebenza ngokwenza yeIDP.

Zingama-27 ii-IDP zomasipala ezibalelwa njengezizizo nezikwaziyo ukusebenzeka.

Kwamiswa iSakhelo esinye (1) sohlalutyo lwe-IDP.

Ba-5 ooMasipala abanika inkxaso ngokuyilwa kweziCwangciso zoPhuhliso lwezobuMelwana.

Bangama-29 ooMasipala, eli-12 amasebe ephondo, ama- 4 amasebe karhulumente wesizwe, ze ama-3 amashishini karhulumente aye athatha inxaxheba kucwangciso lwe-IDP Indaba 2.

UBudlelane phakathi kwamasebe ooRhulumente

Zis-7 iintlanganiso ezahlalayo zamasebe ohlukeneyo oRhulumente, ezinjengezi:

- iMINMAYTECH: iForam yoMphathiswa wePhondo woRhulumente wezeKhaya kunye nooSodolophu bezoLawulo.

- iMINMAY: iForam yeNtloko yeSebe kunye nooManejala bakwaMasipala.

- iPCF: iForam yoNxulumaniso yeNkulumbuso.

UMthetho

Kwaqululwa uMthetho omnye (1) wePhondo, oyiWestern Cape Privileges and

Immunities of Councillors Act, 7 of 2011.

Iinkqubo ezimbini (2) zenkxaso zorhulumente waseKhaya:

- Kwenziwa iNdawo yoNcedo yePhondo enye (1) kulungiselelwa imibuzo.

- OoMasipala abangama-30 bazisa umanejala ophezulu wesebe ukunika inkxaso kwiintlanganiso zokuqala zeBhunga.

Isibhozo (8) iMithetho yoMasipala eyayilwayo engeZinto zoLonwabo zoLuntu, iiNKonzo zokuLondolozwa kweZilwanyana, nezoCoceko kunye nokuThuthwa kweLindle, ukuLondolozwa kweeNyozi, ukulawula eKhathaza uLuntu, uMhlaba neZikiti.

uLawulo lweNtlekele

Kwenziwa iinkqubo ezintandathu (6) zenkxaso ukuqinisekisa ukusebenza kwamaZiko oLawulo lweNtlekele.

Kwenziwa iinkqubo ezintathu (3) zenkxaso:

- Iimpuphuma eEden, eCape Winelands, naseOverberg

- Uqhambuko lomkhuhlane weeNtaka

- Ukunqaba kwamanzi eOverstrand

Bafumana inkxaso oomasipala abathandathu (6) ukuze kufakwe iZigaba zoLawulo lweNtlekele kwii-IDP.

Afumana uqeqesho amaQela amabini (2) ajongene nokuKhawulelana neeNgxaki eqeqeshelwa ukuhlangula kwizakhiwo ezidilikileyo nasemiseleni.

Zingama-25 iiNgcali zoHlangulo ezaqeqeshwayo.

Zimbini (2) iinkqubo zenkxaso ezenzelwa iSebe lezeMpilo neAirports Company SA (ACSA) ukuze kuqulunqwe iiNkqubo-qhinga zoLawulo lweNtlekele.

INkxaso yoMasipala

Balishumi elinanye (11) abaXhamli kwibhasari abaBhaliswayo kwiNkqubo yeeBhasari kaMasipala.

Zine (4) iiprojekthi ezaphunyezwayo zoBume beQumrhu.

Zimbini (2) iinkqubo ezadityaniswayo zentsebenziswano kunye necandelo langaphandle ukuze kuphunyezwe uQeqesho lukaCeba neeProjekthi eziHlanganyelweyo.

Zimbini (2) iinkqubo zoqeqesho kwezobunkokeli ezenziwayo apho kwaye kwaqeqeshwa ooCeba abangama-80.

IziBonelelo zoMasipala

Kwenziwa isikhokelo esinye (1) sokuxhasa ngezimali izibonelelo zomasipala.

Ama-99.77% oncedo-mali kaMasipala asetyenziswa kwizibonelelo zeenkonzo ezisisiseko.